xhosa.2310.legal
Iingxaki Zomthetho
Ndifun' abuyise imoto yam
INGXAKI: Ndaboleka
i-R5 000 emntwini obolekisa ngemali, wathi mandityikitye isivumelwano sokuba ndiyavuma athathe imoto yam njengesibambiso aze ayibuyise ndakulihlawula ityala lam.
Ndayihla-wula imali yakhe nenzala yayo, kodwa yena akayibuyisi imoto yam ngelithi kukho indawo eyonakeleyo kuyo afuna ukuyilungisa kuqala.
Ngoku sekuqengqeleke iinyanga engayibuyisi nendawo owayesithi yonakele kuyo akakayilungisi.
Ndiyithini le ngxaki"
ICEBISO LABESCORPION: Ngethamsanqa umthetho ucacile kwingxaki enjengale yakho.
Watyikitya isivumelwano sokuba uyavuma ukubambisa ngemoto yakho kumntu okuboleke imali.
Oko kwakusemthethweni yaye wamnika imoto owawubambisa ngayo.
Xa kunjalo ke umbolekisi ngemali ufanele ayikhathalele into obambise ngayo yaye umonakalo owenzeka kuyo luxanduva lwakhe.
Wakulihlawula lonke ityala lakho, into obambise ngayo ifanele ibuye ikwimeko owawubambise ngayo ikuyo.
Sikucebisa ukuba umbhalele incwadi erejistiweyo loo mbolekisi ngemali uthi makabuyise imoto yakho zinga-phelanga iintsuku ezisi-xhenxe. Usigcine ungasilahli isliphu saseposini esibubu-ngqina bokuba uthumele incwadi ngerejista.
Xa ziphela ezo ntsuku engayibu-yisanga imoto yakho, funa igqwetha eliza kukumela.
Elo gqwetha malenze isicelo esingxamisekileyo somyalelo wenkundla licele inkundla ikhuphe umyalelo wokuba umbolekisi ngemali abuyise imoto yakho ngokukhawuleza.
Kwangelo xesha igqwetha lakho malikhuphe iisamani zokufuna imoto yakho nentlawulo yomonakalo owenzeke kuyo.
Kuya kufuneka ufumane ixabiso leendleko zokuyilungisa kubalungisi bemizimba yeemoto abathathu abohlukeneyo.
Ufanele uliwine eli tyala yaye sikunqwenelel' ithamsanqa! [x]
BONA XHOSA - October 2006
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
