xhosa.1168.safety
Masibe neeholide ezingenangozi
Nangona nje ingekho indlela yokwenza ukuba abantwana bangonzakali kwaphela, kubalulekile ukuba ubakhusele ukuze bangonzakali kakhulu...
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS
kufote uCLIVE THOMPSON
SELE ziqalil' iiholide zesikolo zehlobo. Ziindaba ezimnandi ezo ebantwaneni kodwa eli xesha liza nenkxalabo ebazalini kuba njengoko iiholide zidla ngokubande kubakho iingozi ezininzi ezibavelelayo abantwana.
Ngokuqinisekileyo abazali abanakuhlala bexhalabile ngokhuseleko lwabantwana babo iholide yonke. Uninzi lweengozi zingathintelwa. Ukuthoba inani leengozi ezenzekayo ngeeholide kufuneka abazali babajonge ngeliso elibukhali abantwana babo yaye bazilungiselele ngokukuko iiholide.
P Ikhaya elikhuselekileyo: Abantwana abaninzi baziva bekhuselekile emakhaya kodwa kulapho iingozi ezininzi zenzeka khona neziye zikhokelele ekufeni kwabantwana. Ngeeholide abantwana benza yonk' into ngoko kufuneka umzali azibeke kwindawo angenakufikelela kuyo umntwana izinto ezifana nezokucoca indlu, iityhefu zasesitiyeni, izinto ezibukhali, ezombane, imatshisi, iparafini neziny' izinto ezenza umlilo.
P Ngaphandle: Kukho izinambuzane ezibhabhayo, ezilumayo nezisuzelayo phandle ezinobungozi xa zingalunyukelwanga.
Kuyingozi kakhulu ukulunywa yinyoka yaye abany' abantu bayaguliswa kukulunywa zizinambuzane ngoko ke kubalulekile ukubakhusela abantwana uze uziqaphele kwangoko iimpawu ezalatha ukuba umntwana ulunywe sisinambuzane. Xa umntwana engaphefumli, embatshile okanye ethimla biza i-ambulensi okanye umbalekise ekliniki.
P Lumkel' ilanga: Xa nihleli phandle lumkel' ukudinwa okubangelwa lilanga nokonzakaliswa yimitha yelanga. Xa abantwana besonganyelwa bubushushu baphelelwa ngamanzi emzimbeni yaye njengoko bona bengabili njengabantu abadala, abanayo indlela yokuzipholisa.
Ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni nokutshiswa kakhulu lilanga kuyagulisa. Zilumkele iimpawu ezifana nokudakumba, ukungazoli nobuso obubomvu kakhulu uze umse endaweni epholileyo umntwana onezi mpawu. Mselise kakhulu amanzi.
Kubhetele ubakhuphe kusasa okanye ngenjikalanga abantwana ukwenzela ukuba bangafunyanwa lilanga elinobungozi eliphakathi kwentsimbi ye-10 neyesi-3 malanga.
P Ukhuseleko emdlalweni: Ezinye zezinto ezonzakalisa abantwana zizixhobo zokudlala. Ezona zihamba phambili ekonzakaliseni abantwana abancinci xa bedlala zizinto zokutshebeleza. Basuka phezulu bawele ezantsi, babetheke okanye batshiswe ziintsimbi ezisemacaleni. Maxa wambi abantwana asele bethe dlundlu bayabonzakalisa ngempazamo abo bancinci ngokuthi bangene nabo endaweni encinci okanye bayeke ujingi kungekafaneleki.
Kubalulekile ukuba umzali aboluse.
P Ukuqubha: Akwenzeki ukuba usoloko umalusile umntwana kodwa kubalulekile ukuba umaluse kakhulu xa equbha.
Ungacingi ukuba abantwana abakwaziyo ukuqubha asoze barhaxwe. Kufuneka bajongwe ngeliso elibukhali xa bequbha.
Xa ubakhuphela elwandle base kulwandle olunabahlanguli. Bafundise ukuba bangaze bangene emanzini angaqhelekanga. Angakhangeleka engekho nzulu kuthi kanti kukho izinto ezinobungozi ngaphantsi kwamanzi ezingabonzakalisa abantwana.
PUkhuseleko emotweni: Ngexesha leeholide zehlobo iintsapho zizikhuphela kwiindawo ngeendawo zihamba ngeemoto yaye abantwana abaninzi babulawa ziingozi zeendlela. Angonzakala umntwana wakho xa engahlalanga kakuhle emotweni.
Bafundise ukunxiba amabhanti okhuseleko yaye kufuneka bahlale ezitulweni ezilungele iminyaka yabo (ungamsingathi).
Xa usiya kufutshane uyahendeka ungayilandeli imithetho kanti iingozi ezininzi zenzeka kufuphi nekhaya. Umntwana ngamnye makahlale esitulweni esilungiselelwe abantwana okanye anxibe ibhanti lokhuseleko xa limlingana. [x]
Iingcebiso zabazali abakhathazekileyo
u
BONA XHOSA - December 2005
Imidlalo yokutyibiliza yenza iingozi ezininzi.
t
BONA XHOSA - December 2005
Lumkel' ilanga...
Unyango olukhawulezayo lwabantwana
Maxa wambi kuba nzima ukubona xa umntwana efuna ukusiwa kugqirha ngaphandle kwaxa efa isiqaqa okanye esopha kanobom. Ukukhawulez' umncede xa onzakele kuthintel' iingxaki ezivela kamva.
Uncedo lukagqirha luyafuneka xa umntwana...
Esenz' izinto ezingaqhelekanga okanye engazenzi ezo aqhele ukuzenza.
Enengxaki yokungaphefumli kakuhle.
Enolusu okanye imilebe embatshileyo.
Exhuzula okanye emkelwa ziingqondo.
Enamazinyo agexayo okanye aphumayo okanye xa enomonzakalo omkhulu ebusweni nasemlonyeni.
Eneentlungu ezingapheliyo.
Emkelwa ziingqondo, ebhideka, enentloko ebuhlungu okanye ehlanza xa enzakele entloko.
Lonwabel' ihlobo ngokukhuselekileyo!
Ukuhlala elangeni elitshisa kakhulu kuyadinisa.
