xhosa.2351.rape
'Ndidlwengulwe
SIZA kumbiza ngo-"Peter Lubisi" umfana oneminyaka engama-20 ubudala ocinga ukuzibulala ngenxa yento eyamehlelayo. Ude wayeka nomsebenzi wakhe wokuqhub' isigadla, wayeneentloni zokuyixelel' intombi ancuma nayo - kwaye uthi akanakuphila nento eyenzeka kuye.
UPeter uthi wadlwengulwa ngamabhinq' amathathu ngoJanuwari. Uthi ayehamba namadoda awayebukele xa loo mabhinqa ezenzela kuye.
"Ndikhe ndicinge nokuziphosa phambi kololiwe ngenxa yesihelegu esandihlelayo. Xa ndike ndacimela ibuya yonke loo nto ndibe ngathi ndiyibukele kwifilim," utsho.
UPeter wayehayikha esuka emsebenzini eNelspruit egoduka esiya eMangweni ngaseKomatipoort ngorhatya lomhla wama-21 kuJanuwari. Wakhweliswa yiToyota Venture eyayineenombolo-mbhalo zaseGauteng ihamba abantu abahlanu.
Emva kokusuka apho imota yangen' ehlathini elisecaleni kwendlela enguN4 esempuma yeNelspruit. Ehlathini bamkhulula waze uPeter waza wanyanzelwa ukuba alale namabhinqa amathathu kwisitulo esingasemva, abe amadoda amabini emkhombe ngemipu.
Wazama ukuxhathisa eny' indoda yadubula warhecwa yimbumbulu eqatheni.
"Ngoku ndiyakoyik' ukuhamb' imigam' emide. Andiqondi nokuba ndiya kuze ndiphinde ndiwuhambe umgama omde," utshilo uPeter ezibambe ngeenkophe iinyembezi.
Ngoku ufuman' iingcebiso noluleko kumbutho weMasisukumeni Women's Crisis Centre eTonga.
Apho wenziwa novavanyo lwentsholongwane iHIV. "Ndisavuyile kuba iziphumo zokuqala zithe andinayo, kodwa ndinexhala lezesibini ngathi luza kuthi ndinayo."
Ukwathe akaziboni ekhanuk' indibano yesondo kwakhona.
"Andizange ndaba nendibano yesondo ngolwa hlobo ebomini bam,"
Akugqiba amlaxaza ecaleni kwendlela uPeter nempahla yakhe amnika ne-R20. Wagoduka wafika walala cum ngaphambi kokuvuka aye emapoliseni.
Wafowunela nesithandwa sakhe esichazela okwenzekileyo kodwa asizange simkholwe.
"Ndikhe ndacinga nokwahlukana naso kuba into eyenzeka kum ayamkeleki. Andifuni nokusosulela ngezifo ezisenokuba zandosulela."
Ngokuya siqhubeka nodliwano-ndlebe lwethu uPeter uphinde wayijika intetho yakhe wathi: "Xa ndisifowunela isithandwa sam sithi ndiyaxoka. Sibona ngathi ndizama ukuquma ukungathembeki kwam kuso."
Ingaba uPeter unyanisile" Ingaba ngenene wadlwengulwa"
Isithethi samapolisa aseTonga, uConstable Mzwandile Nyambi, uthi eli tyala liyaphandwa.
"Phofu ke manditsho ukuba siyaqala ukuphand' ityala elinje. Kangangokuba asazi nokuba masiphande ityala lokudlwengula okanye elokuxhatshazwa kumzimb' ongezantsi na."
UBusi Sithole ongumcebisi nomluleki waseMasisukumeni Women's Crisis Centre naye uthe uyaqala umbutho wabo ukuva ityala elinje. Ukwathe uPeter uza kuqhubeka nokufumana iingcebiso nentuthuzelo ngokwamhlelayo.
"Siyazi ukuba amadoda ayadlwengula ngamany' amany amadoda kwaye ayoyika ukukuxela emapoliseni oko," utsho uAnnesta Hofer weGreater Nelspruit Rape Intervention Project (iGRIP).
Bathini ngamadoda adlwengulwa ngabafazi"
UHofer uthi sinye isiganeko soko esixelwe kwiGRIP. Senzeka ngo-2005 xa mfana one-18 wadlwengulwa ngamabhinqa amathathu.
Ziyafana
Okwenza umdla kukuba eso siganeko siyafana nesikaLubisi kuba loo mfana wayeneminyaka eli-18 ngoko kanti yena uneminyak' engama-20 ngoku, ukanti naye wathi udlwengulwe ngamabhinqa amathathu.
Loo mfana wancedwa ngumqeshi wakhe, wavul' ityala emapoliseni waza wafumana iingcebiso nentuthuzelo kwiGRIP wanyangelwa nezifo ezisulelwa ngendibano yesondo.
Akuzange kubanjwe mntu kuba loo mfana wayengawazi amabhinqa amdlwengulayo.
UHofer uthi uPeter "waba nesibindi" ngokuxela ukudlwenglwa kwakhe emapoliseni.
"Uza kufuna iingcebiso ixesha elide kwiMasisukumeni kunye nothando nenkuthazo angayifumana kusapho nakubahlobo."
Sibone kubhetele ukuba xa silisonge eli bali sithethile nentombi ancuma nayo.
Yona ke ithe: "Ndifun' ubungqina bokuba wadlwengulwa nyhani. Andizange ndeva ngendoda edlwengulwe ngamabhinqa," itshilo izibambe ngeenkophe iinyembezi.
"Andazi ukuba mandithini kuba ndiyamthanda kwaye ndifuna ukutshata naye, kodwa kunzima kuye ukundichazela okwenzekileyo." [X]
African Eye News Service
BONA XHOSA - April 2008
IBALIELINGAQHELEKANGA
ngamabhinqa'
Uthi wakhululwa wahamba ngaze waza wanyanzelwa ukuba alale namabhinqa amathathu amadod' amabini emgrogrisa ngemipu. Ingaba kwenzeka nyhani oko" Ibhinqa lingayidlwengul' indoda"
UMBHALI THABISILE KHOZA
BONA XHOSA - April 2008 19
Kungenzeka oku bethu"
(Sinike uluvo lwakho!)
Sonke siyazi ukuba ngamadoda adlwengul' amabhinqa, nekululwaphulo-mthetho oluxhaphakileyo eMzantsi Afrika, ngaphezulu siyazi nokuba amadoda ayawadlwengula amany' amadoda - ikho ke into yokudlwengulwa kwendoda ngamabhinqa"
Ingenzeka loo nto"
Cinga oku. Xa amadoda ebenyanisekile ebeya kutsho ukuba kukho amaxesha okuba angavukelwa abe efuna ukuba nendibano yesondo namabhinqa awathandayo.
Ngoko ke indoda ivukelwa njani xa isoyika, okanye inestresi okanye igrogriswa ngompu"
Ingaba ukudlwengula akulotyala lamadoda kuphela na alenza emabhinqeni nakwamany' amadoda"
Luthini uluvo lwakho" Sibhalele usixelele: Letters To The Editor, Box 32083, Mobeni, 4060.
