xhosa.2425.legalJan
BONA XHOSA - January 2007
Iingxaki Zomthetho
Ndiphethwe kabuhlungu
INGXAKI: 'Ndisebenzele ibhanki enkulu iminyaka engaphaya kwengama-20 kwicandelo lentengiso njengekontrakta ezimeleyo.
Umsebenzi wam wawunkqenkqeza phambili. Kungekudala zajik' izinto.
Ngethuba kusenziwa uvavanyo lomsebenzi wonyaka ndavavanywa ngumntu ongazi kwanto ngeenkqubo zekhompyutha ezisetyenzi-swayo wabe engazi kwanto nangomsebenzi wam.
Emva koko ibhanki ayizange indinike umsebenzi nto leyo yakhokelela ekuhleni komvuzo wam kuba ndandiwufumana ngokweeyure endizisebenzileyo.
Ndaxelelwa ukuba uvavanyo lomsebenzi wam alonelisi kwaye lo gama umsebenzi wam wokuyila wawamkelekile ngoko "ndandisenzelelelwa."
Andizange ndinikwe nkcazelo ngale nto yaye azange ndiqeqeshwe, ndicetyiswe okanye ndincedwe nganto. Ndayekwa nje kanjalo.
Saphelelwa isivumelwano sam nebhanki ndaza ndaxelelwa ukuba siza kuvuselelwa ngeenyanga ezintathu ize emva koko ndiyek' ukusebenza.
Baqhubeka nokundivimba umsebenzi.
Bandichwethela bucala okwento emdaka. Ngaba ikho into endingayenza kule meko"
ICEBISO LABAKWASCORPION:
I-Labour Court neCCMA zicelwa rhoqo ukuba zivavanye izivumelwano ezilawula ubudlelwane phakathi komqeshi nekontraka ezimeleyo yaye amaxesha amaninzi kufumaniseka ukuba abaqeshwa bavinjwa ukhuseleko abalunikwa yiLabour Relations Act okanye iBasic Conditions Of Employment Act.
Xa iNkundla ivavanya ityala ngalinye iye isebenzise "uvavanyo olunzulu lweempawu" ukuze ifumanise ukuba umntu lowo uyikontraka ezimeleyo na okanye ungumqeshwa wenkampani noxa nje sikho "isivumelwano."
Siyaqonda ukuba kweli lakho ityala uvavanyo luza kubonisa ukuba wena ubuqeshiwe yibhanki ngoko unelungelo lokufuman' ukhuseleko lweLabour Relations Act neBasic Conditions Of Employment Act.
Amathemba okuba ibhanki ingavuma ambalwa kakhulu yaye sikucebisa ukuba ufune igqwetha eliza kukumela.
Xa uhlangabezana nobunzima bokufuman' igqwetha yiya kwi-ofisi yakwaScorpion Legal Protection ekufuphi nawe apho uza kufuman' uncedo ukuze ufumane
igqwetha. [x]
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
