<Doc01>
IArhente yaseMzantsi Afrika yoKhuselo lweNtlalo
UXwebhu lwaMalungelo eNkathalo ngabaXumi
Wamkelekile kuXwebhu lwethu lwaMalungelo abaXumi
Sifuna ukuba wena, mxumi wethu, wenze isigqibo ngathi malunga nomgangatho wenkonzo esiwuchaza kolu xwebhu lwamalungelo.
Siza kukuhlonela kwaye sikunike inkonzo elungileyo ehambelana nemithetho-siseko yeBATHO PELE.
Njengenxenye yoxanduva lwethu sizimisele ukunikela ngenkonzo ekudidi lwehlabathi, ukunika iinkcukacha ezichanekileyo, amacebiso noncedo ngazo zonke iinkonzo zethu.
Injongo yoXwebhu lwaMalungelo
Olu xwebhu lukuxelela ngomgangatho wenkonzo onokuwulindela kwiArhente yaseMzantsi Afrika yoKhuselo lweNtlalo (SASSA).
ISASSA sisolulo sengalo karhulumente yobonelelo nenikela ngezibonelelo-mali kubemi baseMzantsi Afrika.
Siyazinikela
Ekunikeleni ngeenkonzo ezisemgangathweni zokhuselo lwentlalo, ngendlela eyonga imali nangezenzo ezibalaseleyo nezisebenzayo.
Onokukulindela kuthi
Ukukhuthazwa nokhuseleko lwesidima somntu, ukuGcinwa kweeMfihlelo, iNgqiqo, ukuNgabi naKhethe, ukuThembeka nokuSebenza ngobuLungisa.
Kuyo yonke iArhente yaseMzantsi Afrika yoKhuselo lweNtlalo, siya 
Ekukunikeni iinkcukacha namacebiso ngazo zonke izibonelelo-mali onokufaka izicelo zazo.
Kukuthumela kwamanye amaziko anokuqwalasela izidingo zakho.
Kukuncedisa ngokuzalisa/ngokugqibezela iifomu zethu nokufaka isicelo sesibonelelo-mali.
Kuzigcina njengemfihlelo iinkcukacha osinika zona.
Kusoloko silandela uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, imithetho elawula iinkonzo zoluntu nendlela yokuziphatha kwabeenkonzo zoluntu
Ekukuncedeni ngolwimi olukhethwa nguwe.
Kusebenza ngolwahlulelwano nabantu esibakhonzayo kunye nabanye abachaphazelekayo.
Kuzabalazela ukuphuculwa okusoloko kuqhuba kokunikelwa kweenkonzo ukuze kuhlangatyezwe izinto ozilindeleyo
Ukuqhagamshelana nathi
Nanini xa uqhagamshelana nathi ubuso ngobuso, ngomnxeba, ngeleta okanye ngeimeyili kuya kwenzeka okulandelayo:
Iarhente yeenkonzo zabaxumi ozidibanise nayo iya kuzazisa.
Malunga nemibuzo ebuzwa emnxebeni okanye ubuso ngobuso, siya kuyiphendula kwangoko imibuzo yakho.
Xa singakwazi kuphendula kwangoko siya kumnika izizathu umxumi kwaye simazise ngexesha anokuyilindela ngayo impendulo yethu.
Siya kukunika inombolo yesalathiso ukuze ukwazi ukulandela uqwalaselo lombuzo wakho
Siya kukwazisa xa sifumene naluphi unxibelelwano oluthumelayo kwaye siya kuwuqwalasela loo mbuzo kwiintsuku ezisi-7 zokusebenza.
Xa singakwazi kukuphendula ngokupheleleyo kwiintsuku ezisi-7 zokusebenza, siya kukuxelela ukuba kutheni nokuthi ungayilindela nini impendulo.
Siya kulenza ilinge lokuphendula umbuzo wakho kwiintsuku ezingama-21 zokusebenza.
Ukuba uyasifowunela, sinenjongo yokuphendula umnxeba ositsalele wona msinyane kangangoko ngolwimi lwaseburhulumenteni olukhethwe nguwe.
Siya kukwazisa ngokukubhalela ngesigqibo ngasinye esenziwe ngesibonelelo-mali sakho
Kwiiofisi zaseSASSA
Xa ufika kwenye yeeofisi zethu, abasebenzi bethu abasedesikeni yoncedo baya kukuncedisa kwangoko.
Zonke iiofisi zethu zivulwa ukususela ngentsimbi ye-08h00 kude kube yeye-16h30, ngoMvulo ukuya ngoLwesine ukuze kube yintsimbi ye-08h00 kude kube yeye-16h00 ngoLwesihlanu.
Kwiiofisi zethu nakwiindawo zokuhlawula uya kukwazi ukufikelela kokulandelayo:
Kwiimeko zabucala
Kwiindawo zokulinda ezihlalisa kakuhle
Kwizibonelelo zamagumbi angasese
Kuncedo lonyango xa saziswe kwangaphambili ngesidingo esilolo hlobo
Siya kuza kuwe ukuba ngenxa yezizathu zonyango akukwazi kufika kwiiofisi zethu.
Unakho ukusitsalela umnxeba ukuze senze amalungiselelo otyelelo lwasekhaya.
Uqwalaselo lwesicelo sakho sesibonelelo-mali sentlalo
Siya kuqalisa ngokuqwalasela isicelo sakho kwangolo suku.
Sifanele ukuqinisekisa ukuba unalo ilungelo lokufumana isibonelelo-mali ngokwasemthethweni.
Sizibekela imigqaliselo yokuqwalasela ibango lakho ukuze sihlawule isibonelelo-mali sakho kwiintsuku ezingama-90.
Siya kukucebisa ngelungelo lakho lokukhalaza xa kunokubakho ukukhatywa, ukuxhonywa nokurhoxiswa kweemeko ezithile
Ukwenziwa kwezigqibo.
Ukuba senza isigqibo ngesicelo sakho sesibonelelo-mali uze wena ucinge ukuba asichanekanga, okanye xa unqwenela ulwazi oluthe vetshe ngesigqibo eso, unakho ukwenza okulandelayo:
Ucele ukuba sichaze isigqibo eso ngokunika iinkcukacha ezithe vetshe kwaye siya kusisabela isicelo sakho.
Unakho ukukhalaza ngesigqibo sethu kuphela kwiintsuku ezingama-30 zomhla oseleteni yesigqibo.
Unakho ukufikelela kwifayili yakho ngazo naziphi na iinkcukacha onokuzidinga kuyo.
Uxanduva lwakho luya kuba
Kukusinika:
Iadresi yakho echanekileyo yeposi neyendawo ohlala kuyo.
Iinguquko kwiimeko zobuqu bakho ezifana nengeniso, iadresi, imeko yonyango njalo njalo.
Iinkcukacha ezithembekileyo, eziyinyaniso, ezichanekileyo nezipheleleyo okanye inkcazo ngawo onke amaxesha.
Impendulo enikwa kwangexesha yayo yonke imbalelwano yethu kuquka nophengululo okanye naziphi na ezinye iinkcukacha ezifunwe kuwe.
Awanelisekanga ngeenkonzo zethu?
Ukuba awanelisekanga ngenkonzo yethu ngenxa yokuba:
Sithathe ithuba elide ukuqwalasela isibonelelo-mali sakho kunye/okanye akuyifumenanga kwangexesha intlawulo yakho.
Ayithandeki indlela eliziphatha ngayo igosa lethu.
Abasebenzi bethu benze impazamo kwisicelo sakho okanye bakunike icebiso elingachanekanga.
Nangayiphi na impazamo ngakwicala lethu ebicwangciselwe/ebingacwangciselwanga
sixelele ngayo kwaye siya kuyilungisa kwangoko impazamo esiyenzileyo.
Ukuba ufuna ukufaka isikhalazo, nceda sibhalele okanye sitsalele umnxeba uze ucele ukugqithiselwa kwicandelo lethu lenkathalo ngomxumi.
Siza kuxoxa nawe ngeenkonzo zethu
Sinomdla kwizimvo zakho ngeenkonzo zethu.
Iinkcukacha osinika zona siya kuzisebenzisela ukuphucula iinkonzo zethu.
Sincede ngokuthumela ingxelo yakho ngazo naziphi na iindlela ezilandela ngezantsi:
Tsalela umnxeba kwiziko lethu eliphendula iminxeba kwinombolo yasimahla-0800 601 011
Zalisa ikhadi yezimvo zomxumi efumaneka kwiiofisi zethu nakwiindawo zokuhlawula.
Tyelela iwebhusayithi yethu apha www.sassa.gov.za
Tyelela nayiphi na indawo kwiindawo zethu zoqhagamshelwano.
(Kwizithili, kwindawo yakho, kwiindawo zeenkonzo nezokuhlawula)
Faka okubhaliweyo nakweziphi na iiofisi zethu.
Imibuzo okanye izimvo ngolu xwebhu lwamalungelo
Ukuba udinga naziphi na iinkcukacha ezithe vetshe ngolu xwebhu lwamalungelo, yiya nakweyiphi na enye kwiiofisi zethu.
Unakho ukulufumana olu xwebhu lwamalungelo kwiBreyili, kwiteyiphi emanyelwayo nakwiCD, xa uyicela.
Olu Xwebhu lwaMalungelo luya kuqalisa ngalo mhla 01/04/2007 kwaye luya kuphengululwa ngonyaka ngamnye ukuze kwamkelwe izimvo zakho.
<Doc02>
Iziko laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani - Iindaba
Ngaphakathi kweleNgqokelelo-manani: Isidingo sengqokelelo-manani siza kwanda ngokuya lukhula ulawulo ngentando yoninzi
Eli nqaku lapapashwa okokuqala kwiNgxelo ngaMashishini ngomhla wesi-05 Agasti 2004 
Kwiveki ephelileyo bendiye kwintlanganiso yengingqi yebhodi yamacebiso kwiZiko loQeqesho kwezeNgqokelelo-manani kwiAfrika eseMpuma eTanzania, apho ndifumene khona ithuba lokuya kwitheko lothweso-zidanga lonyaka lama-39 leziko, nalapho ebenenxaxheba khona amalungu abasebenzi amahlanu eziko laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani.
Uqeqesho lwabasebenzi beziko laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani bubutsha-ntliziyo beziko.
Kungekudala emva kokuba ndityunjwe njengenjengele kwinzululwazi ngengqokelelo-manani, iziko laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani, nxamnye neBhunga lezeNgqokelelo-manani, indulule uphando olungxamisekileyo ngamaziko anikela ngoqeqesho olufanelekileyo ngeenkcukacha zaseburhulumenteni.
Sichonge amaziko amabini: iziko eliseDar es Salaam, eTanzania, kunye neZiko leNgqokelelo-manani nezoQoqosho zaMacandelo eUganda.
Kwasekwa iziko loqeqesho ngo-1965 yiKhomishini yezoQoqosho yeUN ukulungiselela iAfrika, uMbutho weAfrika eseMpuma weeNkonzo zesiQhelo kunye neNkqubo yoPhuhliso yeUN.
Kuthe kufika unyaka ka-1977, wabe urhulumente waseTanzania seleliqhuba ngokwakhe iziko, waze wandisa inani lamazwe aseAfrika awanika inkonzo ukuze abe li-13.
Iziko laseUganda lasekwa ngo-1969, ngokwesikhokelo-nkqubo sasemthethweni seYunivesithi yaseMakerere.
Injongo yalo exeliweyo luqeqesho lwenqanaba eliphezulu leengcali kwezengqokelelo-manani nakwezoQoqosho lwaMacandelo.
Kwiminyaka emithathu edlulileyo, iziko laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani  belisoloko ithumela abasebenzi bayo kula maziko.
Kunyaka ophelileyo, iqela lokuqala lathweswa izidanga.
Lakuba libuyile, libonakalise ukuphucuka okumangalisayo komgangatho wokusebenza, kanti abanye babo ngoku basezikhundleni zolawulo.
Nangona kunjalo, iziko laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani lijongene nemingeni emitsha.
Isidingo seenkcukacha zengqokelelo-manani ekuthathweni kwezigqibo, kuzo zonke zontathu iingalo zikarhulumente, sande ngendlela emangalisayo.
Enyanisweni, abantu abaqeqeshelwe ukwenza ingqokelelo kunye nokusetyenziswa kweengcuka zengqokelelo-manani kwinqanaba loomasipala kuya ngokubaluleka kangako.
Ukwanelisa esi sidingo, siya kufanela ukuqeqesha abantu ngesantya esingama-2 000 ngonyaka obona buncinane.
Iziko loqeqesho laseTanzania neZiko lezeNgqokelelo-manani kunye neZiko laseUganda lezeNgqokelelo-manani nezoQoqosho lwaMacandelo awanakukwazi ukumelana nemfuno ephezulu kangako.
Xa wayevula inkomfa yoMbutho wezeNgqokelelo-manani waseMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo, umphathiswa wezemali uTrevor Manuel wacela umngeni kwiiyunivesithi zaseMzantsi Afrika ukuba zihlangabeze unqongophalo olukhoyo lwezakhono zobuchule kwezeNgqokelelo-manani ukuze urhulumente akwazi ukwenza izigqibo enolwazi olusekwe kwiinkcukacha ezichanekileyo zeengqokelelo-manani.
Iziko laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani seliqalile ngeengxoxo neeyunivesithi ngenjongo yokuqalisa ngoqeqesho lolo hlobo.
Nangona kunjalo, okwangoku eMzantsi Afrika akukabikho yunivesithi efundisa ezi zifundo zezengqokelelo-manani zaseburhulumenteni.
 Iziko laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani  linenjongo yokuseka iziko loqeqesho lezengqokelelo-manani kungekudala, elinikela ngoqeqesho kwezengqokelelo-manani zaseburhulumenteni kubasebenzi bangaphakathi nabasebenzi bamanye amasebe.
Usungulo lwenkqubo yesizwe yezengqokelelo-manani luya kukhokelela kwisidingo sokusekwa kwamacandelo ahluka-hlukileyo karhulumente, ukuze kubekho nemfuno ethe kratya yesakhono sobuchule kwezengqokelelo-manani.
Nangona kunjalo, uphuhliso lwesakhono sengqokelelo-manani luxokomezelwe ngokuthe kratya kwisidingo sikarhulumente seenkcukacha ezichanekileyo.
Iingqokelelo-manani zisesizikithini solawulo ngentando yoninzi.
UHG Wells, ekuqaleni kwenkulungwane yama-20, waphakamisa ingcinga ethi kwixesha elizayo, inzululwazi yengqokelelo-manani iya kuba yimfuneko kwimeko yobumi besizwe njengesakhono sokufunda nokubhala.
Iingqokelelo-manani ezimalunga noluntu ziyimpumezo yenkcubeko yakutshanje ephuhle ngokufika kolawulo ngentando yoninzi.
Kubume obungqonge iAfrika, apho ulawulo ngentando yoninzi lusengumba osandula ukufika, siza kubona ukwanda kwemfuno yeengqokelelo-manani ezimalunga noluntu xa lusiya ngokukhula ulawulo ngentando yoninzi.
Iingcali ngeengqokelelo-manani zingabagcini bemithetho-siseko yentembeko yemilinganiselo nofikelelo, ngoko ke nokuphendula ngezenzo zazo.
Oko kuphambili kwinzondelelo yokwanda kwesakhono seengqokelelo-manani, nakuphuhliso lwamaziko afuneka kulwandiso olubanzi nolukhawulezayo ekufundiseni ngeenkcukacha eziqokelelweyo zaseburhulumenteni.
UPali Lehohla ngunjengele wenzululwazi yengqokelelo-manani nentloko yeziko laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani.
Ngolwazi oluthe vetshe ngeziko laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani kunye nemisebenzi yayo, tyelela apha www.statssa.gov.za okanye tsalela umnxeba apha (012) 310-8600
<Doc03>
Iintsuku ezili-16 zoMzabalazo: ubusazi?
Ukususela ngo-1994, uRhulumente uphuhlise uwiso-mthetho lokulungiswa kweemeko ezingalunganga ezichaphazela amabhinqa nabantwana.
Umthetho wokuKhuthazwa kweMpatho eLinganayo noThintelo loCalucalulo oluneKhethe, wango-2000 umiselwe ngenjongo yokuqinisekisa ukuba wonke umntu uyawonwabela amalungelo akuMgaqo-siseko.
Lo Mthetho uqinisekisa ukuba amabhinqa awonwabela ngokulinganayo amalungelo neenkululeko, ngokulungiswa kweemeko ezingalunganga zexesha elidlulileyo.
UMthetho wobuLungisa kwiNdawo yeNgqesho, wango-1998 uqinisekisa ukuba ucalucalulo kwindawo yengqesho, emisebenzini efanayo nakwingeniso kummandla wabasebenzi olwenzeka ngenxa yemithetho yocalucalulo luyacutheka.
Ukhuthaza ukuqeshwa ngobulungisa kwamabhinqa nabanye abantu abebehlelelekile kwithuba elingaphambili kuwo onke amanqanaba amaqumrhu karhulumente nawabucala. 
UMthetho weSondlo, wango-1998 uqinisekisa amalungelo omntwana okuba semgangathweni wokuphila owanele uphuhliso lomzimba, lwengqondo, lomoya nolwentlalo.
UMthetho uqinisekisa ukuba imali yesondlo somntwana ifumaneka ebazalini okanye ebantwini abanoxanduva loncedo lwemali yomntwana.
UMthetho wobuNdlobongela baseKhaya, wango-1998 wawiswa ngenjongo yokunika amaxhoba asinde kubundlobongela ukhuselo olulolona luphezulu ekuxhatshazweni ekhaya.
Amabhinqa, azizisulu zobundlobongela basekhaya, ngoku anoncedo lwasemthethweni oluya kuqinisekisa ukhuselo lwawo.
UMthetho wabaNtwana, wango-2005 kunye noMthetho oLungisiweyo wabaNtwana, wango-2007 wawiselwa ukuba, phakathi kwezinye ezinto, ukhusele umntwana ekuphathweni kakubi, ekubeni angahoywa, ekuxhatshazweni okanye ekuhlazisweni.
Urhulumente uphumeze kwaye uxhase amalinge amaninzi ongenelelo akhusela isidima sabantu abangamabhinqa nabantwana.
UXwebhu lwamaLungelo abaNtwana luyaphengululwa futhi luyahlaziywa ukuze luquke imingeni emitsha efana nokusetyenziswa kwabantwana njengezixhobo zoburheletya nokuba sesichengeni kwabantwana kwiimveliso zoburheletya.
Urhulumente uphendule ngomngeni wemitshato enyanzeliswayo yabantwana besendiselwa ebantwini abadala phantsi kwesebe lokusithela lesiko elibizwa ngokuthi “Kukuthwala”.
Urhulumente uzinikele ekuqinisekiseni ukuba amasiko nezinye izenzo ziyawuthobela uMgaqo-siseko nowiso-mthetho olufanelekileyo.
Isendleleni inkqubo yokuseka ngokutsha amacandelo amapolisa ohlobo olulodwa aphatha izenzo zolwaphulo-mthetho ezimalunga neziphakathi kwezini nezinye iintlobo zolwaphulo-mthetho malunga namabhinqa nabantwana.
Ukusekwa kwamacandelo ohlobo olulodwa kuya kukhuthaza ubungcaphephe obudingeka ekomelezeni ulawulo kunye nokutshutshiswa okunempumelelo kweziganeko zolwaphulo-mthetho olwenziwa kumabhinqa nasebantwaneni.
Ngoku kukho amaZiko eNkathalo ekuthiwa yiThuthuzela ali-17 asekwe kububanzi belizwe kumaqela oluntu aneziganeko eziphezulu zobundlobongela phakathi kwezini.
AmaZiko la anikela ngeenkonzo zempilo nentlalontle aphinde andulule iinkqubo zokunikwa kweengxelo ezifanelekileyo notshutshiso lweziganeko zolwaphulo-mthetho kubume obungqongwe sisidima nenkathalo yeengcali ezineziqinisekiso zemfundo.
INgxowa-mali yokuBuyiswa kweMpahla yeXabiso yolwaPhulo-mthetho yasetyenziselwa ukuxhasa iiprojekthi ezili-19 zokuxhotyiswa kwamaxhoba.
Kwaphuhliswa uluhlu lweeNkonzo zamaXhoba obuNdlobongela nezoLwaphulo-mthetho oluqulethe iinkonzo ezinikwa yimibutho engaphezu kweli-1 500 zikarhulumente nezoluntu olungelolwamkhosi kuwo onke amaphondo. 
Uluhlu olo luxhobisa abantu ukuba bafikelele kwiinkonzo ezifumaneka kwiindawo zabo. 
Kusekwe izibonelelo ezilungele amaxhoba kwizikhululo zamapolisa eziphatha iziganeko ezininzi zolwaphulo-mthetho zokudibana ngqo.
Kuphuhliswe iiNkundla eziziNikele kwiziGaneko zolwaPhulo-mthetho phakathi kweZini. 
UMthetho wobuNdlobongela baseKhaya unolungiselelo lokusekwa kwamakhaya angamakhusi. 
Ngoku kukho amakhaya angamakhusi angama-96 eMzantsi Afrika, ukususela kwangama-39 ngo-2001.
Amalungelo oXwebhu lwamaLungelo amaXhoba aguqulelwa kwiimeko ezikhoyo ezilungele amaxhoba olwaphulo-mthetho asebenzisana neNkqubo yobuLungisa kulwaPhulo-mthetho. 
Olu Xwebhu lwamaLungelo luquka imiGangatho eyiYona miNcinane ngeeNkonzo zamaXhoba olwaPhulo-mthetho, nechaza isikhokelo-nkqubo sasemthethweni samaXhoba ukuba abange amalungelo awo ngeenkonzo ezilindeleke kwiNkqubo yobuLungisa kulwaPhulo-mthetho.
Ngenxa yempumezo yoXwebhu lwamaLungelo amaXhoba, liye lehla inani leentsuku ezisetyenziselwa ukuqoshelisa ingxoxo ngesiganeko kwiNkundla yolwaPhulo-mthetho phakathi kweZini ukususela kuma-285 ukuya kwi-142.
UXwebhu lwamaLungelo lukwayimfuneko kaRhulumente waseMzantsi Afrika ukuze ahlangabeze isibophelelo malunga nesiBhengezo seZizwe eziManyeneyo (iUN) seMithetho-siseko esisiSeko nobuLungisa kumaXhoba olwaPhulo-mthetho nokuXhatshazwa kweGunya.
Intsebenziswano yeHlabathi ekuhlangabezeni imingeni yobundlobongela kumabhinqa nasebantwaneni.
UMzantsi Afrika unikele ingxelo yawo kwinkqubela eyenziweyo ngokuphunyezwa kweNgqungquthela ngokuPheliswa kocalucalulo lwamabhinqa ukuya kwikomiti yeCEDAW yeUN. 
UMzantsi Afrika usingethe iNtlanganiso yabaPhathiswa yeAfrika eseMzantsi yoPhuhliso loLuntu (iSADC) (ngomhla we-09 Okthobha) ukuze kuqosheliswe isicwangciso samanyathelo seminyaka eli-10 sesicwangciso-cebo sengingqi ngokuthengiswa kwabantu, ngakumbi amabhinqa nabantwana. 
ULandelo-mgaqo lweAfrika eseMzantsi yoPhuhliso loLuntu ngeZini noPhuhliso luchaza ukuthi iMibuso engamaLungu eAfrika eseMzantsi yoPhuhliso loLuntu iya kuba iwise umthetho ngo-2015 oza kulwa ukuphathwa kakubi ngokwesini.
UMzantsi Afrika usingethe iNgqungquthela yeNgingqi yobuLungisa ngeZini (ngomhla we-9 ukuya kowe-10 Novemba 2009), apho kuza kuhlangana khona abameli bamazwe aseAfrika ukuze babelane ngamava abo nangemisebenzi ebalaseleyo ekutshatyalalisweni kobundlobongela ngokwezini naphakathi kwezini.
Musa ukujonga kwelinye icala, yilwa nokuxhaphaza
<Doc04>
INkcazo ngoBomi babuCala
ISebe leeNdawo zokuHlala lizinikele kukhuselo loBomi bakho babucala nakuphuhliso lobuchwepheshe obukunika amava okusebenzisa ikhompyutha ngeyona ndlela ikuxhobisayo nekhuselekileyo.
Le Nkcazo yoBomi babuCala isetyenziswa kwiWebhusayithi yeSebe leeNdawo zokuHlala kwaye ilawula ukuqokelelwa nokusetyenziswa kweenkcukacha.
Ngokusebenzisa iwebhusayithi yeSebe leeNdawo zokuHlala, uyavuzivuma iindlela zokusetyenziswa kweenkcukacha ezichazwa kule nkcazo.
Ukuqokelelwa kweeNkcukacha zoBuqu bakho
ISebe leeNdawo zokuHlala liqokelela iinkcukacha ezinobunini obuchongekayo, ezifana neadresi yeimeyili yakho, igama, iadresi yasekhaya okanye yasemsebenzini okanye inombolo yefowuni.
ISebe leeNdawo zokuHlala liphinda liqokelele iinkcukacha zamanani ezintlu ezithile ezinobunini obungenakuchongwa, nezingabhekisi kuwe kuphela, ezifana nekhowudi yakho yeposi, ubudala, isini, imiba ekhethwayo, imidla nemiba ethandwayo.
Kukho neenkcukacha ngeqokobhe nangeenkqubo zekhompyutha yakho eziqokelelwa ngendlela ezenzekelayo liSebe leeNdawo zokuHlala.
Ezi nkcukacha zinokuquka oku: iadresi yakho yenombolo yesazisi seintanethi, uhlobo lwesikhangelisi, amagama emimandla yemixholo, amaxesha okungena kunye neeadresi zeewebhusayithi ekuqinisekiswa kuzo.
Ezi nkcukacha zisetyenziswa liSebe leeNdawo zokuHlala ukwenzela ukusebenza kwenkonzo, ukuze kugcinwe umgangatho wenkonzo, nokunikela ngeengqokelelo-manani gabalala malunga nokusetyenziswa kwewebhusayithi yeSebe leeNdawo zokuHlala.
Nceda khumbula ukuba xa uzityhila ngqo iinkcukacha ezinobunini obuchongekayo okanye iinkcukacha ezinobunini obuntununtunu ngokuzidlulisa kwiibhodi zemiyalezo yoluntu zeSebe leeNdawo zokuHlala, ezi nkcukacha zinokuqokelelwa zize zisetyenziswe ngabanye.
Qaphela: ISebe leeNdawo zokuHlala alifundi naziphi na iinkcukacha zonxibelelwano lwakho lwabucala ngekhompyutha.
ISebe leeNdawo zokuHlala liyakukhuthaza ukuba uziphengulule iinkcazo zobomi babucala zeewebhusayithi okhetha ukuzinxulumanisa nazo ezivela kwiSebe leeNdawo zokuHlala ukuze uqonde ukuba ezo webhusayithi ziziqokelela njani, zizisebenzise futhi zabelane njani ngeenkcukacha zakho. 
ISebe leeNdawo zokuHlala alinaxanduva lweenkcazo zobomi babucala okanye ezinye iziqulatho ezikwiiwebhusayithi ezingaphandle kweSebe leeNdawo zokuHlala kunye nosapho lweewebhusayithi zeSebe leeNdawo zokuHlala.
Ukusetyenziswa kweeNkcukacha zoBuqu bakho
ISebe leeNdawo zokuHlala liqokelela lisebenzise iinkcukacha zobuqu bakho ukuze liqhube iwebhusayithi yeSebe leeNdawo zokuHlala ngokunjalo linikele ngeenkonzo ozicelileyo. 
ISebe leeNdawo zokuHlala liphinda lisebenzise iinkcukacha zakho zobunini obuchongekayo ukukwazisa ngezinye iimveliso okanye iinkonzo ezifumaneka kwiSebe leeNdawo zokuHlala nakwabazimanye nalo. 
Kwakhona iSebe leeNdawo zokuHlala lisenokuzidibanisa nawe ngeentlobo zophengululo zokuqhuba uphando ngoluvo lwakho ngeenkonzo zangoku okanye ngeenkonzo ezintsha ezinokubakho ekunokunikelwa ngazo.
ISebe leeNdawo zokuHlala alizithengisi, alizirentisi okanye aliziqeshisi izindwe zalo zabaxumi kumaqela esithathu.
ISebe leeNdawo zokuHlala linakho, kumaxesha ngamaxesha, ukuzidibanisa nawe egameni labahlulelane bangaphandle beshishini malunga nenkonzo ethile onokuba nomdla kuyo.
Kwiziganeko ezinjalo, iinkcukacha ezichongeka njengezobuqu bakho (i-imeyili, igama, iadresi, inombolo yefowuni) azidluliselwa kwiqela lesithathu. 
Ngaphezu koko, iSebe leeNdawo zokuHlala linakho ukwabelana ngeenkcukacha nabahlulelane abathenjiweyo ukunceda thina ngokwenza uhlalutyo lwengqokelelo-manani, ukuthumela kuwe i-imeyili okanye iposi, ukunikela ngenkxaso yabaxumi, okanye ukulungiselela ukunikela ngeenkonzo.
Onke amaqela esithathu anjengalawo athintelekile ekusebenziseni iinkcukacha zobuqu bakho ngaphandle kokuba anikela ezi nkonzo kwiSebe leeNdawo zokuHlala, ngokunjalo xa kufuneka ukuba egcine iinkcukacha zakho njengemfihlelo.
ISebe leeNdawo zokuHlala alisebenzisi futhi lingazityhili iinkcukacha zobuqu bakho ezinobuntununtunu ezifana nohlanga lwakho, inkolo, okanye ezopolitiko ozimanye nalo, ngaphandle kwemvume yakho ecacileyo.
ISebe leeNdawo zokuHlala liyawulandela umkhondo weewebhusayithi namakhasi atyelelwa ngabaxumi bethu phakathi kweSebe leeNdawo zokuHlala, ukuze kufunyaniswe ukuba zeziphi na iinkonzo ezithandwa kakhulu zeSebe leeNdawo zokuHlala.
Ezi nkcukacha zisetyenziselwa ukunikela ngeziqulatho ezilungiselelwe wena nokuthumela izaziso kubaxumi beSebe leeNdawo zokuHlala abaziphethe ngendlela eyalatha ukuba banomdla kumxholo othile.
Iiwebhusayithi zeSebe leeNdawo zokuHlala ziya kuzityhila iinkcukacha zobuqu bakho, ngaphandle kwesaziso, kuphela xa zifunwa ngokomthetho okanye ngenxa yenkolelo yobulungisa ekubeni inyathelo elinjalo liyimfuneko ukuze: (a) kuqhutywe ngokwemimiselo yomthetho okanye kuthotyelwe inkqubo yasemthethweni elawula iSebe leeNdawo zokuHlala okanye isiza; (b) kukhuselwe futhi kuxhaswe amalungelo okanye impahla yeSebe leeNdawo zokuHlala; kananjalo, (c) kuthathwe amanyathelo angxamisekileyo ukuxhasa ukhuselo lobuqu babasebenzisi beSebe leeNdawo zokuHlala okanye loluntu.
Ukusetyenziswa kweMiyalezo yeKhompyutha kuMsebenzisi
Iwebhusayithi yeSebe leeNdawo zokuHlala isebenzisa imiyalezo yekhompyutha kumsebenzisi ukunceda wena ngokwenza amava akho ngekhompyutha ukuba abe ngawobuqu bakho.
Umyalezo wekhompyutha kumsebenzisi yifayili yokubhaliweyo efakwa kwidiski yakho ngumniki-nkonzo wekhasi lewebhu.
Imiyalezo yekhompyutha kumsebenzisi ayinakusetyenziselwa ukuqhuba iinkqubo okanye ukufaka iivayirasi ekhompyutheni yakho.
Imiyalezo yekhompyutha kumsebenzisi enikwa wena yeyakho kuphela, kwaye inokufundwa ngumniki-nkonzo wewebhu kummandla womxholo okunike umyalezo wekhompyutha.
Enye yeenjongo eziphambili zemiyalezo yekhompyutha kumsebenzisi kukunikela ngophawu loncedo ukuze kongeke ixesha lakho.
Injongo yomyalezo wekhompyutha kumsebenzisi kukwazisa umniki-nkonzo wewebhu ukuba sowubuyele kwikhasi elithile.
Umzekelo, ukuba amakhasi eSebe leeNdawo zokuHlala uwenza awobuqu bakho, okanye ubhalisa kwisiza okanye kwiinkonzo zeSebe leeNdawo zokuHlala, umyalezo wekhompyutha kumsebenzisi unceda iSebe leeNdawo zokuHlala ukuba libuyise iinkcukacha zakho ezithile kumathuba otyelelo alandelelanayo.
Oku kuyenza lula inkqubo yokugcina iinkcukacha zobuqu bakho, ezifana neeadresi zokuthumela iimbalelwano zeentlawulo ezifunekayo, iiadresi zokuthumela impahla ngenqanawa, njalo njalo.
Xa sowubuyela kwiwebhusayithi yeSebe leeNdawo zokuHlala, iinkcukacha obuzinike ngaphambili zisenokubuyiswa, ngoko ke unakho ukuzisebenzisa lula iimpawu obuzilungiselele zona zeSebe leeNdawo zokuHlala.
Unesakhono sokuyamkela okanye sokuyikhaba imiyalezo yekhompyutha kumsebenzisi.
Uninzi lwezikhangelisi zeewebhusayithi luyamkela ngendlela ezenzekelayo imiyalezo yekhompyutha kumsebenzisi kodwa usenakho nokusoloko uyihlengahlengisa indlela osete ngayo isikhangelisi sakho ukuze uyikhabe imiyalezo yekhompyutha kumsebenzisi yakho xa uthanda.
Ukuba ukhetha ukuyikhaba imiyalezo yekhompyutha kumsebenzisi, usenokungakwazi ukuzisebenzisa ngokupheleleyo iimpawu ezisebenzisanayo zeenkonzo zeSebe leeNdawo zokuHlala okanye iiwebhusayithi ozityelelayo.
Ukhuselo lweeNkcukacha zoBuqu bakho
ISebe leeNdawo zokuHlala likhusela iinkcukacha zobuqu bakho kufikelelo olungagunyaziswanga, ekusetyenzisweni okanye ekutyhilweni kwazo.
ISebe leeNdawo zokuHlala likhusela iinkcukacha ezichonga ubunini onikela ngabo kwiziniki-nkonzo zekhompyutha kubume obulawulwayo, obukhuselweyo, obukhuselwe kufikelelo olungagunyaziswanga, ekusetyenzisweni okanye ekutyhilweni kwazo.
Xa iinkcukacha zobuqu (ezifana nenombolo yekhadi yemali yetyala) zidluliselwe kwezinye iiwebhusayithi, zikhuselwa ngokusebenzisa imigaqo yokufihla iinkcukacha, efana neprothokholi yoMaleko weGolonxa loKhuselo (iSSL).
Iinguquko kule Nkcazo
ISebe leeNdawo zokuHlala liya kumana liyihlaziya le Nkcazo yoBomi babuCala ukubonisa ingxelo yequmrhu neyabaxumi.
ISebe leeNdawo zokuHlala likukhuthaza ukuba umane uyiphengulula le Nkcazo ukuze ube nolwazi lwendlela iSebe leeNdawo zokuHlala elizikhusela ngayo iinkcukacha zakho.
IiNkcukacha zoQhagamshelwano
ISebe leeNdawo zokuHlala liyazamkela izimvo zakho malunga neNkcazo yabuCala.
Ukuba ukholelwa ekubeni ISebe leeNdawo zokuHlala alinamathelanga kule Nkcazo, nceda uqhagamshelane neSebe leeNdawo zokuHlala apha webmaster@kznhousing.gov.za.
Siya kusebenzisa amalinge afanelekileyo ngokorhwebo ukuze sikhawuleze sifumanise ngokunjalo sisombulule ingxaki.
<Doc05>
Intetho yeNkulumbuso uEbrahim Rasool kwiTheko lokuBhiyozela abaPhumelele iBanga leMatriki.
Namhlanje size apha ukuze sivuyisane nabaphumelele emagqabini bethu.
Sithi kubo: Huntshu! Sineqhayiya ngani, eli Phondo neLizwe lineqhayiya ngani, abazali benu baneqhayiya ngani, kanti okubaluleke kakhulu kukuba nani nifanele ukuba neqhayiya ngeziqu zenu.
Isizathu sokuba sivuselele iqhayiya ngexesha elifana neli, sisekubaluleni inyaniso yokuba impumelelo yexesha elithile izalwa lixesha elide lobunzima nokuncama okuninzi, sisekubeni usuku lwanamhlanje lumele ithuba lengcaciso yemeko enokuchazwa ngokugqibeleleyo njengenobugocigoci.
Imatriki inobugocigoci.
Kwiminyaka elishumi edlulileyo siye safanela ukutshintsha inkqubo yezemfundo iphelele kwisimbo sayo socalucalulo.
Siphumelele kakhulu malunga nomanyaniso olwandileyo, uluhlu lwezifundo noviwo olunye, amanani athe kratya abo babhala imatriki futhi baphumelele, nakulwazi lokuba imfundo ikwahlangabeza izidingo ezingaphaya kwezabantu ngabanye - nasekubeni uqoqosho luphelele luxhomekeke kwiseti yezakhono zobuchule ezinikwa yinkqubo yemfundo.
Enyanisweni imatriki inobugocigoci.
Ngokuqinisekileyo iinkokeli zethu ezibuthene apha eLeeuwenhof zezona zifanelekileyo, ngabantu abanempumelelo egqibeleleyo, zikwangabantu abazifanele zonke iimbasa ezamkelekileyo kweli Phondo. 
Kodwa iingcinga zethu zisuka zifikelele kuma-71% enani labantu abangaphezu kweminyaka engama-20 ubudala abangayifezanga imfundo yabo yamabanga aphezulu, phantse isiqingatha sama-80 000 aqale nawe kwiBanga loku-1 kwiminyaka eli-12 edlulileyo esingazange sizibhale iimviwo zango-2004 kuba sawa endleleni, kanti abaninzi ababhalayo, ngenxa yendlela ababekhethe ngayo izifundo namanqanaba azo, nangona benazo izatifikethi zematriki abakwazi kungena kwezoqoqosho okanye kwimfundo ephakamileyo.
Imatriki intsonkothile ngakumbi ngenxa yenyaniso yokuba niziifestile zethu zeevenkile.
Isizwe senza izigqibo ngekamva lethu ngokomgangatho wokusebenza kwenu.
Liseka inkuthazo yalo kwimpilontle yenu.
Liseka ithemba lalo lekamva ngokotyalo-mali lwethu kwinkqubo yemfundo efezeka ngeli thuba lombhiyozo.
Ewe ke, isixa esisesona sikhulu sohlahlo lwabiwo-mali lukazwelonke nolwamaphondo siya kwimfundo. 
Kulo nyaka uwodwa, ukuze silondoloze ingqesho yabahlohli abangama-2000 siye sanyanzeleka ukuba sithathe kwimali yeminye imisebenzi yephondo siyifake kwezemfundo.
Sifanele ukwandisa utyalo-mali lwethu kwizikolo zabasweleyo ukuze naxa esanda amanani impatho elinganayo yemfundo ivakale njengenkolelo ethe kratya kwixesha elizayo kwisikolo ngasinye saselokishini.
Okubaluleke kakhulu, Mphathiswa Dugmore noNjengele-Mongameli Swartz, sinomgqaliselo omnye wokuhlanganisela isiCwangciso-cebo sabaSebenzi sokunika izizathu ngalo lonke olu tyalo-mali.
Kufuneka sifumane abaphumelele imatriki abomeleleyo ekubambeleleni kwiimpawu zentsulungeko zabo, abaneziphumo ezisemagqabini, abalulungeleyo uqoqosho, abathembekileyo kuluntu lwabo, nabaluncedo ebantwini.
Yiloo nto eyenze ukuba size kubhiyoza apha namhlanje.
Nina nimele la mathemba njengoko sisakha iKhaya lethu Sonke. 
Sibhiyozela iimpumelelo zenu kuba niye nancama konke futhi nasebenza nzima, abazali benu nabo baye bancama konke banigcina esikolweni, kanti noluntu lwenu luye lwancama konke ukuze lwenze utyalo-mali kwikamva lenu.
Baninzi abalithandabuzayo ixabiso lokubhiyozela iimpumelelo zematriki ngenxa yeemeko zobugocigoci nenyaniso yokuba zisenokuba zisabonisa intsalela yenkqubo yocalucalulo.
Nini kuphela abanokuyoyisa le meko ngokuthi nizinikele ekuququzeleni nangokuba sezingqondweni ekwakheni iKhaya labo Bonke, elingenabuhlanga nelithe kratya ngempatho elinganayo.
Oku kufanele ukubonakala kuko konke enikukhethayo ukususela ngoku ukuya phambili.
Kude kube ngoku benizikhethela ukuba niza kusebenza nzima kangakanani.
Isatifikethi senu sematriki sinivumela siphinde sininyanzele ukwenza izigqibo nokukhetha malunga nohlobo lomntu enifuna ukuba nguye kwanohlobo lobomi enifuna ukubuphila.
Siyavuyisana nani kwaye sininqwenelela amathamsanqa.
<Doc06>
Umnqophiso ka-2010 woLawulo lweProjekthi yoNxibelelwano lukaRhulumente:
kukuqhuba impumezo yeenjongo zezicwangciso-cebo zonxibelelwano zeNdebe yeHlabathi yokuqala yaseAfrika yeFIFA
kukuzimisela kangangoko ngeli thuba lingafaniyo namanye ukubalula nokwakha ubunye obungaphaya neqhayiya phakathi kwabantu baseMzantsi Afrika
kukukhuthaza ulutsha lwethu
kukuthengisa ilizwe ehlabathini
kukudala umoya wonxibelelwano onceda ngokusetyenziswa kweli thuba ukuze kuxheshwe uphuhliso ngokunjalo kwandiswe amathuba
kukwakha imbumba yamanyama yobuAfrika.
Oku kuya kuphunyezwa:
ngokunikela ngobunkokeli nangonxulumaniso ukulungiselela unxibelelwano lukarhulumente ukwenzela iNdebe yeHlabathi ka-2010
ngokwakha ulwahlulelwano lwesizwe lwabanxibelelanisi bakarhulumente nababucala kuzo zonke iinkalo zemisebenzi, ngokunjalo nokuqhubela phambili iimanyano nabanxibelelanisi kwilizwekazi nakwebesizwe esinye bangaphandle, ukuze ilizwe ngokunjalo nelizwekazi zifumane uncedo kweli thuba lonxibelelwano lobude bobomi
ngokuqhuba iiprojekthi ezisentloko zonxibelelwano lukarhulumente ukwenzela iNdebe yeHlabathi yeBhola eKhatywayo ngo-2010.
<Doc07>
IMithetho yeSizwe ngokuSetyenziswa kweeNdlela iLungiselwe ukuphucula ukhuseleko lweendlela
EPOLOKWANE: IMithetho yeSizwe ngokuSetyenziswa kweeNdlela ilungisiwe.
Ibizwa ngokuba sisiLungiso Seshumi elinesiXhenxe saze saqalisa ngopapasho.
ISebe leeNdlela noThutho lazisa abaqhubi beemoto ngezilungiso ezizezi:
Izithuthi ezitsha eziziimoto ezibhaliswe emva komhla woku-01 August 2010 zifanele ukuba neepleyiti zeenombolo ezifakwa zize ziphume ngokutaka okanye ngezikrufu.
Ukuba azikwazi kufakeka kwisithuthi zifanele ukufakwa kwisixhasi esithobela iSANS 973.
Esi silungiso siya kunciphisa ulwaphulo-mthetho nezenzo ezingekho mthethweni ngokusetyenziswa kwendlela ngabaqhubi beemoto abazikhupha lula iipleyiti ukuze ungabi nakulandelwa umkhondo wazo.
Akusayi kuba lula ukukhupha ipleyiti yeenombolo ize ibuyiselwe emva kokwenziwa kolwaphulo-mthetho njengoko oko kuya kusoloko kuzongeza iindleko.
Ipleyiti yeenombolo yenziwa ngealuminium eya kwenza kube nzima ukuyitshisa kangangokuba ide ingabonakali ngethuba lengozi.
Ukususela ngomhla woku-1 Februwari 2011 abantu abafumana iilayisensi zokuqhuba malunga nelayisensi yokuqhuba yekhowudi iC, C1, EC okanye iEC1 abasayi kuvunyelwa ukuba baqhube imoto efuna ilayisensi yekhowudi iB okanye iEB ( ngokwendlela yakudala umntu onelayisensi yekhowudi i-10, 11, 13 okanye i-14 akanakuqhuba isithuthi esidinga ilayisensi yekhowudi i-08 ngayo)
Oku kuya kusetyenziswa kubanini beelayisensi ezintsha.
Balinani elikhulu abaqhubi abangabafundi abafaka izicelo zeelayisensi zokuqhuba zezithuthi ezikhulu xa kuthelekiswa nabezithuthi ezincinane ukuze baphephe iimvavanyo zokupaka ngendlela enxusileyo njengomzekelo.
Inyaniso yeyokuba bakuba befumene iilayisensi zezithuthi ezikhulu, baqhuba izithuthi ezincinane abangayiqhelanga imigaqo yolawulo lwazo baze bagqibele ngokubandakanyeka ezingozini.
Kwakhona kulindeleke ukuba bonke abo baqhubi bafumene iilayisensi zokuqhuba izithuthi ezikhulu babe neeMvume zokuQhuba ngobuNgcali kodwa, ingqokelelo-manani ibonisa okwahlukileyo.
Oku bubungqina bokuba abafaki-zicelo bebedinga iilayisensi zokuqhuba zezithuthi zemoto ezincinane ingezizo ezezithuthi zemoto ezikhulu.
Izixhobo zoLawulo loziNziso lweNtsingiselo zeebhasi ezincinane neziphakathi zifundiswa ngenkqubo yokufumana izatifikethi njengenxenye. yovavanyo lokulungela ukuba sendleleni.
Oku kusebenza nakwiibhasi ezincinane neziphakathi ingekuko kwizithuthi ezisandul’ ukwenziwa kuphela.
Umnini-sithuthi esiyimoto obhalisiweyo okanye omele yena makangenise ifomu ezalisiweyo yeDSCD efunekayo esikhululweni seemvavanyo.
Isixhobo soLawulo loziNziso lweNtsingiselo sisixhobo esithintela ithayara ekuphumeni kumphetho xa ithayara ligqabhuka sihamba isithuthi.
Isilungiso soMthetho wama-332 sapapashwa kwaye sidwelisa izixhobo zovavanyo lobungqina bomphefumlo ezinokusetyenziselwa ukuqokelela iisampulu zobungqina bomphefumlo ukuze isatifiketi esikhutshwe ngumenzi okanye ngumthengisi sisetyenziswe njengobungqina kwiziganeko ezithile, bokuba kwenziwe loo mveliso. 
Esi silungiso sinenjongo yokulungisa umba obuphakanyisiwe ngokuba semthethweni wezihlalutyi zomphefumlo ngokwecandelo lama-65(7) loMthetho weSizwe ngokuSetyenziswa kweeNdlela, wango-1996 kwaye uthobela iSABS 1793 ngokunjalo unokusetyenziselwa ukuqinisekisa ubungakanani botywala emphefumlweni.
Okulandelayo zizixhobo ezimiselweyo:
“Oku kufuneka ngakumbi ngethuba lemibhiyozo njengoko kunika uncedo olongezelelekileyo kumalinge ethu okulwa ukuqhuba phantsi kweempembelelo zotywala kwiindlela zethu” utsho uMphathiswa weeNdlela noThutho uPinky Kekana.
<Doc08>
IiNkonzo zeMpilo zaPhambi kokuBeleka
Iintombi noomama abakhulelweyo bathunyelwa kwiinkonzo zokubelekisa okanye kumaCandelo aBongi abaBelekisayo (iiMOU) kwiindawo ezisezidolophini, nakoonojikeleza beeklinikhi okanye ezisisigxina kwiindawo ezisemaphandleni.
IiMOU ngamacandelo okubelekisa aqhutywa ngabongi ababelekisayo phakathi koluntu ukwenzela ukhathalelo lwempilo yezigulana lwasekuqaleni.
Oomama abakhulelweyo bacetyiswa ukuba babhukishe utyelelo lwabo lokuqala eklinikhi kwangaphambili ngeeveki eziyi-20 okanye msinyane kangangoko emva koko.
Umama unikwa uhlolo olupheleleyo lokuqala nodliwano-ndlebe lwamacebiso ngotyelelo lwakhe lokuqala lwaphambi kokubeleka, nolukwaziwa njengotyelelo lokubhukisha.
Ukukhulelwa kuqwalaselwa ngokwenza amathuba otyelelo alandeliswayo rhoqo.
Impilo kamama ikwaqwalaselelwa kufutshane.
Uyaveyishwa, kuqwalaselwe uxinzelelo lwegazi lwakhe kuvavanywe nomchamo.
Ukuba akukho ziingxaki zivelayo, ufanele ukubuyela kutyelelo lwakhe lokuqala olulandeliswayo emva kweeveki ezimbini ukuze afumane iimvavanyo ezithathwe kutyelelo lokubhukisha.
Emva koku, kufuneka abuyele eklinikhi qho emva kweeveki ezintandathu kude kube ziiveki eziyi-28, aphinde eze kwiiveki eziyi-34, emva koko ngokomyalelo wabasebenzi baseklinikhi/iMOU (isantya samathuba otyelelo sinokwahluka ngokweendawo).
Oomama abakhulelweyo bahluzwa ngenxa yemingcipheko enokubakho kwimpilo yabo nakwimpilo yosana olungekazalwa.
Iintombi ezifikisayo kunye noomama abangaphezu kweminyaka eyi-35 ubudala babonwa njengabantu abasemngciphekweni ophezulu.
Oku kuthetha ukuba kungalindelwa kakhulu kubo ukuvela kweengxaki ngethuba lokukhulelwa okanye lokubeleka.
Kwakhona amabhinqa akhulelweyo anokubonwa njengomngcipheko ophezulu ukuba lunyukile uxinzelelo lwegazi lwabo, xa benembali yeziphene zofuzo, ukukhulelwa okungaphezu kolosana olunye naxa bebenze uqhaqho olufana nolokubeleka kwilixa elingaphambili.
Oomama abafunyaniswe ngoxilongo ukuba basemngciphekweni ophezulu bathunyelwa phambili kwiikliniki zaphambi kokubeleka zabangalaliswayo kwizibhedlele zebanga eliphakathi okanye eliphezulu, apho kuqhutywa khona ngophando olungaphaya ukuze kwenziwe nezinye iimvavanyo zokuhluza.
Oomama abanokukhulelwa kwemingcipheko ephezulu bacetyiswa ukuba baye kwiiklinikhi zaphambi kokubeleka zabangalaliswayo kaninzi kangangoko kuyimfuneko.
Ukuba uyaqala ukutyelela kwiziko lobonelelo lwempilo, uya kucelwa ukuba uzalise ifomu ukuze kuvulwe ifayili yakho.
Yiza nencwadi yakho yeID, nawaphi na amayeza owaselayo kunye nekhadi yaseklinikhi okanye yasesibhedlele, ukuba ububhalisiwe kwilixa elingaphambili kwiziko lobonelelo.
Abanokhulelo lwemingcipheko engephi bancedwa kwiiMOUs (amacandelo okubelekisa aqhutywa ngabongi ababelekisayo eluntwini ukwenzela ukhathalelo lwempilo yezigulana) lwasekuqaleni kwiindawo ezisezidolophini, koonojikeleza beeklinikhi nakwezisisigxina kwiindawo ezisemaphandleni.
Abanokukhulelwa kwemingcipheko ephezulu bancedwa kwiikliniki zabangalaliswayo kwizibhedlele zasezidolophini nezasemaphandleni zeengingqi nezikwibanga eliphezulu.
<Doc09>
Inkqubo eManyanisiweyo yeZondlo
Inkqubo eManyanisiweyo yeZondlo (i-INP) inenjongo yokuphucula isimo sezondlo zabo bonke abahlala kwiphondo laseNtshona Koloni.
Iliqela imiba ebandakanyeka kule nkqubo.
Yintoni ukungondleki kakuhle?
Ukungondleki kakuhle yingxaki exhalabisayo eMzantsi Afrika kwaye ngomnye woonobangela abakhulu kakhulu bokugula nokufa kwibanga lobuntwana.
Kuqikeleleka ukuba malunga nabantwana abayi 30% baseMzantsi Afrika banqaphele ngenxa yokungabikho kwezondlo kwiminyaka yokuqala yobomi babo.
Ukufumana ukutya okungalingenanga, ukugula nodandatheko ngokokuziphatha-ngokwentlalo/ukwenzakala zezona zizathu zibabaluleke kakhulu ezikhawuleza zibangele ukungondleki kakuhle. 
Intswelo nokungabi namithombo yoncedo yimibandela esisiseko enegalelo kwimeko yokungondleki kakuhle.
I-INP iyazama ukuhlangabeza lo bhubhane othe cwaka ngeendlela ezininzi.
Izongezo zezondlo zabantwana
Kwinqanaba lokhathalelo lwasekuqaleni lwempilo abantwana abaxilongwa baze bachongwe njengabalambathayo ngezondlo (oku kuquka abantwana nabantu abadala abanentsholongwane yeHIV nabanesifo sephepha) baya kunikwa izongezo zokutya kuquka umgubo wombona oxhotyisiweyo nesiselo samandla aphezulu.
Izongezo zokutya zinikwa abaxumi abachongwe ngokwemiqathango.
Abasebenzi becandelo lempilo baphinda banikele ngodliwano-ndlebe lwamacebiso, ngeenkcukacha nangemfundo malunga nezintlu zezidlo ezinempilo kunye neendlela ezizezona zinempilo zokulungisa ukutya.
Iingcali zezintlu zezidlo zikwanikela ngeenkonzo ezizozodwa eluntwini.
Ukuncancisa ubisi lwebele
Ukunceda ngokulwa ukungondleki kakuhle kwibanga lasekuqaleni lobuntwana abasebenzi bezempilo bakhuthaza amabhinqa ukuba ancancise abantwana babo ngaphandle kokukhetha bade babe neenyanga ezintandathu ukuze emva koko kuqhutywe ngokuncancisa ubisi lwebele ngaphezu kokuqaliswa kweentlobo zokutya ezifakelwayo ezifanelekileyo, ade umntwana abe neminyaka emibini. 
Ezinye iintlobo zezondlo kuxoxwa ngazo noomama abanentsholongwane yeHIV.
Isibhedlele saseVredendal neZiko lokuBelekisa laseGroote Schuur ziziBhedlele eziThanda iiNtsana ngokwesiNdululo seziBhedlele ezithanda iiNtsana.
Uqwalaselo lokukhula
Bonke abantwana baveyishwa rhoqo njengenxenye yenkqubo yoqwalaselo lokukhula, isalathisi esichanekileyo sokubonisa ukuba ingaba umntwana uyakhula na.
Ubunzima bomzimba bubhalwa kwiKhadi yeNdlela eya eMpilweni.
Kuqwalaselwa nezizathu eziyintsusa yokwehla kobunzima bomzimba ezinjengezifo ezisulelayo, ukunganeli kokutya ekhaya nokungahoywa komntwana. 
Izifo ezisulelayo zinendima enkulu emzimbeni ongondlekanga ngokwaneleyo kanti ezi zigulo zinyangwa kwinqanaba lokhathalelo lwasekuqaleni lwempilo.
Isifo sorhudo sinxulumene kakhulu nobume obungqonge impilo (ubonelelo lococeko nolwamanzi) kanti ukondleka okunganelanga- okanye okulambathayo kwemveku, okusuka kumenze isisulu sorhudo oluxhalabisayo nolungapheliyo.
Ukugxothwa kwentswelo
Amakhaya abethwa yintswelo ayachongwa aze athunyelwe kwenye yeenkqubo zikarhulumente zokugxotha intswelo.
Ubukho bokutya okwaneleyo emakhaya buhlangatyezwa phakathi kwamacandelo kuze kunikelwe ngamalinge ongenelelo afanelekileyo nangenkxaso.
Izongezo zeeVithamin
Ukulawula unqongophalo lwezondlo zezixa ezincinane yinxenye ebalulekileyo yenkonzo.
Izondlo zezixa ezincinane zizinto eziyindalo ezifana neevithamin kunye neetyuwa, ezifumaneka ngezixa ezincinane ekutyeni kanti zibaluleke kakhulu ekulondolozweni kwempilo entle.
I-INP inikela ngenkxaso yeVithamin A ebantwaneni ekujoliswe kubo.
Abantwana abangafumani Vithamin A eyaneleyo balahlekelwa bubunzima bomzimba, abakhuli kakuhle kanti baba zizisulu zeentlobo zosuleleko ezisuka zibabulale.
Unqongophalo lweVithamin A luphinda lonakalise iliso kanti lusesinye sezizathu ezisentloko zokungaboni phakathi kwabantwana bethu.
Abantwana abazalwa benobunzima bomzimba obunganeno banikwa iipilisi zeVithamin A, ezomeleza inkqubo yokuzikhusela komzimba zize zincede ngokukhula kokuphuhla komntwana.
Iimveku ezineenyanga ezisusela kwezi-6 ukuya kweziyi-11 zinikwa ithamo elinye leVithamin A (100 000 IU) ukuthintela ukugula okunobuzaza.
Abantwana abaneenyanga ezili-12 ukuya kwabaneminyaka emihlanu ubudala banikwa ithamo elinye le-200 000 IU kwiinyanga eziyi-12 emva koko ibe lithamo le-200 000 IU qho kwiinyanga ezintandathu bade babe neminyaka emihlanu ubudala.
Amathamo ongezelelweyo eVithamin A anikwa abantwana abangondlekanga ngokuxhalabisayo, okanye abakholisa ukuba nezifo ezisulelayo ezifana norhudo, imasisi okanye usulelo lwentsholongwane yeHIV.
Ukukhupha iintshulube
Ukulahlekelwa bubunzima bomzimba ebantwaneni busenokubangelwa luhlaselo lweentshulube kanti oku kunokunyangwa eklinikhi ngeyeza lokukhupha iintshulube.
Amacebiso ngezondlo malunga neemeko ezithile 
Imfundo ngezondlo, inkcukacha nodliwano-ndlebe lwamacebiso kuwo onke amanqanaba okhathalelo lwabantu abakhe baphathwa sisitrowukhu, abanoxinzelelo oluphezulu lwegazi, isifo seswekile, iHIV/AIDS neSifo sePhepha.
Inkqubo yezondlo yezikolo zamabanga aphantsi
Inkqubo yezondlo yezikolo zamabanga aphantsi ifumaneka kwizikolo ezithile ezichongiweyo ezinoqoqosho olunganeno.
La malinge olungiselelo ngoku aqhutywa ngokudityanelwa neSebe lezeMfundo.
Urhulumente wephondo unenjongo yokufikelela ebantwaneni abayi-125,000 kwizikolo zamabanga aphantsi eziyi-847 kwiphondo ngo-2004 ngokusebenzisa inkqubo yezondlo yezikolo.
Ukutya kumaziko
I-INP ikwanalo igalelo kukhathalelo lwabaxumi kumaziko ngokusebenzisa iinkqubo zeenkonzo zokutya zolungiselelo lwezondlo ezilungeleleneyo. 
Imiyalelo:
Abaqalayo ukutyelela eklinikhi/esibhedlele bebanga lesibini okanye eliphezulu baya kucelwa ukuba bazalise ifomu kanti kuya kuvulwa ifayili yesigulana.
Yiza nencwadana yakho yeID.
Kuya kufuneka ileta evela eklinikhi xa undwendwela esibhedlele.
Izibhedlele ziya kukucela isiliphu esisesona sitsha/uhlalutyo lwengeniso (i-IRP5)
Yiza nekhadi yakho yasesibhedlele xa ububhalise esibhedlele kwilixa elingaphambili.
<Doc10>
Intetho kaSekela-Mphathiswa weMisebenzi yoLuntu, uMnu. Ntopile Kganyago, iLungu lePalamente, kwitheko lokundululwa okokuqala eluntwini iNkqubo yesiZikithi sesiXeko saseTshwane, kwiSakhiwo seBhanki yeNgeniso, eTshwane
Amanye amagosa ezikhundla eziphezulu zikarhulumente
Manenekazi namanene osasazo lweendaba
Zihandiba ezihloniphekileyo
Isigqibo esenziwa yiKhabhinethi ngo-1997 sokukhuthaza amasebe esizwe karhulumente ukuba enze isizikithi sesixeko saseTshwane ikhaya lawo lesigxina besingumboniso wombono omkhulu; ngoko nangoku.
Isiphumo sibe sisicwangciso esicwangciselwe kakuhle sokunxulumanisa ukulungiswa ngokutsha kwezixeko zethu ukuya kwisibhengezo ngokuhlaziywa kweendawo ezisezidolophini nezinye izindululo zophuhliso lwezithuba ezinokusetyenziswa eziyilelwe izimvo ezixatyisiweyo zolawulo lweedolophu nezihambelana namalungelo abantu, amakhaya obubele kwiindwendwe, uphuhliso lwezoqoqosho nokubambana entlalweni. 
Namhlanje njengoko silahlela ilitye lokuqala ukubonisa ukuwamkela loo mbono, sikwabhiyozela uhambo esilufezileyo kude kube namhla.
Iindibano zokucebisana ezishushu bezikholisa ukuphawuleka kwangeengxoxo-mpikiswano ezikwashushu ngolo hlobo malunga nezidingo nemigaqo enokukhethwa ngamasebe karhulumente ngokuphathelele kubume obungqonge okuphathekayo kwawo okungasiphambukisanga endleleni thina sonke kwiinjongo zamandulo, ezikukuphucula ubume obungqonge ukusebenza kwamasebe karhulumente kwisizikithi sesixeko saseTshwane.
Ngaxeshanye sifanele ukufaka igalelo nxamnye kuhlaziyo nasekulungisweni ngokutsha kwesizikithi sesixeko.
Ezinye iinjongo phofu ezibaluleke kangako nazo ziquka ulangazelelo lokuba nomtsalane kutyalo-mali lwamacandelo abucala, ukuphuhlisa imbonakalo yeTshwane njengesixeko esilikomkhulu leAfrika nokuphuhlisa ukuxhotyiswa kwabamnyama ngoqoqosho.
URhulumente ngoyena mnini-mpahla mkhulu nongomnye wabatyali-mali abaphambili kubomi boqoqosho bukarhulumente wendawo ngakumbi kwiziPhaluka zeziXeko eziKhulu zaseGoli naseTshwane eGauteng.
Amasebe adinga indawo esebenzisekayo ngokunjalo neeofisi ukuze akwazi ukuhlangabeza izibophelelo zawo zokunikela ngeenkonzo zoluntu kwimpumezo yemisebenzi yogunyaziso lwawo.
Lulwazi olwaziwa ngabaninzi ukuba inkoliso yezakhiwo zikarhulumente zikuluhlu olulungileyo ukuya kolwamkelekileyo xa kuthelekiswa nokugqibelela ngokweemeko zazo.
Ukuhlaziya, ukunyusa umgangatho nokulungisa kuya kuba sisiqalo senkcitho futhi kube negalelo kwicandelo leBEE kwiProjekthi yesiZikithi sesiXeko saseTshwane.
Ngonyaka ngamnye urhulumente kazwelonke ngokusebenzisa iSebe leMisebenzi yoLuntu uchithe ngaphezu kweebhiliyoni ezimbini zeerandi (R2 bhiliyoni) ukuze ahlawule iindawo aziqeshileyo kunye nezinye iimali ezihlawulwayo ezinonxulumano nolawulo lwempahla njengeemali ezihlawulwa isigxina neenkonzo, kuzwelonke, apho icandelo labucala norhulumente wendawo beziindlalifa khona.
Ngendlela engaguquguqukiyo ikwangabo bantu bachaphazelekayo abalindeleke ukuqhuba inkqubo yohlaziyo lwesizikithi sesixeko saseTshwane, masithi mhlawumbi nenxaxheba kaRhulumente wePhondo laseGauteng kwiiprojekthi zabo ezinkulu zotyalo-mali njengoko zixhaswa yiArhente yaseGauteng yoPhuhliso loQoqosho (iGEDA).
Ngokubhekiselele kwiNkqubo yesiZikithi sesiXeko saseTshwane, eyaziwa ukususela ngoku ngokuthi “Sihombisa iTshwane” ukuze isihloko esonganyelweyo sithi “Indawo eBhetele yokuSebenza”, umgqaliselo usebantwini ubukhulu becala (kubasebenzi bakarhulumente naseluntwini), njengoko kunjalo kwizithuba ezibonwa ngamehlo abahlala kuzo xa kunikelwa naxa kusamkelwa iinkonzo eziphambili zoluntu.
Xa kwakubhengezwa iNkqubo yaManyathelo kaRhulumente yango-2004, uMongameli, uMnu. uThabo Mbeki wayalela amasebe esizwe eMisebenzi yoLuntu ngokunjalo neeNkonzo zoLuntu noLawulo ukuba omabini abhexeshe le projekthi ukuze iphucule ubume obungqonge umsebenzi owenziwa ngamasebe karhulumente nangabasebenzi bakarhulumente.
Isiseko sezibonelelo zoluntu yinjini yokunikelwa kweenkonzo ukuze amagosa karhulumente abe zizibaseli eziqhuba injini ziyenze ukuba ikhawulezise, isebenze ngobuchule kwaye ibe nempumezo.
Ngexesha lesigaba seprojekthi sohlalutyo lwezidingo, abaqeshwa bakarhulumente abaninzi ababuziweyo bagxininise ukubaluleka kokuba neendawo zokusebenzela ezigqibeleleyo, ezilufaneleyo ubizo lwabo lomsebenzi kanti ezi ndawo ziquka ubume obungqonge okwangaphakathi nobungqonge okwangaphandle kungako kukho imfuneko yolwahlulelwano nesiXeko iTshwane, esinoxanduva lwenkoliso yemiba yolawulo lweedolophu efana nokusetyenziswa kweendlela, ucoceko, ukhuseleko, ukhuselo nokubukeka.  
Mandithathe eli thuba lokubulela abaphathi neenkokeli zaseTshwane ngombono wazo wantlandlolo wokuyamkela le projekthi ngokuyilungelelanisa lula neziCwangciso zabo eziManyanisiweyo zoPhuhliso.
Enyanisweni iMemorandam yeNgqiqo (iMOU) esiza kungena kuyo kwanamhlanje phakathi kweSebe leSizwe leMisebenzi yoLuntu kunye neziPhaluka zesiXeko saseTshwane, ibubungqina bokufunyaniswa kommandla wemvumelwano ekunokundulukelwa kuwo. 
Sisibhengezo senjongo ukusebenzisana malunga nezindululo kunye neeprojekthi eziza kuba luncedo kuwo omabini la maqela.
Umyalezo wethu kuwe namhlanje uthi “uqalile umsebenzi” kanti iminyaka eli-10 ezayo iza kubona ubonelelo olungaphezu kweebhiliyoni ezisibhozo (R8 bhiliyoni) oluvela kurhulumente kazwelonke nakwicandelo labucala ngokusebenzisa uhlahlo-lwabiwo-mali lwemali ekhoyo, ukuphuculwa kweengqeshiso nangolwahlulelwano-loluntu-lwabucala.
Malunga noLawulo lweNkqubo, kusekwe iKomiti eBhexeshayo phakathi kweSebe leMisebenzi yoLuntu noLawulo, iSebe leMisebenzi yoLuntu, uNondyebo kaZwelonke kunye nesiXeko saseTshwane.
Phakathi kwezinye izinto iKomiti iza kukhokela inkqubo, yongamele iphinde iqwalasele impumezo, iqoshelise isicwangciso-cebo senkxaso-mali ngokunjalo iqinisekise impumezo enonxulumano.
ISebe lityumbe uMnu. uDumisani Dlamini njengoSekela Njengele-Mlawuli onoxanduva lolawulo lwayo yonke inkqubo.
Ndiyabulela
<Doc11>
Nkosikazi Somlomo, Nkulumbuso eBekekileyo, Makholwane eKhabhinethi, Malungu eNdlu, ziNdwendwe eziBekekileyo, amagosa esebe leendawo zokuhlala, malungu osasazo lweendaba noluntu ngokubanzi, namkeleke kangangoko.
La mazwi manenekazi namanene akhanyisa ezopolitiko zaseMzantsi Afrika, ngakumbi eNtshona Koloni.
Akukhathaliseki ukuba abantu beli lizwe basebenza ngokuzinikela nzima  nokuthi bathanda inkqubela kangakanani, ubizo lwabanye abantu kukusoloko belithoba ixabiso lomsebenzi ongummangaliso owenziwe ngulo rhulumente unenkathalo ngelona thutyana lifutshane lokuba se-ofisini kwakhe.
Manenekazi namanene, baninzi abantu abaxoxa ngento oluyiyo ubonelelo lweendawo zokuhlala, kodwa ndivumeleni ndinibonise elinye icala.
Kum, ubonelelo lweendawo zokuhlala alubandakanyi ikhusi kuphela.
Lumalunga nabantu abazithwalela uxanduva ngokwabo lokulondoloza ubume obubangqongileyo kunye nokuzoba imilo yekamva labo.
Lumalunga nokudala amaqela oluntu aphilayo nobume obubangqongileyo obulondolozekayo nobuphilayo.
Lumalunga nenkqubela ngobunye ngokusebenzisa ulwahlulelwano phakathi kwecandelo labucala, icandelo loluntu, iMibutho Engekho Phantsi kukaRhulumente, kodwa okona kubalulekileyo, ngamaqela oluntu.
Ubonelelo lweendawo zokuhlala lunokuchazwa njengenkqubo, ebandakanya ukwenza izicwangciso nabantu, kungekuko ukwenzela abantu izicwangciso.
Ubonelelo lweendawo zokuhlala kwimeko yaseMzantsi Afrika aluyomveliso kuphela, kodwa luphinda lube yinkqubo esekwe kwiintsulungeko zolawulo ngentando yoninzi abazilwela nzima kangako abantu beli lizwe.
Luyinkqubo emamela abantu, evumela abantu ukusebenzisa ilungelo labo kulawulo ngentando yoninzi ukuba bakhethe uhlobo lweendawo zokuhlala neziphaluka abafuna zakhiwe kuzo izindlu zabo.
Ngoko ke akukho nto ethoba isidima somntu nechasene nolawulo ngentando yoninzi ngaphezu kokwalela abantu ilungelo lokuzikhethela elisisiseko.
Ngokungafaniyo nolawulo localucalulo, njengetsha-ntliziyo, abantu basesizikithini sombono wam nesicwangciso-cebo sokunikelwa kweendawo zokuhlala.
Manenekazi naManene, ndinovuyo ngale mva kwemini lokuninika ingcaciso ngentetho yam yesibini yohlahlo lwabiwo-mali njengoMphathiswa wePhondo weeNdawo zokuHlala.
Kwakhona ndinebhongo ngokunika ingcaciso ngentetho yohlahlo-lwabiwo-mali ngosuku oluphambi kwesiKhumbuzo soNyaka we-10 wolawulo lwethu ngentando yoninzi.
Kukho ubungqina obubambekayo bokuba urhulumente okhokelwa yiANC uphumeze okukhulu kwiminyaka engaphantsi kwelishumi yolawulo lwakhe ngentando yoninzi ngaphezu nakokuphi okwakhe kwenziwa naleliphi ilizwe ehlabathini.
Sisebenzile – Sisebenzile.
Ngendlela ebambekayo, kwiindawo zokuhlala ezizizigidi ezi-1.4 ezinikelwe ngurhulumente, ndineqhayiya ngokubhengeza ukuba iphondo lethu kwiminyaka elithoba, linikele ngezindlu eziyi-167 000, inani eliyi-11% kwezikazwelonke.
Ngokoluvo lwam, lo ngumsebenzi obalaseleyo nangawuphi na umgangatho.
Kwakhona ndinqwenela ukuphawula ukuba unyaka ophelileyo ebenemingeni emininzi, ebinefuthe elibi ekunikweni kweendawo zokuhlala kulo lonke ilizwe, ngakumbi kweli phondo.
Le mingeni ibisisiphumo sokuqaliswa kwemimiselo emitsha yemigaqo-nkqubo neendlela zokusebenza ezifana negalelo lendlalifa eliyi-R2 479 kunye nokuqaliswa kwesiCwangciso sesiQinisekiso seBhunga leSizwe lokuBhalisa aBakhi bamaKhaya kubonelelo lweendawo zokuhlala oluxhaswa ngurhulumente.
La manyathelo awajoliswanga ekubanjezelweni kokunikelwa komsebenzi kodwa injongo kukuqinisekisa ukuba abantu bethu bafumana iindawo zokuhlala ezisemgangathweni nezifikelelekayo.
Esikufunda kwimpumezo yethu yale migaqo-nkqubo nangona kunjalo, kukubambezele ukunikelwa komsebenzi.
Okwenze izinto zabambi ngakumbi yinyaniso yokuba isebe lam belisebenza ngaphandle koMlawuli oyiNtloko kwiinyanga ezilithoba.
Oku kuyidodobalalise kakhulu inkqubela.
Ukususela ngoko ndityumbe omnye, uMnu. uSeth Maqethuka, ozelwe waze wakhulela eKapa nonamava karhulumente kazwelonke nowendawo, kwaye ndinqwenela ukuvuyisana naye kananjalo ndiyamamkela nangona sendikwenze kumaxa amaninzi oko.
Nangona bekukho yonke le mingeni nezithintelo, ndineqhayiya ngokubhengeza kubantu bethu ukuba isebe lam likwazile ukuchitha izigidi eziyi-R348, eziyi-92% yolwabiwo-mali lweendawo zokuhlala kwiNtshona Koloni. 
Amanye amaphondo awakwazanga nokuchitha i-52% yohlahlo lwabiwo-mali lwawo. 
Oku kubangele ukwamkelwa kweenkxaso-mali zeendawo zokuhlala ezimalunga nama-25 000.
Ziyanda ngokwanda iintsapho ezisweleyo eziya kufumana ithuba lokonwabela iziqhamo zolawulo lwethu ngentando yoninzi.
Oku manenekazi namanene, kumele ukwanda okukhulu kwezindlu eziyi-3000 xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo.
Malunga noku, ndinqwenela ukubulela indima ebalulekileyo edlalwe ngoomasipala kwiphondo lethu.
Ngaphandle kokuzinikela kwabo nomsebenzi wabo wodidi oluphezulu, ngesingakwazanga ukuchitha imali. 
Ngamxhelomnye, ndinqwenela ukuvuyisana nesiXeko saseKapa ngokuchitha malunga ne-70% yohlahlo-lwabiwo-mali lwethu.
Kwakhona andinakuwalibala amagosa am ngokusebenza nzima kwawo negalelo lawo kumbono wethu ngobonelelo lwesizwe lweendawo zokuhlala.
Manenekazi namanene, ndiya kuba andisimameli isazela sam xa ndinokunika umfanekiso ohonjisiweyo wenkqubo yokunikwa kweendawo zokuhlala.
Kusekho imiba yobuthathaka kwinkqubo yethu yokunikela ngemisebenzi. 
Kude kube ngoku, kusafuneka siphucule imibandela elandelayo engxamisekileyo:
Uninzi lwezindlu zethu azikayithobeli inguquko yomgaqo-nkqubo ukususela kubonelelo lweendawo zokuhlala ngamanani aphezulu ukuya kolusemgangathweni ophezulu.
Kusafuneka siguqule inkqubo yobonelelo lweendawo zokuhlala ukususela ekunikeni ikhusi ukuya ekwakheni iindawo zokuhlala abantu ezilondolozekayo.
Sifanele ukuguqula inxaxheba yeendlalifa ukususela ekusongeni izandla ukuya kwinxaxheba yokuququzela.
Sidinga ukuguqula iindlela abacinga ngazo abantu bethu ukuze baqale ngokujonga izindlu ezifumana inkxaso-mali karhulumente njengempahla yexabiso endaweni yokuba ibe ziimveliso kuphela.
<Doc12>
IMISEBENZI YOBUPOLISA BAMACANDELO
Saba sikhulu isiqabu kumama nomntwana xa uJames Busakwe weentsuku eziyi-16 ubudala wayebuyela kumama wakhe wegazi ngomhla wesi-7 Epreli 2006.
Esi silingo saqala mhla umama wosana uJames wafika esiBhedlele saseKlerksdorp ngomhla wesi-6 Epreli eye kutyelela unyana wakhe, baze abongi bafumanisa ukuba umntwana unikelwe kwelinye ibhinqa, elathi lingumama wegazi womntwana ngezolo. 
Kwamsinyane emva kokufunyaniswa koko, abongi banika ingxelo kwisiKhululo samaPolisa iKanana, njengoko ibhinqa elalithathe uJames lalinikele ngeadresi eKanana.
Iadresi yaqwalaselwa kodwa ngaphandle kwempumelelo.
Akukho mntu owayenegama okanye inkcazelo yebhinqa owayesaziwa kuloo adresi.
Ngentshonalanga yomhla wesi-6 Epreli iCPF yaseKanana yabamba intlanganiso.
Ikhomishina yesikhululo eyayibambe isikhundla yaxelela intlanganiso ngomntwana obiweyo yaze yacela ukuba wonke umntu agcine amehlo neendlebe zakhe zivulekile.
Kuthe ngentsimbi ye-23:00 kwangobo busuku, omnye phakathi koluntu watsalela umnxeba emapoliseni esithi ufumanise ukuba kukho ibhinqa kwindawo ahlala kuyo elingakhange libonwe likhulelwe, kodwa ngephanyazo linosana oluyinkwenkwe.
Amapolisa alandela ezi nkcukacha ngenene alifumana ibhinqa elalinomntwana.
Kwabizwa abasebenzi basesibhedlele baze bamazi kwangoko umntwana, ngokunjalo nalo eli bhinqa elalimbe esibhedlele.
Kwafunyanwa nobunye ubungqina obahluka-hlukileyo endlwini yomrhanelwa, kuquka isacholo seplastikhi sasesibhedlele.
Ibhinqa labanjwa kanti akukho nto imbi eyenzeka emntwaneni owabuyiselwa esibhedlele, apho waphinda wadityaniswa khona nomama wakhe wenene ngentsasa elandelayo.
Amanyathelo amalungu oluntu malunga nokufunyaniswa komntwana, afanele ukunconywa, njengoko akhanyisa ixabiso lobuPolisa boLuntu.
Ixabiso lobuPolisa bamaCandelo obuphunyezwe baze balondolozwa ngokuchanekileyo, mabungaze budelwe.
Wuqhubeni umsebenzi omhle, Kanana CPF!
Nkosikazi eBekekileyo
Ndicinga ukuba kwaba lithamsanqa okanye mhlawumbi kwaba yinto entle ukuba ndigqithe kwisikhululo samapolisa senu eMondeor, ndaze ngokwenza njalo ndadibana neJenali yenu yeSAPS.
Ndicinga ukuba ipapashwa kanye ngenyanga, kanti ndifumanise ukuba iwutsala kakhulu umdla wokuyifunda.
Mna nenkosikazi yam sisandul’ ukuqalisa ishishini elitsha kwaye sinomnqweno wokunimema nonke, okanye nokuba ngoobani kubasebenzi benu xa bekwindawo yethu, ukuba beze kufumana ikomityi yekofu okanye yeti kwaye ngethemba sakuba nayo nebhisikithi nokuba zimbini ukuze bafumane nazo.
Njengoko nani nisazi, ukuqalisa ishishini elitsha akululanga kwaye kudinga ukusebenza nzima nemali yeshishini.
Nangona kunjalo, sisakholwa ukuba amapolisa kunye nawo onke amasebe okuqinisekiswa komthetho abaluleke kakhulu kubo bonke abemi baseMzantsi Afrika.
Oku yinto nje encinane esifuna ukunipha yona nonke sibulele konke enikuncamileyo ukuqinisekisa ukuba thina, njengabemi, sinakho ukuqhubela phambili ngobomi bethu bemihla ngemihla.
Sijonge phambili apho siya kuva khona, okanye side sibone abanye benu basebenzi benxibe iyunifomu, beze evenkileni yethu encinane futhi sibazi bhetele.
Kwakhona siyanibulela, basebenzi bokuqinisekiswa komthetho eMzantsi Afrika, ngawo wonke umsebenzi wenu eniwenza ngokuzimisela ngenjongo yokugcina uMzantsi Afrika ukhuselekile.
Iileta ezimfutshane, eziqulethe iinyaniso zinokuthunyelwa ngefeksi okanye ngeimeyili kuMhleli.
Sigcine ilungelo lokuhlela okanye lokufinyeza iileta.
<Doc13>
UBIZO LOKUTHATHA AMANYATHELO
Ngomhla we-14 Juni 2007, elinye lamanqaku kwiJenali ekwi-Intanethi yeeSAPS (www.sapsjournalonline.gov.za) lachaza indlela amagosa amabini amapolisa eCandelo laseWelkom lokuChongwa kweziThuthi abanjelwa urhwaphilizo nobuqhetseba.
Ingxelo ithi aba babini, umongameli nomhloli, bathengise izithuthi ebezifunyenwe ngamapolisa, besenzela inzuzo eyeyabo.
Bobabini aba barhanelwa bavele ngomhla we-12 Juni laze ityala lamiselwa umhla we-21 Agasti 2007.
Kusuku olusemva koko, ngomhla we-15 Juni 2007, isihloko seNews24 sibhengeze oku: Amapolisa amabini atyholwa ngokuphanga exhobile”.
Ngeli lixa yayilipolisa elingumfundi nelingumhloli ekwanikwa ingxelo ngabo yokuba bangene evenkileni yempahla eMarble Hall, beba imali, iblukhwe nehempe.
Urhwaphilizo lufanele ukuphela ebupoliseni.
Nangona uninzi lwethu lungabemi abathembekileyo, abasebenza nzima, kukho amagosa ambalwa amapolisa angazihloneliyo, engahloneli neyunifomu yabo okanye iKhowudi yokuziPhatha yobuPolisa.
Lifikile ixesha lokuba iSAPS iyikhuphele ngaphandle kwayo yonke imikhwa emibi.
Ngoku unakho ukuncedisa ngokukhuphela ngaphandle onke amapolisa arhwaphilizayo ngokuwaxela kumnxeba omtsha wolwaphulo-mthetho.
Akuzixeli ukuba ungubani
Ukuba ukrokrela ukuba omnye wabantu osebenza nabo akalunganga, okanye ukuba ukhona omnye omaziyo, nokuba ngamagosa amapolisa, amalungu osapho, abantu osebenza nabo, abamelwane okanye abantu ongabaziyo, ababandakanyeka okanye abaceba ukuzibandakanya kwimisebenzi yolwaphulo-mthetho, inye into ofanele ukuyenza, kukuthumela iSMS apha 32211.
Le yinombolo entsha yesizwe yomnxeba wolwaphulo-mthetho esandul’ ukusungulwa yiPrimedia eSandton.
Unakho mhlawumbi ukuthumela iSMS apha 32211 (ngeendleko zeR1 inye) okanye uye apha www.crime-line.co.za.
Iingcali eziqeqeshiweyo zokuqokelela iinkcukacha zilindele ukugqithisela iinkcukacha emapoliseni, aza kusebenza ngazo kwangoko!
Eyona nto imnandi kukuba igama lakho liya kuhlala lingaziwa.
Ngoku unamandla okulwa nolwaphulo-mthetho ngaphandle kokuzifaka engozini.
Isindululo sePrimedia sithembisa ngokuba asiyi kubuyela emva.
UYusuf Abramjee, uMququzeleli weProjekthi yePrimedia yoKulwa noLwaphulo-mthetho, uthe: “Asifuni gama ne-adresi yakho ngaphandle kokuba uyathanda ukusinika zona futhi akukho mfuneko yazo naziphi iinkcazo okanye ukuvela ezinkundleni zamatyala. 
Inye kuphela into esiyifunayo ziinkcukacha ngabenzi bolwaphulo-mthetho ukuze amapolisa asebenze ngazo."
Eli phulo litsha lesizwe lokulwa ulwaphulo-mthetho, leerandi zezigidi ngezigidi, lisungulwe yiPrimedia eSandton ngomhla wesi-7 Juni 2007. 
Lisekwe kwinkqubo yeHlabathi yabaPhelisi boLwaphulo-mthetho. 
Abaphelisi boLwaphulo-mthetho baqala eAlbuquerque, eNew Mexico, ngoSeptemba 1976. 
Lulwahlulelwano phakathi koluntu, abosasazo lweendaba neearhente zokuqinisekisa umthetho kwaye lwaluyilelwe ukutshabalalisa ulwaphulo-mthetho nokugcina abahlali bekhuselekile. 
Namhlanje, kukho iinkqubo zabaPhelisi boLwaphulo-mthetho eziyi-1 200 kwihlabathi liphelele eziqhuba emazweni ayi-20 asebenzisa iinkcukacha ezinikelwe luluntu ekuncediseni ngokusombulula ulwaphulo-mthetho. 
NgokweGosa eliyiNtloko yesiGqeba esiLawulayo lePrimedia Ltd, uMnu. William Kirsh, ezi nkqubo zincedise ekubanjweni kwabaphuli-mthetho abayi-600 000!
Into efanele ukwaziwa ligosa ngalinye lasebupoliseni ngeli phulo litsha lokulwa ulwaphulo-mthetho, kukuba linenkxaso epheleleyo yoMphathiswa woKhuseleko noKhuselo, uMnu. uCharles Nqakula kunye neKhomishina yeSizwe yeSAPS, iKhomishina uJackie Selebi. 
IKhomishina uSelebi uthembise wathi "njengombutho, siza kwenza konke okusemandleni ethu ukuba le projekthi isebenze." 
Umbuzo uthi wena uza kwenza ntoni ngayo? 
Kufuneka inkxaso epheleleyo yakhe wonke ubani, kungekuko kuphela ukusabela kwangoko xa ufumana iinkcukacha kwiziko lomnxeba ngolwaphulo-mthetho, kodwa nangokusithengisa esi sindululo naphi na apho unokukwenza oko. 
Xelela abantu, iiCPF, izikolo, usapho lwakho nabahlobo ngesi sindululo. 
Qiniseka ukuba bayaqonda ukuba eli phulo lithembisa ukungabuyeli kubo, nokuthi baya kuhlala bengaziwa nokuba sekutheni. 
Kwakhona khumbula ukuba lo asingomnxeba wemo yonxunguphalo. 
Abantu basafanele ukuxela iimeko zonxunguphalo apha 10111 okanye kwezona zikhululo zikufutshane zamapolisa.
Ngokusebenzisa eli phulo lokulwa ulwaphulo-mthetho abosasazo lweendaba bayawancedisa amapolisa. 
Bafuna ukusincedisa ngokwenza uMzantsi Afrika indawo ekhuseleke kubo bonke.
Kusungulo lwesindululo somnxeba wolwaphulo-mthetho, uJohn Robbie, osingatha usasazo lwakusasa lweTalk Radio 702, unikele ngoomatshini abayi-65 abaziziXhobo zeID kwiSAPS.
UMnu. Robbie usandul’ ukwenza isicelo kubaphulaphuli ukuba benze isithembiso somnikelo waba matshini abazizixhobo zeID.
Umthengisi woomatshini, ubuChwepheshe ngoBuso, naye uthathe inxaxheba, ngesaphulelo asinikileyo kwixabiso layo ukuze anciphise iindleko, aze amaqumrhu abethembise ngemali elingene umatshini omnye akwazi ukuthenga ababini.
IPrimedia noJohn Robbie asingabo kuphela abancedisa amapolisa ukulwa ulwaphulo-mthetho.
Funda nawaphi na amabali empumelelo kwiJenali yeSAPS okanye kwiJenali yeIntanethi yeSAPS apho uza kubona khona indlela asonjululwe ngayo amatyala ngoncedo lwamalungu oluntu.
Ngenxa yobukho beli phulo litsha lokulwa ulwaphulo-mthetho, abaphuli-mthetho, kuquka nabo bambalwa barhwaphiliza besenkonzweni, baya kwazi into enye ngokuqinisekileyo … iintsuku zabo zibaliwe.
<Doc14>
Isiqinisekiso se-ETQA sokwamkeleka komniki-nkonzo 
Iinkonzo zikaRhulumente waseMzantsi Afrika
Ukufakwa kwesicelo kwiETQA sesiqinisekiso sokwamkeleka njengomboneleli wemfundo noqeqesho
Inkcazelo
Imithetho esebenza kumaqela oQinisekiso lomGangatho weMfundo noQeqesho (iETQA) phantsi koGunyaziwe waseMzantsi Afrika weziQinisekiso zeMfundo (iSAQA) ifuna ukuba ababoneleli bemfundo noqeqesho bafake izicelo zeziqinisekiso zokwamkeleka kwiETQA.  
Ukuze babe neziqinisekiso zokwamkeleka, ababoneleli bemfundo noqeqesho bafanele ukubhaliswa ngokowiso-mthetho olufanelekileyo.
Uwiso-mthetho malunga neMfundo ePhakamileyo neMfundo eyoNgezelelweyo lufuna ukuba bonke ababoneleli bemfundo noqeqesho abanikela ngeziqinisekiso zemfundo ezipheleleyo babhaliswe kwiSebe leMfundo. 
Umboneleli wemfundo noqeqesho ufanele ukunikela ngezifundo ezihamba zodwa kunye/okanye iziqinisekiso zemfundo ezingena phantsi kwenkalo yogqaliselo esentloko yeqela loQinisekiso lomGangatho weMfundo noQeqesho (iETQA) loGunyaziwe weCandelo leMfundo noQeqesho (iSETA) okanye iQela leeNgcali.
Iimfuneko zesiqinisekiso sokwamkeleka:
* Iimfuneko zesiqinisekiso sokwamkeleka ziqulethwe kuxwebhu olunesihloko esithi iMiqathango neziKhokelo zabaBoneleli kwaye zifumaneka yeSAQA.
* Iinkqubo (kunye/okanye iziganeko zohlolo) ezinikelwa ngumboneleli wemfundo noqeqesho zinesiphumo sokuba zizifundo ezihamba zodwa kunye/okanye iziqinisekiso zemfundo ezibhaliswe kwisiKhokelo-nkqubo seSizwe seziQinisekiso zeMfundo (iNQF).
* Uluhlu lwezifundo (uyilo, isiqulatho nezixhobo zokufunda) lucwangciselwa ngokwezifundo ezihamba zodwa kunye/okanye ngokweziqinisekiso zemfundo.
* Kukho abasebenzi abaneziqinisekiso zemfundo ezifanelekileyo (abahlohli nabahloli ababhalisiweyo).
* Abafundi banofikelelo kwiinkonzo zenkxaso yokufunda ezaneleyo.
* Imigaqo yohlolo nezixhobo ezisetyenziselwa ukulinganisa iimfuneko zezifundo ezihamba zodwa kunye/okanye iziqinisekiso zezifundo zinobulungisa, zinyanisekisiwe kwaye zithembekile, ngokunjalo zisetyenziselwa ukomeleza ukufunda.
Amanyathelo afanele ukulandelwa
* Thumela ileta yenjongo yakho yokufumana isiqinisekiso sokwamkeleka njengomboneleli wemfundo noqeqesho kwiETQA efanelekileyo.
* Ngenisa uvavanyo lwakho lokuzenzela nefomu yokufaka isicelo kwiETQA.
* Ukuba akusifumani isiqinisekiso sokwamkeleka kwaye ubona ukuba inkqubo ibingenabulungisa, unelungelo lokukhalaza.
* Uludwe lwee-ETQA neenkcukacha zoqhagamshelwano ziyafumaneka kwiwebhusayithi yeSAQA
Sisenokuthatha iinyanga ezinokufikelela kwezi-6.
Inkonzo ifumaneka simahla.
Iifomu ezifanele ukugqityezelwa
Iifomu ezifakwa kwisicelo sesiqinisekiso sokwamkelwa komboneleli namaxwebhu afanelekileyo anokufunyanwa kwiETQA enonxulumano.
Iinkcukacha zoqhagamshelwano - Nceda ukhethe indlela enye:
