xhosa.2436.gigs
UKHE ucinge nje ukuba yintoni eyenza iimvumi ezininzi zihlelwe ziingozi zendlela? Xa ufund' amaphepha-ndaba uya kuqaphela ukuba ezi ngozi zenzeka phakathi kuka-Agasti noDisemba nangeeholide zePasika ubukhulu becala.
Nemvumikazi enguLebo Mathosa yasweleka ngelo xesha engozini yemoto, ukanti noL'vovo wophuk' ingalo kwingozi yemoto eyasuba imiphefumlo emibini besinga e-OR Tambo Airport besiya kukhwel' inqwelo-moya eya eThekwini emva kokuba wayecula eDelmas.
NoSammy Malete owayeyimvumi yomculo wegospile wasweleka engozini yemoto egoduka esiya eFreyistata emva kokuyocula eMmabatho.
Ingaba uyabona ukuba zibufana iimeko zokuhlelwa ziingozi kwezi mvumi?
"Kaloku iimvumi zineenyanga ezintathu ukuya kwezine zokwenz' imali," utsho umcebisi wezomculo, uMpho Makhetha.
Ngelo xesha ke iimvumi zizama ukucula kwiindawo ezininzi ezikude ezahluka-hlukeneyo. Ngokutsho kukaMakhetha iimvumi ezininzi zenz' imali yokuziphilisa ngokucula kwiikhonsathi kunokuthengisa iiCD!
"Xa izinto ziyihambele kakuhle imvumi ingayenza i-R45 000 ngokucula kwiikhonsathi ezintandathu ngempela-veki.
"Imali yokuthengiswa kwecwecwe ayinakufika apho, kwaye ayifiki ngexesha elinye."
U-DJ Bobo umngqinele uMakhetha."Xa usala ukucula kwiindawo ezininzi kufana nokuba ulahla isonka sakho. Mna ndiyacula kwiindawo ezili-10 ngobusuku obunye," itshilo le mvumi ineenyanga ezimbini ihamba ngesitulo esinamavili emva kwengozi yeBMW yayo.
Uxinzelelo
URachel Moloi oneminyaka engaphezulu kwe-10 ekwishishini lomculo uthi bonke abantu abakweli shishini baxakekile.
"Xa ukwicandelo lentengiso okanye uyiPRO utsalwa ngapha nangapha ziimvumi zikhalaza ngendlela elithengiswa ngayo icwecwe layo. Nabaphathi bakho bayakungxolisa ngokungathengwa kwalo.
"Kukho iimvumi eziselula endizaziyo ezingamakhoboka amayeza entloko.
"Yiloo nto sibona eziny' iimvumi ziba ngamakhoboka eziyobisi notywala zithi ziphelisa ukudinwa kokuhamb' imigam' emide zingalali," utsho uMoloi obeququzelel' iikhonsathi zeemvumi ezinjegoSammy Malete, uOleseng, owangxwelerheka engozini yendlela, uMzambia noMatlakala And The Comforters.
"Ukuba nemali encinane bekusenza maxa wambi silale ekhumbini esihamba ngayo.
"Besikhe sibe neekhonsathi ezintathu ngempela-veki enye. Enye eBenmarie eMpumalanga, enye ibese-Ermelo ngentsimbi yesibini kusasa, enye ibeseThekwini ngo-10 kusasa, sisuke apho siye eThulamahashi eBushbuckridge!"
Xa kunjalo ke zingangenzeki iingozi kuze kufe abantu?
Ubuthongo
Kumaqela amancinane eemvumi umphathi wazo ukwangumqhubi, utshilo uMpho Makhetha. "Ingxaki ke kukuba njengabaqhubi abalali ngokwaneleyo. Balala emva kwekhonsathi baphinde bavuke kuqala baqhube kuyiwe kweny' indawo."
Cinga ngokwenzeka kwiqela lomculo wegospile, iGlory Of The Last Days, xa imoto ababehamba ngayo yabhukuqa kathathu besiya eThaba Nchu.
"Ndisoyika nangoku xa ndicinga ngento eyenzekayo," utsho uFaith Khanyile.
KwakungePasika besiya kucula kwinkonzo yayo.
"Ndandibala xa imoto yayibhukuqa kwaye ndicel' uThixo ukuba ayimise.
Yatyekeza abantu abahlanu ebantwini abasixhenxe ababekhwele kuyo.
NguFaith nomqhubi uSello Rakometsi owayeminxelwe sisteringi, ababesengaphakathi.
"USello wayelijaja ligazi, engasabeli xa ndimbiza."
Akuzikhulula ibhanti waya kufuna abantu ababehamba nabo.
"Ndabakhwaza, ndabafumana ngamnye ngamnye.Ndandithandaza, ndinexhala lokuba imoto akuyo uSello ingatsha."
Ngethamsanqa onke amalungu eli qela asinda. [x]
BONA XHOSA - April 2008
UBOMIBENENE
KUBHALE UFORCE KHASHANE
ULebo ushiye eli phakade esemtsha emva kwengozi yemoto.
Ungacinga ukuba izinto zizihambela lula iimvumi. Kodwa zifikelela njani kuzo zonke iindawo ekufuneka zicule kuzo ukuze zikwazi ukuziphilisa? Ukhe ucinge kona ukuba yintoni eyenza iimvumi ezininzi zife ezingozini zendlela?
Bafela ekonwabiseni abantu
Ngokutsho komcebisi kwezomculo, uMpho Makhetha, uninzi lweemvumi zenz' imali ngokucula kwiikhonsathi, hayi ngokuthengisa iiCD.
BONA XHOSA - April 2008
URay Phiri wamkelwa yingqondo iiveki ezimbini emva kwengozi yemoto.
U-L'Vovo wophuk' ingalo engozini yemoto.
