xhosa.2280.yourfamily_pregnancy
Utyebile
kwaye ukhulelwe
UKUKHULELWA KWAKHO
INGABA NDITYEBILE?
Ukuze uzibone ukuba utyebile kufuneka ukwazi ukubala ubunzima bakho abathi oogqirha neengcali zokutya xa bebubiza yiBody Mass Index (BMI), ucacise watsho uPreethi Mistri.
Nantsi indlela yokuzibalela:
1. Phinda-phinda ubude bakho (obuziimitha). Umzekelo, ukuba ungu-1,6m, uza kuthi 1,6 x 1,6 = 2,56.
2. Yahlula ubunzima bakho (obuzii-kg) ngeli nani. Umzekelo, ukuba ungu-110kg, uza kuthi 110/2,56.
3. Impendulo ngu-42,9. Yenze ibelinani elibumbekileyo i-BMI, itsho ikunike ama-43.
I-BMI engu-25 ukuya ku-30 ithetha ukuba utyebile i-BMI engaphaya kuka-30 ithetha ukuba utyebe okugqithisileyo, utsho uPreethi.
Izinto omele uzazi xa ulibhinqa elikhulelweyo elityebe ngokugqithisileyo
UKUKHULELWA kuyawutshintsha umzimba wakho, kwaye ukuba utyebile ukhulelwe olo tshintsho luza nemiceli-mngeni enzima. UGqr. Tom Mokaya, ongugqirha wezifo zamabhinqa esithethe naye, uthi zimbini ezona zinto ekufuneka amabhinqa anesiqu azijonge xa ekhulelwe:
IGESTATIONAL DIABETES
Luhlobo oluthile lwesifo seswekile esihlasela amabhinqa akhulelweyo angazange abenaso ngaphambili, kwaye sidla ngokuphela emva kokubeleka.
Ingakhokelela ekubeni usana lwakho lube lukhulu de ungakwazi ukuzibelekela, ulumkise watsho uGqr. Mokaya.
IHAYIHAYI
UGqr. Mokaya ugxininisile ukuba ukutyeba kwandisa amathuba okufunyanwa yihayihayi xa ukhulelwe. Kangangokuba, ungahlaselwa sisifo sokuwa ubeneengxaki zezintso, isibindi nemiphunga.
Ukuba ihayihayi yakho iyeyonyuka ngexesha ubeleka, unga-nestrowukhi lize igazi lingayi elusaneni, loo nto ikhokelele ekubeni ubeleke ngokutyandwa.
Qala kusekutsha
Ukuba utyebile bonana nabezempilo ngokukhawuleza wakufumanisa ukuba ukhulelwe, qiniseka ukuba uvavanywa izinga leswekile egazini, elehayihayi nomchamo, utsho uGqr. Mokaya.
Ukwathe olu vavanyo luza kunceda ekuboneni indlela oqhuba ngayo ngokuya lihamba ixesha.
Bugade ubunzima bakho
Ngelixa amabhinqa asempilweni anobunzima obuqhelekileyo engalindela ukutyeba nge-11kg ne-16kg xa ekhulelwe, uGqr. Mokaya ulumkisa amabhinqa anesiqu ukuba azame ukuba bungongezeleki ngaphezulu kwe-15kg ubunzima bawo. Kodwa ukuba sele ukhulelwe, eli akuloxesha lilungileyo lokuzama ukunciphisa ukutyeba, utsho uPreethi Mistri oyingcali yokutya.
"Iimfuno ziyanda xa ukhulelwe, ngoko yitya ukutya okusempilweni okunezondlo ezifunekayo," utsho.
Ukutya okusempilweni
UPreethi usinika ezi ngcebiso ngokutya okusempilweni:
Nciphisa ityuwa, amafutha, ukutya okuneswekile (njengetshokholeyithi, iikeyiki, iibhiskithi ne-ice-cream).
Zama ukutya okwakh' umzimba okunika amandla kuzo zonke izidlo zakho. (jonga kumhlathi wethu oneziSombululo zokutya)
Yitya imilinganiselo emincinci kodwa utye rhoqo.
Yenza imithambo
Yenza imithambo elula njengokuhamba - kodwa thetha nogqirha wakho kuqala, zilumkise zatsho zombini iingcali zethu.
Unyango
Bonana nabezempilo rhoqo ingakumbi xa ungumntu onesiqu ukuze imeko yakho ibephantsi kweliso maxa onke ukuze ufumane unyango xa kukho imfuneko. [x]
Umbhali: Ntokozo Maseko
IZISOMBULULO ZOKUTYA
Ingcali yokutya uPreethi Mistri ucebisa oku:
Amabhinqa akhulelweyo kufuneka atye ukutya "okwakha umzimba", njengenyama yenkuku, intlanzi, inyama neembotyi ezomisiweyo.
Dibanisa nokutya okunika "amandla" njengepapa, irayisi, umngqusho neetapile; umzekelo: umngqusho neembotyi okanye ipapa nenkuku.
Ungazilibali iziqhamo nemifuno, ingakumbi imifuno
ebomvu, eluhlaza ne-orenji, njengethanga, izikwashi, ispinatshi, iminqathe, iimbotyi eziluhlaza nekholiflawa.
Iimveliso zobisi, njengamasi, nazo zibalulekile, kuba iyafuneka ikhalsiyam emzimbeni.
INDLELA YOKU-SEBENZISANA NABEZEMPILO
Njengebhinqa elinesiqu kuqhelekile ukuxhalaba ngeemfuno zakho nokuhlonitshwa itsho
i-pregnancy.about.com. Gcina ezi ngcebiso ukuba ufuna ukungaqhawukelwa ulondoloze nesidima sakho xa usebenzisana nabongikazi noogqirha:
Mayibe nguwe ozihluphayo ngokuthi uqale uthethe ngeemfuno zakho ezikhethekileyo, ungalindi de ubesengxakini.
Xa ubabonisa abongikazi okanye oogqirha ukuba awukhathazeki okanye awunantloni ngomzimba wakho nabo bayakhululeka.
Ukuba uziva ungenako ukumelana nabongikazi abadume ngokuba netshiki, cela umntu oza kukukhapha. Umntu wesibini angakunceda ukwazi ukuzithethelela utsho ufumane iimfuno zakho ngokufanelekileyo kwabezempilo.
Zithembe ngamalungelo akho. Akukho mfuneko yokunyamezela iintetho ezisileyo ezifana nokuthi "s'dudla" okanye "mafutha". Ungacela ukuncedwa ngomnye umongikazi okanye ucele ukubonana nomphathi welo ziko ukuba ubona ukuba uphatheke kakubi.
