xhosa.2338.hawk
Ubizelwe eNkosini
UHawk ushumayel' ivangeli
Intshatsheli yamanqindi uMasibulele Makepula usixelela ngendlela obutshintshe ngayo ubomi bakhe...
kubhale uERNEST MOTEBEJANE
ABALANDELI bakhe babembiza uHawk xa edlala amanqindi. Ngaloo mzuzu wayelubetha utshaba lwakhe engenalusini. Lowo yayingumdlalo awayewudlala yaye ngoku ubomi bukaMasibulele Makepula buguqukile.
Uthi wabizwa ukuba ashumayele ivangeli eselula kodwa akalunanza olo bizo kuba esoyika ukuba iitshomi zakhe ziza kuthi uyaphambana waza wazimisela emanqindini.
Kwathi kanti olu bizo lunamandla kuba wasoloko enamaphupha apho wayephupha ngathi uThixo uyamcela ukuba anyange abantu. "Ndandifana namany' amakhwenkwe aselokishini acinga ukuba into yakwaThixo yimbudane nje.
"Ndandingakwazi ukuhlal' ecaweni imini yonke babe abahlobo bam bonwabile phaya phandle. Ndazibandakanya nabo.
"Umntakwethu wandikhuthaza ukuba ndiye ecaweni. Ndala ekuqaleni kodwa lwandifumana uthando lukaThixo."
Uthi ngo-2002 wayeka ukuya ecaweni kuba eyocula axhentse kuphela. UThixo wambiza kwakhona yaye uthi wathumela uMfundisi NJ Sithole waseThekwini eJoburg ukuba azise umyalezo kuMasibulele Makepula esejimini.
"UMfundisi Sithole weza ukuzondixelela ukuba uThixo uyandifuna. Ndazinikela ngaloo ndlela ecaweni," utsho uMasibulele.
Wathi kuSithole ukunxanelwe ukushumayela kodwa woyika abahlobo bakhe ukuba baza kuthini.
Umfundisi wathi kuye makasebenzele uThixo kuqala.
UMasibulele waqala ngokucebisa abanye abazalwana.
Lwavavanywa kanobom ukholo lwakhe. Ngo-2003 kwasweleka umalume wakhe kwiintsukwana ngaphambi komnye wemilo yakhe yehlabathi eUSA.
Waphulukana nentshinga yakhe yeWBC xa wayesilwa noJorge Arce waseMexico waza wathi xa ebuyel' ekhaya wafumanisa ukuba umntakwabo uhlatywe wasweleka.
"Ndandi-dandathekile," kutsho uMasibulele.
Azange lugungqe ukholo lwakhe.
Ngoku wenz' izifundo zobufundisi yaye woluleka neziny' iimbethi manqindi ezikhokelel' ekubeni ziphil' ubomi obu.
UMakepula wafumana iintshinga ezintathu kumacandelo ohlukeneyo - iWBU junior flyweight, iIBO flyweight neWBC junior bantamweight.
Unomnqweno wokuzuza eziny' iintshinga ezintathu kodwa uthi xa uThixo esithi makayeke ukudlal' amanqindi uza kuyeka. [x]
BONA XHOSA - January 2007
NGASENTLA: Ukuhlelwa ngamashwa amaninzi kwenze le ntshatsheli yabhenela kuThixo - ngoku ingumshumayeli weendaba ezilungileyo kweziny' iimbethi-manqindi.
