xhosa.2335.yourman_coaching
UMGCINI-
zipali
UKgotso Mphuthing oneminyaka eli-10 ekunye nomalume wakhe uKenneth Gasa, omfundisa ibhola njengoko uyise kaKgotso engasekho.
IZISEKO
1 IZANDLA. Kufuneka oobhontsi badibane okanye izandla zisondelelane kangangoko zinako. Neminwe yezandla kufuneka yomelele ukuze ibhola ingaphumi ezandleni zomgcini-zipali xa ikhatywe kakhulu.
2 UMZIMBA. Emva kokubamb' ibhola izandla zolulekile, okanye ziphakamile, kufuneka akhawuleze ayivalele ngezandla esifubeni sakhe. Ngale ndlela ukhusela izandla zakhe zingenzakaliswa ngabany' abadlali abazama ukufuman' ibhola. Oko kuyamnceda nokuba ibhola ingaphuncuki nokuba uwa phantsi.
3 IBHOLA EHAMBA PHANTSI. Umgcini-zipali uguqa ngedolo elinye - uguqa ngelasekhohlo xa ibhola ivela ngasekunene, aze aguqe ngelasekunene xa ivela ngasekhohlo. Emva koko ubamb' ibhola ayivalele ngezandla esifubeni.
4 IBHOLA EPHAKEME NGOKULINGANA NEDOLO. Unyana wakho kufuneka awagobise kancinane amadolo aze aye phambili ukuze abambe ibhola ngezandla zozibini. Makangayilindi ukuba ibhola ize kuye. [x]
QAPHELA: Xa unyana wakho eneminyaka eli-11 okanye ngaphantsi, sebenzisa ibhola enguSize 4 xa umfundis' ukuba ngumgcini-zipali, utsho uFana Tshabangu. EnguSize 5 ingamophul' iminwe xa ikhatywe kakhulu. EnguSize 4 ilula, kulula ukuyibamba, ukuyiphosa, ukuyikhaba nokuyibetha ngentloko.
Ane-12 leminyaka nangaphezulu angafundiswa ngebhola enguSize 5.
UQEQESHO LWEBHOLA
Umbhali: Force Khashane
Umfoti: Peter Whitfield
Ukuyibamba uyiyeka! Ukuma kwezandla, iminwe noobhontsi kubaluleke kakhulu, kwaye apha sikubonisa indlela engeyiyo yokuzimisa ezi zinto! Ukuphuncuka kwebhola sele eyibambile umgcini-zipali yimpazamo enganyamezelekiyo. Ayiphuncuki xa eyazi indlela yokuyibamba.
Owayefudula engumgcini-zipali we-Orlando Pirates, uFana "Skhehla" Tshabangu unika amacebo okuba ngumgcini-zipali uKgotso Mphuthing oneminyaka eli-10
ICEBISO
