xhosa.2408.coffins
Imikhumbi efikelelekayo
Imingcwabo efikelelekayo
Asisekho isizathu sokuba usale ungenayo nepeni emva kokungcwaba isalamane sakho ngondiliseko
KUBALULEKILE kubemi beli ukungcwaba izalamane zabo ngondiliseko. Abantu bacinga ukuba xa ungcwaba isalamane ngomkhumbi wexabiso eliphantsi ubonisa ukungasikhathaleli kwaye loo nto iyakuphoxa ebantwini.
Bambalwa abayicingayo into yokokuba esi salamane silanduleleyo eli singavuya na xa sele nililifa lamatyala sisakungcwatywa.
Mhlawumbi le nto yenziwa ngabantu kuba befuna ukuzigwagwisa bekwanoloyiko lokuhlekwa ngabantu.
Ukanti ke xa uhlala edolophini iingxaki zakho ziyanda. Oomasipala abaninzi abanandawo yokungcwaba yaye urhulumente ufuna ukumisela umthetho oza kulawula iindlela zokungcwaba.
Kwezo ndlela ke kuquka leyo evus' umnyele ebantwini yokumbiwa kwamangcwaba emva kweminyaka emi-6 ukusa kweli-10 kuze kutshiswe iintsalela zemizimba. Xa loo nto isenzeka uya kube udlalise nje ngemali yakho ngokuthenga ilitye elidurayo eliza kutshatyalaliswa nje emva kweminyaka engephi.
Iindaba ezimnandi ke zezokuba ungawenza umngcwabo undiliseke ngexabiso elifikelelekayo!
Ixabiso elifikelelekayo
Isebe lezoLimo nokusiNgqongileyo eKZN kunye neWorking for Water bavelisa imikhumbi efikelelekayo kwinkqubo yabo iInvasive Alien Species.
Le mikhumbi yenziwa ngamaplanga afunyanwa kwizityalo ezingafunekiyo nezandayo yaye athatyathwa KwaZulu-Natal Midlands kunjalonje anceda ukutshabalalisa ezi zityalo.
Le mikhumbi ithengiswa ngexabiso eliphantsi kakhulu kunelaleyo eqhelekileyo - amabandla angathenga "iikiti zemikhumbi" aze aqeqeshe uluntu ukuze luyigqibezele luze luyithengise nto leyo iza kuvula amathuba emisebenzi.
"Amahlwempu kweli loMzantsi Afrika anyanzeleka ukuba athenge imikhumbi exhomileyo ngexabiso ibe ikho imikhumbi enexabiso elifikelelekayo," utsho uBheki Dlamini wenkqubo yeInvasive Alien Species.
Le mikhumbi ixabisa phakathi kwe-R350 ukusa kwi-R850.
Kukhuselwa abathengi
Udlamini uthi bavela neli cebo ngenxa yezikhalazo zokuxhoma kwexabiso lemingcwabo.
"Ukuphuma kweemali ze-inshorensi kwenza abantu benze amatheko xa bengcwaba nto leyo ifaka uxinzelelo kwabo bahlwempu batsho bavuthulule yonk' imali abanayo xa bengcwaba - kungenjalo bahlekwe ngabantu kuba kusithiwa abakwazanga ukungcwaba isalamane sabo ngondiliseko."
Le mikhumbi ayizuthengiswa naphi na ukuze kukhuselwe abantu abaxakekileyo kungadlalwa ngabo kuba beswele.
Iza kusiwa kwimibutho yenkonzo yasekuhlaleni.
"Le mibutho iza kusebenzisana neenkokheli zoluntu ukuqinisekisa ukuba abantu bangcwaba izalamane zabo ngondiliseko kodwa ngexabiso elifikelelekayo," utsho uDlamini.
Le mibutho ayizukhusela abantu ukuze bangathengi imikhumbi ebakhuntyula imali enkulu kuphela koko iza kuveza amathuba emisebenzi eluntwini kwanokuqinisekisa ukuba abo bafelweyo baza kumelana neendleko zomngcwabo.
Kwamany' amaphondo
Okwangoku le nkqubo iseKZN kodwa iza kunwenwela nakwamanye amaphondo.
Enye into eza kwenziwa yimikhumbi "emcaba" eyenza kubelula ukuthwalwa kwemikhumbi xa isiwa kwiindawo ngeendawo.
I-WfW iceba ukwenza ubudlelwane neenkokheli zoluntu ukuze inike abantu abasweleyo imikhumbi xa bengcwaba.
Zininzi izizathu zokuba kwenziwe imingcwabo efikelelekayo kodwa esona sibalulekileyo kukuba ubomi bomntu abunaxabiso.
Awulubonisi uthando lwakho emntwini ngokumenzela umngcwabo wexabiso elixhomileyo - uthando ulubonisa kubo ngelixa besadla amazimba. [x]
BONA XHOSA - June 2007
Ukwenziwa kwale mikhumbi.
Kusetyenziswa imithi engafunekiyo.
kubhale uTANIA SANDBERG
