xhosa.2416.legal dec
Iingxaki Zomthetho
Ndiphangela kwimeko emaxongo
INGXAKI: Ndingunobhala kwinkampani yeelori. Umanejala weelori omtsha uxelele abanye abantu endiphangela nabo ukuba andithembekanga, ndilixoki yaye uza kundigxotha.
Akukho mntu undithethisayo emsebenzini yaye ndihlaliswa 'kwi-ofisi' engcolileyo enekhompyutha engenazo iinkqubo zokusebenza - nto leyo yenza ndingakwazi ukusebenza.
Xa ndisiya kumanejala ndiyothetha naye ngale meko, usuka andingxolise athi mandiphume e-ofisini yakhe.
Ayikho inkqubo elandelwayo yokugqithisa izikhalazo kule nkampani yaye andazi ukuba ndithini ngoku. Ndicela uncedo.
ICEBISO LABAKWASCORPION:
Ngokucacileyo ukufika kwemanejala entsha kuze neenguqu ezimbi kwicala lakho. Kukhangeleka ngathi uzifumana ukwimo ekukhokelela ekubeni ushiye emsebenzini ngenxa yokuba maxongo kweemeko zokusebenza.
Ukugxothwa ngolu hlobo emsebenzini kuchazwa kumhlathi we-186(1)(e) weLabour Relations Act yaye uthi umsebenzi angayeka emsebenzini ngaphandle engaxelanga kuselithuba ngenxa "yomqeshi owenze iimeko zokusebenza zaba maxongo waza umsebenzi akakwazi ukumelana nazo."
Xa usithi iimeko azinyamezeleki kungenzeka ukuba omny' umntu angaziboni ngolo hlobo, umzekelo xa uye etyaleni eCCMA. Kodwa uvavanyo lwenkundla aluthathi cala lona. Zintathu izinto ezibalulekileyo xa kusenziwa olo vavanyo:
u Ngaba umqeshi ubengakwazi ukuzilawula ezi meko"
u Ngaba umsebenzi ubengenalo eliny' icebo ebenokulilandela"
u Ngaba ushiye emsebenzini ngenxa yokuphathwa kakubi ngumqeshi"
Sikucebisa ukuba udibane nomanejala wemicimbi yabasebenzi kwinkampani yakho. Xa engekho cela ukubonana nomnye wabalawuli abongameleyo ubek' izikhalazo zakho kuye. Xa engekho ofunayo ukudibana nawe okanye noxa sele udibene naye akukho mahluko kwimeko ophangela phantsi kwayo ube nawe ungakwazi ukuphangela phantsi kwazo ezi meko, kubhetele uwuyeke umsebenzi.
Kolo vavanyo kujongwa neleta yakho yokushiya emsebenzini ukuba uyibhale njani na. Sikucebisa ukuba ufune igqwetha eliza kukunceda ubhale ileta yakho yokushiya emsebenzini. [x]
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
