xhosa.1158.generations
BONA XHOSA - February 2006
Iingxaki Zomthetho
Indlu evuzayo
NgoJanuwari ka-2005 ndatheng' indlu kwinkampani eyaziwayo yabathengisi bezindlu. Ndithe ndisakuyibhalisa egameni lam ndafumanis' ukuba inobumanzi. Emva kweenyanga ezintathu kwaphuma amanzi eludongeni ephumela emgangathweni.
Ndabiza inkampani ejongene nobumanzi obusendlwini yaza ingcali yabo yandixelela ukuba obu bumanzi buneminyaka bukho. Yandibonisa nendlela umnini-ndlu ebebufihla ngayo. Yathi iqinisekile ukuba nenkampani ebeyindithengisela le ndlu indifihlele obu bumanzi.
Ndathi xa ndixelel' ummelwane wandihleka watsho esithi ndim kuphela umntu obengayazi ukuba iyavuza yaye ineminyaka ivuza le ndlu.
Ukuyilungisa kuza kundityabula ngaphaya kwe-R20 000.
Ndibona ukuba umthengisi wezindlu kunye nomnini-ndlu benze ukungathembeki okukhulu ngokundithengisela indlu evuzayo baze bayifihle loo nto kum.
Andinakukwazi ukuhlawula imali yokuyilungisa le ndlu. Ndingathini bethu"
nguJW, eJoburg
lUkuvuza kwendlu ngundonakele ofihliweyo kuwe nto leyo ithetha ukuba kube ngundonakele ongabonakaliyo.
Ukufihla undonakele xa uthengisa nantoni na kuthatyathwa njengobuqhophololo. Nokuba umthengi uthenga impahla neengxaki zayo bakho abaqhitswayo.
Into ekufuneka uyenze kukubonisa ukuba le ndlu inondonakele wokuvuza ofihliweyo xa uyithengiselwa - kwanenye yezi zinto zilandelayo...
tUmthengisi wakuxelela ukuba akukho ndonakele kule ndlu okanye wathi iyeyexabiso.
tUmthengisi wayekwangumenzi okanye umvelisi wento leyo ethengiswayo ongazange ayifihlise into yokokuba unalo ikhono, ubuchule nolwazi lwayo
tUmthengisi wayesazi ukuba ukho undonakele kodwa wakufihlela okanye wakuqinisekisa ukuba awukho.
Inqaku lokuqala nelesibini kula angasentla yile nto yenzeke kuwe kanye ke. Sikholelwa ekubeni ibango lakho lembuyekezo kumthengisi wezindlu nominini-ndlu oyithengileyo lomelele kakhulu. Kweli bango kukho imali yeendleko zamagqwetha kwaneyokulungisa undonakele osendlwini. Xa kufuneka uphume endlwini lo gama isalungiswa, imali yokuhlawulela indawo oza kube uhlala kuyo iza kuphuma kwakule yembuyekezo.
Thumela ileta yesinyanzelo kumthengisi nomnini wendlu usakugqiba ukubala zonke ezi ndleko. Le leta iza kube ibanyanzelisa ukuba bahlawule ezi ndleko kwiintsuku ezintathu kungenjalo xa bengazihlawuli baza kunikwa iisamani bebizelwa enkundleni.
Xa lo mthengisi nomnini-ndlu bengafuni kukuhlawula imali yakho kuza kufuneka udibane negqwetha eliza kuwuqwalasela ngamany' amehlo lo mba wakho.
Siqinisekile ukubauza kuyifumana yonke imali yakho yembuyekezo kumnini-ndlu okanye nakumthengisi wendlu. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
U CAMILLA WALDMAN uzama ukugcina izigidi zababukeli beGenerations besothuswa zizinto azenzayo. Indawo ayidlalayo ide yafuna ukuba akhe aye kufunda ukuba amahenyukazi athengisa imizimba enza njani ukuze ayidlale kakuhle indawo yokuba ngumphathi wamahenyukazi - kwaye iinzipho zakhe ezinde uzikhusela ngokufaka iiglavu xa esekhaya.
"Iwigi emnyama neenzipho ezinde zezona zinto zibalulekileyo kwimbonakalo kaAnne. Andisebenzisi iinzipho zokufakelwa - ndazikhulisa ukuze zibonakalise imvelaphi kaAnne," utsho.
"Kaloku waqala elihenyukazi de wagqibela sele engumphathi weziko lamahenyukazi elikummandla weengcungcu eJorburg nelinceda oosomashishini abaphambili.
"Emva koko wadibana noTau (odlalwa nguRapulana Seiphemo) waza wophula owakhe umthetho wokuba akasokuze athandane nomxumi wakhe."
Wangena kanjalo ke uAnne kwiGenerations. Wathandana noTau, kodwa wamohluthwa nguKarabo (onguConnie Ferguson).
Ukususela ngoko ke uAnne uyeke ubuqhetseba bohenyuzo wazama ukukhonya kushishino. Ngoku akathandwa ngabanye abalinganiswa kulo mdlalo.
Nkqu namabhinqa ayamoyika: ungene kwinkampani yoshicilelo i-Ezweni ngobuqhophololo bokulukuhla uBusi (odlalwa nguLeleti Khumalo) obemthemba wamnika izabelo kule nkampani waza wagqibela sele engumhleli wemagazini yayo.
Kodwa ke ababukeli abakaboni nto, zisenkulu izinto aseza kuzenza.
Izinto ezenziwa nguAnne ngoku ziseyingabula zigcawu nje zeyona nto inkulu aza kuyenza - ukuziphindisela kumntakwabo kaBusi, uSibusiso 'Ngamla' Dlomo (odlalwa nguMenzi Ngubane).
Yiloo nto ke emenze wazifaka kwinkampani i-Ezweni.
UNgamla naye uyinkunkqele yeqhetseba kwizivumelwano zoshishino kwaye akazi ukuba ubuqhetseba bakhe babulalisa umntu wakuloAnne. Kwaye ngoku ukulungele ukuziphindezela.
U-Anne uza kuba ngumlinganiswa ophambili kweli bali ngo-2006, ngokutsho kombhali weGenerations, uTanya Tiedje.
"Uyathandwa gqitha ngababukeli balo mdlalo ngoko sibone ukuba masimenze omnye wabalinganiswa abaphambili. Ziseninzi izinto aza kothusa ngazo ababukeli."
UCamilla uthi ngoku uAnne uza kusebenzisa imali njengesixhobo sokuziphindezela kuNgamla. "Akoyiki. Uyakwazi ukulukuhla umntu - xa efun' indoda ibe ngakuye uzenza ngathi uyincwasile aze afune ukuvelwa ngamabhinqa angamnceda."
Akonqeni ukuxoka athi ubethiwe kuba efuna ukuvelwa.
"U-Anne uyazitshintsha ukuze afumane abantu aza kubalawula kodwa abe eyingcuka eyambethe ufele lwegusha elungele ukuhlasela nabani na ozama ukumphazamisa kwiminqweno yakhe," utsho uCamilla.
Ukudlala indawo ephambili ngumnqweno wabo bonke abalinganiswa. IGenerations ibavelisile abalinganiswa abanjalo ukususela kuNtsiki Lukhele (owayedlalwa nguPam Nomvete), uJulia Motene (owayedlalwa nguXolile Tshabalala) kanti ngoku sibona uAnne.
USophie Ndaba ongomnye umlinganiswa othandwayo kwiGenerations odlala indawo kaQueen Moroka kudala befika bemshiya.
"USophie wandilumkisa ngokuba ndiza kuba neengxaki ezininzi ekudlaleni indawo kaAnne de Villiers," utsho uCamilla.
Kodwa uthi yena akafani noAnne ebomini bakhe bokwenene. "Andinaso isibindi sokwenza izinto azenzayo. Xa ndingekho emsebenzini ndizihlalel' ekhaya nomntwana wam nomyeni wam.
"Emva komsebenzi ndiyagoduka ndiye kuphekela usapho lwam. Kodwa akukhange kubelula ukuqhela ukudlala emdlalweni obukelwa ngabantu abaninzi.
"Xa bendiqala ukudlala kwiGenerations ndingumphathi wamahenyukazi ndandidibana nootata bandibuze benomsindo ukuba: 'Uwenzelani amanyala anje"'
"Kodwa xa ndidibana neentombi eziselula zithi, 'Ndicel' ukukusebenzela, Anne. Ndifun' umsebenzi.'" [x]
Uxwaye impindezelo!
Isondo, ukuthetha kakubi ngabantu, ukuzama ukuzibulala - uAnne de Villiers usebenzisa nantoni na ukuze akhonye kwiGenerations...
kubhale uDOUG GORDON
BONA XHOSA - February 2006
"Iwigi emnyama neenzipho ezinde zibalulekile kwimbonakalo kaAnne," utsho.
Iinzipho ezinde nobuqhetseba
