xhosa.2388.back
INQAKU LEMPILO
UBUHLUNGU BOMHLANA
Abantu abane kwabahlanu bakhe babe nomhlana obuhlungu ebomini babo, kwaye ubuhlungu bomhlana bobesibini ngokubuya rhoqo emva kwentloko ebuhlungu... Kubhale uNandini Naidoo
LE NGULO ixhaphakileyo idla ngokuhlasela isinqa kuba siso esithwala umzimba.
Ukuphatha izinto ezinzima, ukuhlala ixesha elide phambi kwekhompyutha okanye ukuqhub' ixesha elide kubangela uxinzelelo lomzimba olukhokela ekwenzakaleni.
"Xa umhlana wakho ubuhlungu, kuphakamele oko ngokukhawuleza. Yiya kwagqirha," ucebise watsho uGqr. Zandile Ndlovu.
Bazi ubuhlungu obukuphetheyo
Into yokuqala ebalulekileyo ukuze ulawula ubuhlungu kukuba ubazi:
Ubuhlungu obumandla: Ubuhlungu obuhlabayo obuva iintsuku ezimbalwa enyangeni. Obu buhlungu udla ngokubuva ngaphakathi emazantsi esinqa.
Inkoliso yabantu beva ubuhlungu obumandla bokudinwa kwezihlunu nemisipha obubangelwa kukuphakamisa izinto ezinzima.
Ubuhlungu obungapheliyo: Le yingqaqambo evakala ngaphakathi kwindawo enye emazantsi omhlana, okanye kubekho nobuhlungu obuhla ngemilenze obutsala ixesha elingaphezulu kwenyanga. Kungabangelwa ziingulo zamathambo ezifuna ingqwalasela kagqirha.
Bunyange ubuhlungu
Ubuhlungu bomhlana budla ngokubabhetele emva kweeveki ezimbalwa ubunyanga usekhaya ngezinto eziquka ezi zilandelayo:
Ukuzithoba ngento efudumeleyo okanye ngomkhenkce kungazithomalalisa iintlungu zezihlunu. Nokumasajwa kunganceda.
Yenza umthambo. Oko kuya kunceda umhlana wakho ubebhetele kunciphise namathuba okuphinda ubebuhlungu.
Neepilisi zokuthomalalisa iintlungu onokuzithenga ekhemesti njenge- ibuprofen, i-aspirin neparacetamol zinganceda. Yiya kwagqirha xa zingakuncedi.
Ukuthintela
"Ukuthintela kusoloko kubhetele kunokunyanga," utsho uGqr. Ndlovu - ngoko nantsi indlela ongagcina ngayo umhlana wakho:
Womeleze umhlana wakho: Ukuhamba komeleza izihlunu ezixhasa umhlana wakho kodwa ube ungawuthwalisanga nzima.
Zolule: Ukwenza iyoga kungomeleza izihlunu zomhlana.
Khusel' umhlana wakho: Ukolula umhlana xa uhleli, umile okanye xa uphakamisa into kungawukhusela umhlana wakho.
Xa umile ubunzima bomzimba mabuthwalwe ziinyawo zombini yaye ugcine imilenze yakho ithe nkqo. Wabuyis' umva amagxa akho nomqala ungawugobisi.
Khetha izihlangu ezingachophanga nezikuhambisa kamnandi.
Xa uhleli, hlala esitulweni esinendawo yokungqiyama.
Iinyawo zakho mazithi nca phantsi okanye kwinto yokunyathela. Yima kakuhle kwindawo ophangela kuyo.
Ungahlali ixesha elide okanye uqhube umgama omde, phumla wolule nemilenze yakho.
Xa uphakamisa okanye uyibeka phantsi into yisondeze emzimbeni wakho, kube yimilenze yakho esebenzayo. Ungaphakamisi into uze ube ujika ngaxesha-nye.
Xa ulele, lala ngomhlana okanye ngecala uligobe kancinane idolo elingaphezulu. Ungaze ulale ujongise ubuso phantsi okanye ulale ngesisu, yaye khetha umatrasi oqinileyo. [x]
NGEENKCUKACHA EZITHE VETSHE: Fowunela iSA Society Of Physiotherapy simahla ku-0800-00-1870.
BONA XHOSA August 2008
BONA April 2008
INGABA USESICHENGENI?
Usesichengeni sokuba nomhlana obuhlungu xa:
Usebenza kwinkampani yokwakha okanye apho uphakamisa izinto ezinzima, ugoba uze ujike umzimba wakho wonke (njengokuqhub' isigadla okanye into yokumba umhlaba).
Ungahlali okanye ume nkqo okanye usenza umsebenzi owenza umzimba wakho ume kakubi njengokuba ngumbhatalisi esuphamakethi.
Ukhulelwe.
Utshaya, ungawenzi umthambo okanye unesiqu esikhulu.
Unesifo samathambo okanye isifo sokuthamba kwamathambo.
Uziva unoxinzelelo lomzimba okanye udandathekile.
Uneminyaka engaphaya kwama-30.
