xhosa.1160.epilepsy
Izinto ofanele uzazi nge...
SIFO SOKUWA
Funda ngesi sifo uze ube yinxalenye yesisombululo!
kubhale uGRACE KHUZWAYO
Siyintoni
Isifo sokuwa sibangelwa kukusebenza kwamachiza ngendlela engafanelekanga ebuchotsheni. Siphatha nokuba ngumntu ongakanani na.
Umntu onesifo sokuwa kuyenzeka af' isiqaqa okanye axhuzule. Xa kusenzeka oko kuba mnyama emehlweni, uwe phantsi uxhuzule kuphume namathe emlonyeni uze ushiywe ziingqondo.
Kuyoyikisa ukuhlaselwa sisifo sokuwa ukanti kukwangumbono ombi ukubona umntu simhlasela. Yiloo nto ke abany' abantu bathi xa bebona umntu onaso bathi unemimoya emibi.
"Isifo sokuwa kukuphazamiseka kwemithambo-luvo yobuchopho okuxhaphakileyo kwaye malunga nomntu omnye kwabali-100 unaso," utshilo uMatshediso Mohapeloa weEpilepsy South Africa.
"Eyona nto ibuhlungu kukuba ubuvuvu obayanyaniswa nesifo sokuwa kwenza abantu abachaphazelekayo bangafuni ukuthetha ngaso.
"Iintsapho zide zifihle ukuba zinomntu onesifo sokuwa kuba zikholelwa ekubeni 'uyathakathwa'.
"Ezinye azibasi esikolweni abantwana abanesifo sokuwa kuba zisoyika ukuhlazeka xa singamvuka esesikolweni.
"Eziny' izikolo azibamkeli abantwana abanesi sifo kuba ziqonda ukuba azinako ukubanceda xa sibasuka esikolweni.
"Ayisosifo sokuwa esiyingxaki, koko luloyiko lwabantu nokungazi ukuba mabamthini umntu onaso xa simvukile!"
Indlela yokusinyanga
Inkoliso yabantu abanesifo sokuwa basithothisa ngamayeza afumaneka kumaziko empilo.
Inkulu inkqubela eyenziweyo kunyango lwesi sifo kwiminyaka edlulileyo, kwaye ngoku bamalunga ne-80% abantu abakwaziyo ukusithothisa singabavuki kwasona okanye singabahlaseli rhoqo.
Sineendidi ezahlukeneyo isifo sokuwa, ezinye zikuhlasela ngamandla kunezinye, ngoko uhlobo ngalunye lunamayeza alo.
Indlela yokubona umntu onesifo sokuwa
Kubalulekile ukuchaza ngokuchanileyo ukuba umntu onesifo sokuwa ubexhuzula kanjani nemeko ebekuyo ukuze simhlasele.
Loo nkcazo kufuneka inikwe ngumntu obekhona xa simhlasela. Ukuxilongwa kwaso kuquka ukwenziwa kovavanyo lwegazi nokuxilongwa kobuchopho.
Indlela yokunceda
"Ulwazi lungamandla!" utsho uMatshediso Mohapeloa weEpilepsy South Africa. "Zam' ukufumana iinkcukacha ezininzi kangangoko ngesifo sokuwa kunokubukula abantu abanaso.
"Inkoliso yabantu abanaso bafuna ukwamkelwa nokuphathwa njengabany' abantu.
"Kungaba liqalo elihle ukufunda ngoncedo lokuqala ukuze ukwazi ukunced' umntu xa simhlasela. Xa uchaphazeleka sisifo sokuwa okanye wazi umntu ochaphazelekayo, dibanani niseke iqela lokunikana inkuthazo."
Ongakwenza xa kukho umntu ohlaselwa sisifo sokuwa
Xa simhlasela umntu uba ngathi uyafa ngoku - ngoko kubalulekile ukungadyuduzeli
Ungamnceda ngokwenza oku:
u Yenzele umqamelo intloko yakhe;
u Susa izinto eziyingozi ecaleni kwakhe;
u Mnike indawo yokushukuma;
u Mlalise ngecala ukuze akwazi ukuphefumla;
u Hlala naye de aswabuluke;
u Mxelele okwenzekileyo umthobe nexhala;
u Ungaze unyanzele nto emlonyeni.
Xa exhuzula rhoqo okanye engayeki emva kwemizuzu embalwa, mdibanise nonyango. [x]
EZINY' IINKCUKACHA: Ungafowunela iEpilepsy South Africa ku-0860-374-537 ukuze ufumane uncedo namaqela oncedo kwingingqi yakho.
BONA XHOSA - May 2007
UBUXOKI
Ezi zinto zilandelayo aziyonyaniso...
Abantu abanesifo sokuwa abakho krele-krele njengabantu abangenaso;
Abantu abanaso abaphili ubomi obufana nobabanye abantu;
Isifo sokuwa siyosulela;
Isifo sokuwa sisohlwayo sikaThixo;
Ukuba isifo sokuwa sibangelwa yimimoya emdaka.
IINYANISO
Ezi zinto zilandelayo ziyinyaniso...
Isifo sokuwa ayikokugula ngengqondo okanye ukuphazamiseka kwengqondo;
Isifo sokuwa asosuleli;
Inkoliso yabantu abanesifo sokuwa baqeshwe kwimisebenzi eyohlukeneyo;
Kuninzi lwabantwana isifo sokuwa siyaziphelela ngokuya bekhula;
Isifo sokuwa siphatha nokuba ngumntu ongakanani;
Isifo sokuwa asikhange sibathintele uJonty Rhodes noVusi Mahlasela ukuba bangaphumeleli.
BONA - January 2007
