xhosa.2401.yourlifeguide_breast
Ulwazi ngokwandisa amabele
Nokuba ufuna ukutyandwa okanye unomdla nje wokwazi ngalo, naku omel' ukwazi ngotyando lwamabele kweli loMzansi
OLU tyando luthatha malunga nemizuzu engama-90. Kusikwa inxeba elingange-2,5cm ubude phantsi kweengono kuze kufakwe phakathi kwebele ngalinye isingxobo ezincinci esigcwaliswe ngesilikhon okanye ijel ukuwongeza amabele.
Unako ukuwaphakamisa uwamise okanye uwanciphise, kodwa ixesha elininzi abantu xa bethetha ngolu tyando bathetha ngokwandisa amabele.
Emva kotyando iingono zakho ziza kuba ndindisholo, kodwa emva kweenyanga ezintandathu, iza kuphela loo nto utsho ugqirha owenza olu tyando eJoburg uGqr. Braun kwiWebsite yakhe ethi www.drbraun.co.za. Ukwathi uza kuziqhela ezi zingxobo emva kweenyanga ezimbini zokuqala ukuya kwezintathu - amabela akho aqale avakale "njengaqhelekileyo".
Ungabuyela emsebenzini emva kweentsuku ezimbalwa. Noxa uvumelekile ukuyinxiba ibhodisi - kodwa wena nesinqanda-mathe sakho - zamani ukungawaphathi amabele de kube semva kweeveki ezintathu.
Olu tyando luxabisa i-R30 000 ukuya kwi-R35 000.
Kodwa phambi kokuqokelela imali yokwenza olu tyando umel' ukwazi ukuba luza neengxaki ezikubeka engozini.
Noxa uphando lubonakalisa ukuba akukho nto idibanisa ukwandiswa kwamabele nomhlaza, ungazibona sele ujongene nezinye iingxaki.
Umzekelo, babalelwa kuma-40% abantu abakhulisa amabele baze bagqibele sebenyanzeleka ukuba benze olunye utyando ukulungisa into engahambanga kakuhle kutyando lokuqala.
IFood And Drug Administration (FDA) ejonga izinto ezilolu hlobo e-USA ifumanise ukuba ezinye zezizingxobo zigqabhuka ingekapheli neminyaka emithathu.
Nawe ungazigqabhuza ngokwakho. Ukuwa nje okungakushiya nomkrwelo ongephi kungenza umonakalo omkhulu, kugqabhuze amabele akho afakelweyo. Kwaye ngokuya lisiba lide ixesha ahleli ngalo emzimbeni ngokuya esiba maninzi amathuba okuba agqabhuke, okanye avuze.
Enyanisweni, i-FDA ifumanise ukuba iingxaki ziya ngokwanda ngokuya lisiba lide ithuba ezi ngxowa zihleli emzimbeni.
Kweli ukutshintshwa kwezi ngxowa notyando lokuqala kuphantse kufane ngexabiso.
Okunye, oogqirha abanako ukuqiniseka ukuba uza kubanakho ukuncancisa emva kolu tyando. [x]
Umbhali: Ntokozo Maseko
EZEMPILO
Ngo-kuya lisiba lide ixesha izi-ngxobo zisemzi-mbeni ngokuya esiba maninzi ama-thuba okuba zigqa-bhuke
UYALUMKISWA!
EMzantsi Afrika, akunguye nowuphi ugqirha onako ukulwenza olu tyando. Kufuneka ugqirha aqeqeshwe eminye iminyaka emihlanu ukuze akwazi ukuba ngugqirha owenza utyando lokuzenza mhle opheleleyo. Kuluxanduva lwakho ukuqinisekisa ukuba ugqirha omsebenzisayo usemthethweni. Qiniseka ukuba ungugqirha obhaliswe ngokusemthethweni nombutho woongqirha owaziwayo. Malunga nama-98% oogqirha beli abenza utyando lokuzenza mhle babhaliswe ngokusemthethweni nombutho i-Association
Of Plastic And Reconstructive Surgeons Of Southern Africa.
CINGA KABINI!
Phambi kokuba uphuphe ngamabele amakhulu, cinga ngezi zinto zingakufaka engozini zilandelayo neengxaki ezitshiwo nguGqirha waseKapa owenza olu tyando uGqr. Paul Skoll kwiwebsite yakhe ethi www.plasticsurgeon.co.za:
Utyando luhamba nobungozi: Ukuhlaselwa sisifo sentliziyo, istrowukhi nezinye iingxaki zingalandela emva kotyando - ngoko kufanele womelele ubesempilweni phambi kokwenza utyando lokwandisa amabele. KwiWebsite yakhe, uGqr. Skoll uthi asibatyandi abantu abatyebe kakhulu okanye abangakuyekanga ukutshaya iiveki ezine ubuncinane phambi kotyando.
Amabele afakelweyo akahlali unaphakade: Utyando lokuwasusa okanye ukuwatshintsha lungafuneka.
Utyando lukushiya unesiva: Nakuba nje iziva ezininzi zifihliwe kwaye ziza kuphela ngokuhamba kwexesha, ezinye iziva ziyadumba zicace, ingakumbi xa umnyama.
Izifo : Kungenzeka ukuba ezi ngxowa zisuleleke zizifo. Ukuba oku kuyenzeka kufuneka zisuswe iinyanga ezintathu ukuya kwezintandathu.
Ukonakala komthambo-luvo: Umthambo-luvo ungonakaliswa lutyando zishiyeke iingono zindindisholo umphelo.
Ukubonwa komhlaza: Olunye uhlobo lwezingxobo ezifakelwayo zenza kubenzima ukubona umhlaza webele. UGqr. Skoll ucebisa ukuba iziguli ezingaphezulu kweminyaka engama-40 ukuba zenze imammogram (i-X-ray yebele ebona izilonda zomhlaza ezincinane kakhulu ukuba ungaziva xa uzivavanya ngokwakho) phambi kotyando.
Intshukumo: Ezi ngxowa ziyashenxa zisuke endaweni yazo kude kufuneke utyandwe kwakhona, ngenye imali, ukulungisa oku.
