xhosa.2330.yourfamily_child
Ubuciko boonomngqusho
UTshimollogo Mafokosho oneminyaka emine waseChiawelo eSoweto usixelela ngothando lwakhe lomculo kwaye usixelela nokuba ufuna ukuba yintoni xa sele emdala
Yiyiphi eyona mvumi uyithandayo, ngoba?
NguBeyoncé. Kuba ucula ingoma ethi "To the left, to the left" kwaye ndiyakwazi ukudanisa njengaye.
Uthanda eyiphi inkqubo ye-TV?
UJika Ma Jika. Ndiye ndidanise nabo abantu abasethivini.
Ufuna ukuba yintoni xa sele umdala?
Ndifuna ukuba yinkosazana!
Yintoni umsebenzi wenkosazana?
Iyacula, idanise ize ihlawulwe.
Uza kuthenga ntoni ngemali yakho yokuba yinkosazana?
Ndiza kuthenga ukutya eKFC, ndithengele nomakhulu wam izinto ezininzi.
Ungena eyiphi icawe?
IDatshi ehlala eMofolo neGrace ehlala ePimville.
Kutheni ukuthanda ukuya kwezi cawe zimbini?
Kuba xa sifika phaya sicula iculo elithi Thula umama akhale.
UMZALI OYINDUMASI
Ukuswelekelwa ngumntwana wakho yinto eyoyikwa kakhulu ngabazali bonke kwaye yintlungu eyehlela umlinganisi weRhythm City, uConnie Chiume. Washiywa yintombi yakhe enonyaka uMbali kwaye apha usicebisa ngeendlela zokumelana nale meko:
Zivumele ubuve ubuhlungu uzinike ithuba lokuzila umamele intlungu.
Ungoyiki ukucela uncedo njengokundwendwela abacebisi okanye uzibandakanye neqela lenkxaso.
Thandaza ucele uThixo akuphe amandla.
Khumbula okuhle ngomntwana wakho kwaye ungoyiki ukuthetha ngeentlungu ozivileyo.
Yazi oku: iintlungu ziza kuphunguka ngokuya zihamba iintsuku, kuza kuya kusibalula, kodwa ungakhathazwa kukuba uza kumlibala umntwana wakho!
Khumbula noku usenokuba unabo abanye abantwana abasafuna ubakhathalele.
UMNTWANA WAKHO
Ukuba unqwenela ukuba "sidlan' indlebe" nonyana okanye intombi yakho encinci, sibhalele kule dilesi: BONA/Kidspeak, Box 473014, Parklands, 2121. Usixelele iminyaka yomntwana wakho ufake nefoto yakhe kunye nenombolo yomnxeba esiza kukufumana kuyo emini.
Xa umntwana enomsindo
Abantwana babaneengcwangu ukubonakalisa umsindo wabo nokukhathazeka, ucacise watsho ugqirha wengqondo, uGqr. Ken Resnick.
Uthi okubalulekileyo okumel' ukwaziwa ngabazali kukuba ukumohlwaya ngokumngxolisa okanye ukumbetha kuza kumenza abenomsindo ngakumbi kwaye kubangele aphinde awuphinde lomkhuba emva kwexesha.
Uthi ukuzama ukuwuthothisa umsindo womntwana ngokumnika akufunayo kokona kungalunganga.
UGqr. Ken ukunika amacebiso okumelana nomntwana onomsindo:
Ekhaya
Mthathe umntwana niye egumbini lokulala uzolile okanye egumbini elikhuselekileyo onokumshiya yedwa kulo.
Mshiye, uvale ucango, ungaphindi kuye de uhle umsindo wakhe.
Ukuba awuthandi ukumshiya eyedwa, hlala naye, kodwa musa ukumhoya.Ungamjongi nokumjonga oku.
Akuzola umntwana, thetha naye ngento ayenzayo.
Phakathi kwabantu
Myale phambi kokuba nihambe. Mxelele ukuba awuzukuthenga izinto obungazimiselanga ukuzithenga kuba zifunwa nguye.
Xa umbona umntwana ukuba sele eqalwa ngumsindo, mkhumbuze omyale ngako.
Ukuba akayeki, mfunqule niye kunogada umxelele umntwana ukuba uza kumshiya apho. Oku kuza kuwuthothisa umsindo kuba akazufuna ukushiywa nomntu angamaziyo.
Kungenjalo, mthathe umntwana niye
kwindawo eniza kuba nodwa. Linda ngomonde wehle umsindo.
Maxa wambi akuzukuba lula ukumthulisa. Umzekelo usenokuba ukwilayini ende netroli egcweleyo. Ukuba ukwimeko enjalo,
uyawusele unyamezela. Yenza ngathi awuva xa ekhwaza neentetho ezenyelisayo zabantu. Yehlisa umoya. Ukuphuma kwakho apho, thetha naye umntwana. [x]
Umqulunqi: Kamogelo Sebola
