xhosa.2402.ambi
B3495/07
INYATHELO 1: Lucoce
Hlamba ubuso ngeAMBI® Skin Clearing Oil Control Cleansing Bar (R6.25)
okanye ngeSkin Clearing Oil Control Facial Wash (RSP: R13.95) yonke imihla ukuze ususe ukungcola ne-oyile eqokeleleka kulusu lwakho. Uya kubuva bucocekile, buvuselelekile kwaye busempilweni.
INYATHELO 2: Lufumise
Nkqu nolusu olunyinyithekayo luyakufuna ukuthanjiswa ukuze luhlale luthambile, lusempilweni yaye lungenamabala. Wakulucoca luthambise ngesithambiso esiya kulondla kodwa esingenamafutha njengeAMBI® Natural Colour Cream for Normal to Oily Skin, okanye iAMBI® Natural Colour Cream for Very Oily Skin.
I-AMBI® Natural Colour Creams (R13.95) inceda ukugcina ibala lolusu lendalo kwaye ineSPF8 ethintela ukuba mnyama kolusu kukutshiswa lilanga. Ukungabi namafutha kwayo kuyenza ingene lula kulusu lwakho, ukanti ayilushiyi lumenyezela. IkwanoVitamin E owenza ulusu lwakho luthambe, lugude yaye lubesempilweni.
® Trademark of JOHNSON & JOHNSON © J & J (Pty) Ltd 2007. Ngezinye iinkcukacha, fowunela ku-0860 410 032 (sharecall)
Iimveliso zeAMBI® zifumaneka kwiisuphamakethi neevenkile eziphambili nakwiivenkile zakwaDis-Chem nasezikhemesti.
Xa ulusu lwakho lunyinyitheka, yiba nenkqubo yokulunonophela yonk' imihla ngeemveliso zeAMBI® ezilungele ulusu lwakho.
Yinyaniso emsulwa ukuba ulusu lwabantu alunakunonophelwa ngendlela efanayo. Amabhinqa antsundu anolusu oluhle olutyebileyo nolufuna ukunonophelwa ngendlela ethile
PHELISA AMABALA!
Uphando olwenziwe ngabakwaJohnson & Johnson lubonisa ukuba ulusu oluntsundu lune-oyile kakhulu. Oko kuthetha ukuba nangona lungakhathazwa yimibimbi - inkathazo yalo kukunyinyitheka, amachaphaza namabala. Imelanin yimveliso yendalo eyenza ulusu lube nebala elintsundu, kodwa yenza ulusu lube namabala namachaphaza ashiywa ngamaqhakuva nokunye ukwenzakala kolusu okungephi.
Ngoko kubalulekile kumabhinqa antsundu ukuba asebenzise iimveliso zokunonophela ulusu ezenzelwe ukuvumelana neemfuno zawo, njengeemveliso ezintsha zeAMBI® ezenziwa ziingcali ekunonopheleni ulusu zakwaJohnson & Johnson. [x]
inqaku lentengiso
