xhosa.2357.school
BONA - August 2005
Nceda umntwana wakho aphumelele esikolweni
kubhale uPRIMROSE WILLIAMS kufote abeGREAT STOCK!
Ukubonisa umdla kwimfundo yomntwana wakho kuya kumnceda abone ukuba ukufunda kumnandi yaye kunomvuzo
INKOLISO yabantu ababenenxaxheba kwimfundo yabantwana babo kumabanga aphantsi abasabi nanxaxheba inkulu xa sebekumabanga aphakathi. Ngelo xesha abazali abaninzi ababi sabonisa mdla emfundweni yabantwana babo.
Iminyaka yokwenz' amabanga aphakathi (ukususela eminyakeni eli-9 ukuya kweli-12) yeyon' ibalulekileyo emfundweni yomntwana wakho, kuba umfundi oshiyekayo kwiintanga zakhe okanye ophelelwa ngumdla kumsebenzi wesikolo kuyenzeka ungaphindi ubuye loo mdla. Nangona ngoku umntwana sukuba ekwazi ukuzifundela ngokwakhe, usakufuna ukukhokelwa nokukhuthazwa.
Yiyiphi inxaxheba engadlalwa ngumzali"
Ziliqela iindlela abanganceda ngayo abazali kwimfundo yabantwana babo - ukumfundela nokufunda kunye nomntwana, ukumsa kumathala eencwadi, ukujonga umsebenzi wakhe wesikolo awenzela ekhaya yonk' imihla, ukumbekela ixesha lokubukel' iTV neziny' izinto.
Kungenjalo ungambuza ukuba, "Beyinjani imini yakho esikolweni"" Oko kuya kumbonisa ukuba imfundo yakhe nesikolo zibalulekile kuwe nokuthi ulindele ukuba aqhube kakuhle ezifundweni zakhe. Nazi ezinye zezinto ongazenza:
n Yiya kwiintlanganiso zabazali, kwiitumente zemidlalo, kwiikhonsathi zomculo, kwimidlalo yeqonga nemisitho yonikezelo-mabhaso.
n Zibuze iititshala ngenkqubela yomntwana wakho esikolweni.
n Fumana ukuba zintoni zokufunda anazo umntwana, nokuthi yintoni ongayenza ekhaya ukuncedisa iititshala zomntwana wakho.
n Qinisekisa ukuba umntwana wakho uya yonk' imihla esikolweni.
n Ukubonis' umdla kwimfundo yomntwana kuya kumkhuthaza, kumenze aqonde ukuba ukufunda kumnandi yaye kunomvuzo.
Ungaze ulijongele phantsi igalelo lakho emfundweni yakhe. Ikhaya elikhuthaz' imfundo libalulekile kwimpumelelo yemfundo kunengeniso, inqanaba lemfundo nemvelephi yesithethe.
Xa nomzali enenxaxheba kwimfundo yomntwana akaphuthi esikolweni, uziphatha kakuhle yaye ukufunda ukubona kuyinto entle, ufuman' amanqaku amahle kwaye upasa imatriki aze afune ukuqhubeka nokufunda. Ukubandakanyeka kwangoko komzali kuba neziphumo ezihle.
Iingxaki zomsebenzi wesikolo wasekhaya
Umsebenzi wesikolo wasekhaya uyingxaki kwiintsapho ezininzi. Abazali bazifumana bengazi ukuba bangenza njani abantwana babo benze umsebenzi wesikolo ekhaya bengabuzi kubo okanye bangazifumani sele bebenzela umsebenzi wabo.
Into umzali emakayazi kukuba akafanelanga amenzele umntwana umsebenzi wesikolo wasekhaya! Akanakufunda xa umenzela kunjalo nje ngeke akwazi ukusebenzisa into ayifundisiweyo.
Xa etsala nzima, fuman'ukuba kufuneka afunde kanjani ukuze akwazi ukulandela izifundo. Ukuba uyasazi isifundo esimxakayo, ungamenzel' imizekelo ngaso, kodwa azenzel' umsebenzi wakhe.
Xa esaqhubeka nokuba nengxaki kweso sifundo, cela ukubonana netitshala yakhe ukuze nixoxe ngengxaki yakhe nizame ukuyisombulula.
Khuthaza iindlela ezintle zokufunda
Abantwana mabazi ukuba ixesha abalichitha befunda nokuzimisela kwabo ezifundweni zabo kuko okuza kubenza bapase okanye bafeyile. Abany' abantwana bacing' ukuba ukupasa nokufeyila kulawulwa nazeziny' izinto - njengeetitshala, ukuba krele-krele ngendalo okanye ithamsanqa. Oko ke kubenza bayilibale eyabo imbopheleleko.
Ngaphandle kokuvavanywa ukuba umntwana uyalandela, iimvavanyo zinganceda ebomini njengaxa sele efuna ilayisensi yokuqhuba. Xa ulwazi lomntu lungavavanywa usenokuba nezinto angakwaziyo ukuzenza.
Nceda umntwana wakho kwiinzame zakhe ezenza umehluko. Xa efika neziphumo zovavanyo okanye zeemviwo, thetha naye ngokuphumelela kwakhe okanye ukufeyila kwakhe. Mncede abonise umdla kwiziphumo zakhe.
Xa ezimisela ekufundeni umntwana, neziphumo zeemvavanyo zakhe zifanele zibe zihle. Mkhuthaze ngaphambi kokuba abhale imvavanyo yaye umncome kwizinto azenze kakuhle. Xa eziva ekhululekile xa esiya kubhala iimvavanyo, makhulu amathuba okuphumelela.
Izinto azenza akubuy' esikolweni
Xa umntwana wakho ebuy' esikolweni ungekho ekhaya uthandazela ukuba angenzi izinto ezimdaka. Kaloku abantwana bazenza izinto ezingalunganga bakubuya esikolweni njengokutshay' icuba, ukusel' utywala nokusebenzisa iziyobisi, ukulwa, ulwaphulo-mthetho olungephi nokuzibandakanya kwisondo.
Izinto ezenziwa ngumntwana akuphuma esikolweni zezona zinciphisa ithuba lokwenza izinto zogezo, aze azifumane sele esengxakini.
Izinto angazenza akunyanzelekanga ukuba kube zizinto ezinento yokwenza nesikolo. Zinokwenziwa ngamaziko oluntu, iicawe, iiklabhu okanye imibutho engenzi nzuzo, kwaye zingaquka ukufunda, imidlalo, ukufund' oluny' ulwimi, ubugcisa neziny' izinto zokuzonwabisa! [x]
BONA XHOSA - January 2006
Inxaxheba yabazali
BONA XHOSA - January 2006
Xa umntwana eqhuba kakubi esikolweni
Bonke abazali bafuna abantwana babo baphumelele esikolweni.
Qhagamshelana netitshala yomntwana wakho xa ubona ngathi unengxaki esikolweni. Ungalindi kude kube sisikolo esikuxelelayo okanye ude ubone iziphumo zeemviwo.
Uyabona ukuba umntwana utsala nzima ezifundweni zakhe xa engakwazi ukwenza imisebenzi yakhe yesikolo okanye efun' uncedo lomnye umntu xa eyenza. Buza ititshala yakhe ukuba unganceda njani. Ititshala ingamnceda okanye ikucebise umntu ongathetha naye amncede apho axinga khona.
Kubalulekile ukuyisukumela le ngxaki engekasali ngasemva. Menze umntwana abone ukuba uyamthemba ukuba angaphumelela. Mncome xa eqhuba kakuhle umkhuthaze ukuba aqhubeke. Mxelele ukuba uneqhayiya ngaye.
Mbek' elisweni, umphulaphule. Fuman' ukuba yinton'emenza angasithandi isikolo. Kunokwenzeka ukuba ingxaki ikwiintanga zakhe ezimqhitsayo okanye abahlobo bakhe.
