xhosa.2311.muthi
sithetha ngamayez' esintu
KHAWUZIFAKE ezihlangwini zendoda okanye ibhinqa elingakwaziyo ukuthanda okanye ukuthandwa ngumntu. Abany' abantu abaqondi ukuba bakhona abantu abangalwaziyo ukuba luyintoni uthando kuba bengazange bathandana namntu.
Nokuba umntu osisishumane angazama kangakanani akabi namtsalane ebantwini besinye isini. Abantu abazizishumane ke boyika nokucel' uncedo ngengxaki yabo kuba boyika ukuhlekwa.
Ndiyathemba abantu abazizishumane bangaphathwa ngendlela ngamaxhwele kuba ubushumane yingulo efuna unyango olululo
"Ndisisishumane. Iintombi endizitshololo kuzo azindifuni - nkqu nezo ndizaziyo ukuba 'zivuma lula' kwamanye amadoda," ubhale watsho umfundi waseStanger.
"Ndandizitshololo kuzo kuba ndifun' ukubona ukuba ndinengxaki yobushumane na. Kuyacaca ke ukuba ndisisishumane kuba andimbanga!
"Asikuko ukuba ndiyazithand' iilokhwe, qha ndifun' umntu endiza kuthandana naye. Ingaba likhona iyeza elingandinyanga ubushumane"" utsho lo mfundi.
Isiqalekiso
"Ndifun' ukutshata, kodwa ndibethwa kukungafunwa ziintombi," utsho umfundi waseWorcester oneminyaka engama-32 naye onengxaki yobushumane nothi ucinga ukuba uqalekisiwe.
Phofu ke asingomadoda kuphela aba nengxaki yobushumane.
"Sendizame onke amacebo ukuze ndibenomtsalane emadodeni, njengokunciphisa umzimba wam nokunxiba iimpahla ezindenza ndibe nomtsalane kodwa amadoda akandijongi nokundijonga," litsho igqiyazana elineminyaka engama-20 laseGauteng.
"Izihlangu ekuthiwa ngamakwai-kwai endizinxibayo zisuka zibengathi ziyawagxotha amadoda ngengxolo eziyenzayo endaweni yokuba ziwatsale. Lilishwa lantoni eli ndinalo"" litshilo eli gqiyazana.
"Ingxaki yam andithandani thuba lide nendoda. Ingaba ukuxhelelwa ndifake ibhengele lofele lwebhokhwe kungandinceda ndifumane umtshato"" libuze latsho ibhinqa elinama-35 eminyaka.
"Indoda endincuma nayo isuka iphel' emehlweni okanye ndifunwe ngamadoda atshatileyo kuphela," utsho.
Eli bhinqa ndilicebisa ukuba libuze ebantwini abadala kuqala ukuba lisiko lakowalo na ukufaka ibhengele lofele lwebhokhwe.
Kaloku ukufaka elo bhengele lofele akuyi kulinceda xa kungelosiko lakowalo.
Isithethe
Izithethe namasiko zibalulekile kakhulu kulo mba.
Ukungawalandeli amasiko nezithethe zakowenu kungakwenza ube sisishumane.
Kusenokuba yindlela izinyanya zakowenu "ezikukhuthaza" ngayo ukuba uphande ukuba uwalahlephi amasiko akowenu.
Eziny' izinto ezingakwenza isishumane kungaba kukungalusabeli ubizo lwezinyanya nokungahlanjwa emva kokusweleka kwesalamane segazi.
Nemimoya engendawo njengesichitho ingakwenza ubesisishumane.
Xa kunjalo ungazinyanga ngamayeza okukhupha eso sichitho. Ixhwele lingakunika amayeza okuphelisa eso sichitho.
Khawuthabathe iintonga uye emagqirheni amathathu aza kukuxelela unobangela wengxaki yakho nendlela yokuyinyanga.
Okokugqibela
Ungabulawa ngumva-ndedwa wokuba sisishumane, baxelele abantu ngengxaki yakho.
Ungabuphelisa ubushumane kuba wonk' umntu osemhlabeni ufanele abenaye umntu ancuma naye. [x]
Ungabuphelisa ubushumane
BONA XHOSA - February 2008
nguFORCE KHASHANE
Xa unemibuzo ngamayez' esintu, bhalela kule dilesi:
Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121 okanye umthumelele i-email ku- muthi@caxton.co.za
