xhosa.2392.thapelo
Uyinzwana engenasiphako!
BONA XHOSA - October 2007
UThapelo Mokoena usincokolele ngomsebenzi wakhe, ukuthanda kwakhe umculo wombaqanga kwanomthi azalelwa phantsi kwawo...
kubhale uJENNI O'GRADY kufote uJOHN HODGKISS
UThapelo uthi zigqithile iintsuku zokuhamba iiklabhu kwaye uthanda ukuhlala nabahlobo bakhe bazincokolele, bahleke bamamel' umculo omyoli.
Esinye sezidlo ezonwatyelwa ngabantu abathatha inxaxheba kwiFear Factor.
UTHAPELO Mokoena ufike ngexesha kwindawo yokutyela ebesiza kudibana kuyo senze udliwano-ndlebe. Ndathi xa ndibalisela umhlobo wam ukuba ndiza kuba nodliwano-ndlebe noThapelo wazala luchulumanco.
"Unethamsanqa ntombi, yinzwana kaloku leyo," watsho endixelela ngale nzwana eyakhe yancamisa uKarabo kwiGenerations.
UThapelo waba ngumsasazi wokuqala ontsundu weFear Factor kwaye ukhe wadlala kumabali aliqela adumileyo.
Ukhe watyelela kwiilali zaseAfrika kunye neMTV belumkisa ngeAIDS.
"Abantu abaninzi bandibulisa nje bagqithe. Kodwa xa ndityelele kwiidolophana ezincinci abantu bandivuyela kakhulu," utshilo ehleka.
Wazalelwa eLadysmith kusapho lwabantwana abalithoba abangamakhwenkwe namantombazana amabini kwaye uzichaza njengendoda yomSuthu eyakhulela KwaZulu-Natal.
Umthi
Wazalelwa phantsi komthi. Ngelo xesha ke kwakungekabikho neeselfowuni kwaye unina walunywa engekho uyise kwaza kwafuneka alinde de kubuye ubawokazi wakhe ukuze amse esibhedlele.
Kodwa uThapelo wayengxamele ukuza emhlabeni kwaza kwanyanzeleka ukuba uyisekazi amise endleleni.
Uninakhulu kaThapelo uCarol kunye nomhlobo wakhe uMa Flansie bamhlisa emotweni unina baza bambelekisela khona apho phantsi komthi womkhamba.
"Umama wandibalisela eli bali xa ndandineminyaka engama-22 ndaza ndayowubona loo mthi. Ndandifuna nje ukuwubona, ndiwuphathe, ndiwufote. Ndafika ikukuphela komthi oseleyo emva kweenguqu eziliqela ezenzekileyo.
"Ukhe ubone ukuba abantu bawaphatha njani amatye abo ethamsanqa" Laa mthi ke uyinto yam yethamsanqa - womelele kwaye uyandomeleza nam. Ndiza kwenza umzobo wawo emlenzeni wam," utsho uThapelo.
Idolophu enkulu
Wakhulela kwindawo ezolileyo kwaye wayengxamele ukuyohlala kwidolophu enkulu aze azimele esakupasa imatriki.
Wayefun' ukuba nomzi wakhe, imali nemoto yakhe.
"Umama wayeyititshalakazi ngoko wayengafuni ndihambe ndingazi ukuba ndiyofundela ntoni," utshilo ehleka.
"Wayengumama oselula nongqwabalala. Wenze umsebenzi omhle kakhulu ngokusifundisa ukuyixabisa imfundo.
"Kuba ndandikhulele kwidolophana ndandingenalwazi lungako ngomsebenzi emandiwufundele. Ndandisazi into endiyixelelwa ngabazali yokuba kufuneka sifunde ukuze sibe ngoogqirha, iinjineli okanye abacwangcisi-mali.
"Ngaloo minyaka wawungakwazi ukuchitha unyaka wonke ujonga izifundo oza kuzenza xa upase imatriki," kuchaza uThapelo.
Eyunivesithi
Waziphumelela kakuhle izifundo zebusiness economics kwimatriki baza abazali bakhe uNonhlanhla noMike - ongumnini weFree State Stars - bavumelana ukuba makenze izifundo zeBComm eWits.
"Ndandingawuthandi umsebenzi wokuba ngumcwangcisi-mali," utsho ehleka uThapelo. "Ndayazi ndiqala nje ukubek' unyawo lwam eklasini kodwa ndandisoyika ukuxelela abazali bam."
Wazibhengeza ezo ndaba emva kweenyanga ezilithoba engenile eyunivesithi kwaza kwakubi ekhaya.
Omnye wabantakwethu uyinjineli, omnye ngumcwangcisi-mali, abanye basebenza kwiqela lebhola likatata - waziphumela ecaleni yena yedwa uThapelo wafuna ukuba ngumlinganiswa emabalini.
"Ndadlala ngonyaka wonke. Bahlala nam phantsi abazali bam bandinik' ithuba lokubachazela baza bandivumela ukuba ndenze izifundo zokudlala emabalini."
Waqonda ukuba ufuna ulwazi oluthe vetshe kweli shishini waza wenza izifundo zeefilim nemiboniso kwisikolo sedrama waza wafumana isidanga ngo-2004.
Wazibandakanya neziko lengqesho waza wakhawuleza wafumana umsebenzi ophambili kwintengiso yeSprite.
"Ndandichwayitile - kwakungathi ndiza kudlala indawo ephambili kwifilim!" utsho uThapelo.
Ukuzinikela
UThapelo uthi ukudlala emabalini kufuna uzimisele ukugcina umzimba wakho ukwimo entle.
Ugcina umzimba wakhe womelele ngokukhwel' ibhayisikile, ukudlala ibasketball nevolleyball kwaye utya iziqhamo kakhulu.
Unina noninakhulu bamfundisa ukupheka izidlo zakhe azithandayo - ithanga eliqholiweyo, itomato gravy nemifuno.
Ngeziny' iimini uxakeka kangangokuba upheka into ekhawulezayo ngemicrowave!
Uthi uthanda ukuyihombisa ngohlobo lwakudala indlu yakhe kwaye unesofa engu-L neefoto ezimnyama nezimhlophe.
"Xa kungathiwa mandikhethe ndingakhetha ukuphila kwiminyaka yoo-1950," utshilo.
Uyazithanda iifilim ingakumbi ezingobuchule bezindlu. Xa eziphumlele uthanda ukuhlala nabahlobo bakhe bancokole, bazonwabele bephulaphule umculo kaCorinne Bailey Rae okanye umculo wesoul okanye wejazz nombaqanga.
Uthi uyekile ukuhamba iiklabhu ngoku.
"Andisakufuni ukuya eklabhini apho ufika udibane nentombi ithi 'ndiyawuthand' umsebenzi wakho," uthi wena, 'Uyinzwakazi entle'."
Uvele wancuma xa ebuzwa ukuba ikho na intombi ancuma nayo.
"Andikatshati...okwangoku... Masiyiyeke ngolo hlobo leyo..." utshilo. [x]
Ingaba uza kuyitya le nto" Ipizza eyenziwe ngezithako ezithandekiyo.
Ingaba sele ethathiwe"
BONA XHOSA - October 2007
u
t
Akwaba ndandizalwe ngoo- 1950
BONA XHOSA - October 2007
UThapelo ubukele omnye wabathathi-nxaxheba esenza into "evisa ubuhlungu."
UThapelo uzichaza njengenkwenkwe yomSuthu eyakhulela KwaZulu-Natal.
