xhosa.2354.career
Imisebenzi
Kuninzi okwenzayo kulo msebenzi ngaphandle kokunika abaqhubi amatikiti okupaka kakubi!
YINYANISO emsulwa ukuba umsebenzi wobupolisa eMzantsi Afrika ufuna isibindi nokuzinikela. Kodwa lo msebenzi unomvuzo xa ungumntu owaneliswa kukwazi ukuba unika uluntu inkonzo engundoqo.
Xa ulipolisa likamasipala wesixeko wenza imisebenzi eyohlukeneyo esusela ekuncedeni umntwana olahlekileyo afumane abazali bakhe kuse ekuleqeni izikrelemnqa ezohlutha iibhegi zabantu nasekulamleni oonoteksi abalwayo!
"Oko kwabakho idemokhrasi kweli abantu bayawathanda amapolisa. Bathanda iyunifom nomsebenzi wawo. Ngumsebenzi ohlonitshwayo nonqwenelwayo ngabantu abaninzi," utshilo uTitus Malaza olisekela lentloko yeMetro Police eThekwini.
IMetro Police iba ngaphantsi koomasipala abonganyelwe sisixeko. Ngaphandle kokuthintel' ulwaphulo-mtheto lwemihla ngemihla, enza nemisebenzi ethile engenziwayo ngamapolisa eSA Police Services, njengokulawula ukuhamba kweemoto nokwenza abantu bathobele imithetho kamasipala.
Ayasebenzisana namapolisa eSAPS ngokuwanika abarhanelwa ababambileyo ukuze kuphandwe amatyala abo baze batshutshiswe.
UConstable Nokuthula Mthethwa waqala ukusebenza kwiMetro Police ngo-1997 eyiTraffic Warden.
Uthi ekuqaleni wayengaziboni kungowona msebenzi wakhe lo...
"Ndandikuthanda ukusebenza nabany' abantu, kungekudala ndabona kungumsebenzi wam lo," utshilo.
Ngoku uConstable Mthethwa wenza izifundo zeNational Policing Diploma eUNISA.
"Ndiyakuthanda ukupatrola. Abantu bacinga ukuba umsebenzi wamapolisa kukubamba abantu, kanti sikwanceda uluntu," utshilo.
USergeant Wiseman Mchunu uqale ukuphangela kwiMetro Police ngo-1998. Watsalwa luvavanyo lomzimba olwenziwa ngabantu abafuna lo msebenzi.
"Ndandisandul' ukugqiba izifundo zePublic Relations Management ndaza ndabona isibhengezo sezithuba kwiMetro Police. Ndazibona ezo mvavanyo zomzimba zingumceli-mngeni ndaza ndaziphumelela ndingazi ukuba kuza kugqibela kungumsebenzi endiwenzayo," utshilo.
USergeant Mchunu uneqela lamapolisa angaphantsi kwakhe kwaye ulawula indlela asebenza ngayo aze awaqeqeshe.
Kodwa oko akuthethi kuthi emsebenzini wakhe "usoloko ehleli edesikeni", naye uyapatrola ukanti maxa wambi ukhe azifumane sele ekwindawo enodushe njengaxa iiteksi zivale indlela.
"Zikho iingozi nakulo msebenzi kodwa siyakhuselwa ngaphezulu kwakweminy' imisebenzi. Sinxiba iivesti ezingangenwa yimbumbulu, sinikwe nemipu kwaye luyakhawuleza uncedo xa sisengxakini."
USergeant Mchunu uyaziphucula ngokwenza isidanga somthetho.
"Kuyadinisa ukupatrola. Nditshayisa ndidinwe ndiyimfe kube kufuneka ndifik' ekhaya ndifunde!
"Kodwa kona ngumsebenzi omnandi kwaye nabantu endiphangela nabo ungathi silusapho. Abantu bayathanda ukusibona, ingakumbi abantwana bayayithanda iyunifom yamapolisa!"
Luxhomile ulwaphulo-mthetho nenani leengozi zendlela eMzantsi Afrika kwaye omabini la mapolisa akhe azifumane ekwindawo ekuhle ingozi ehambis' umzimba kuyo.
"Ekuqaleni babungehli ubuthongo emva kokubona ingozi embi, ingakumbi xa bekukho nabantwana kuyo. Kodwa ethubeni uyakuqhela ukubona iingozi," utshilo uConstable Mthethwa naye ongumama.
USergeant Mchunu uthi uphelisa uxinzelelo lwengqondo ngokuyojima kwindawo yokujima yabasebenzi.
Abantu abangenza izicelo
Kufuneka:
Ube neminyaka engaphantsi kwama-30;
Ungabi wakhe wophul' umthetho;
Upase imatriki;
Uphumelele uvavanyo lokomelela komzimba;
Ube nelayisensi yokuqhuba.
Kufuneka uzinikele nasekusebenzeleni uluntu; ube nesibindi yaye ungoyiki ukunyanzelisa umthetho; ube nobuchule bokulamla iimbambano.[x]
BONA XHOSA - January 2007
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uBRETT FLORENS
Joyina amapolisa kamasipala
BONA XHOSA - January 2007
Umvuzo ongawamkela
Imivuzo iqala kwi-R5 000 ukuya kwi-R6 000 ngenyanga, inyuke iye kwi-R12 000 nangaphezulu kwizikhundla ezingasentla.
Uqeqesho
Abamkelweyo bafumana uqeqesho lweenyanga ezi-6 kwiziko loqeqesho leMetro Police. Emva koko bayavavanywa yaye kufuneka uphumelele olo vavanyo ukuze uqeshwe.
Iidiploma nezidanga zobupolisa zikho eUNISA, eLyceum College naseTshwane University of Technology.
Buza kwii-ofisi zikamasipala wesixeko ukuba abanazithuba na. Jonga nezibhengezo kumaphepha-ndaba.
KUDE EKHOHLO: UMthethwa noMchunu besemsebenzini.
EKHOHLO: USergeant Mchunu esemsebenzini. Wenza nezifundo zomthetho.
NGASEZANTSI: "Ndiyakuthanda ukupatrola" utsho uConstable Mthethwa.
