xhosa.2278.yourworld_knowall
YINYANISO UKUBA IIVENKILE ZENZIWE NGENDLELA YOKUBA SIHENDEKE SITHENGE IIMPAHLA ZAYO?
nguLebogang Sehare, eKatlehong
Oko akupheleli nje kwindlela eyakhiwe ngayo, Lebo - ikwayindlela enuka ngayo. Iisuphamakethi ziba namavumba ezonka ezisandul' ukubhakwa, ukanti zibanawo namavumba ebaby powder akwenza ukhululeke!
Umnyango wokungena esuphamakethi ngowona ubalulekileyo, ngoko zibeka izinto ozithenga uleqile njengamaphepha-ndaba neentyatyambo ngasemnyango.
Iivenkile zempahla zona zibeka ifashoni entsha kwezo ndawo.
Izinto ezithengwa yonk' imihla ngabantu njengesonka nobisi, zibekwa ngasemva evenkileni. Xa ufuna ezo zinto unqumla ivenkile yonke uhendwa zeziny' izinto obungazifuni. Kufutshane neethili kubekwa izinto ezincinane njengeeswiti!
YINTONI ENDENZA NDIZAMLE XA NDIBONE OMNYE UMNTU EZAMLA?
nguSifiso Ncelani, Ekurhuleni
Ayenzeki kuwe kuphela loo nto! Iingcali zithi baphakathi kwe-40% ne-60% abantu abazamlayo xa bebone omnye umntu ezamla. Kodwa akukho mntu uqinisekileyo ukuba yenziwa yintoni loo nto. Zonke izilwanyana ziyazamla - kuquka iintlanzi, iintaka neengwenya - kodwa ngabantu neemfene ezizamlayo xa zibona enye izamla.
IMIBUZO YAKHO
Ingaba ikho into osoloko uzibuza yona? Ufuna
ukwazi ukuba yenzeka njani, phi okanye nini? Apha uza kuzifumana iimpendulo zemibuzo
yakho ebingakulalisi
INYANISO
Indlulamthi iyakwazi ukucoca iindlebe zayo ngolwimi lwayo olunobude obuyi-50cm - obo bude buphantse bulingane neerula ezimbini
YAQALAPHI IKRISMESI?
nguPetrus Ntuli, eKhayelitsha
Lo ngumbuzo olula nonzima, Petrus! Igama elithi iKrismesi lithetha inkonzo yecawe kaKrestu.
Imini yeKrismesi ke ifanele ibe yeyokukhumbula ukuzalwa kukaKrestu. Kodwa iingcali zembali ziyaphikisana ngokuba uKrestu wazalwa ngoMatshi, ngoMeyi, ngoSeptemba okanye ngoNovemba na! Inkonzo endala yamaKrestu yakhetha umhla wama-25 kuDisemba kuba kulixesha elamkelweyo lokubhiyoza, nekulilo esenza ngalo izinto zeKrismesi njengezidlo nomculo omnandi.
Yibone iKrismesi njengeeNkonde zeCawe zamandulo ezazidibanisa iinkolelo namasiko azo, nanjengoko iimvaba zama-Afrika sisenza nakule mihla.
IBALI NGENDUMASI
Uyamazi uJohn Stephens no-Alicia Augello Cook? Uyabazi, qha ubazi ngamagama abo aseqongeni. Kaloku igama likaJohn Legend lokwenene nguJohn Stephens ukanti u-Alicia Keys ungu-Alicia Augello Cook. Ubusazi ke ukuba uNe-Yo unguShaffer Chimere Smith? Mhlawumbi igama lakhe walifumana kumdlali ophambili weefilim zeMatrix.[x]
BUZA THINA Ingaba kukho ofuna ukukubuza kuMiss Know-all? Mbhalele kule dilesi,
Miss Know-all, Box 473014, Parklands, 2121.
UMFOTI: GALLO
