<Doc01>
I-Arhente yoKhuseleko loLuntu yaseMzantsi Afrika
Umqulu woNakekelo lwaBaxumi
Wamkelekile kuMqulu wethu waMalungelo aBaxumi
Sifuna ukuba nina, baxumi bethu, nithathe isigqibo ngathi ngokuphathelele kwizinga leenkonzo esizidandalazisileyo kulo mqulu.
Sizakukuphatha ngembeko sizesikunike iinkonzo ezintle mgokuhambisana neenqobo zeBATHO PELE.
Sizinikele ekunikezeleni ngeenkonzo eziphambili, njengenxenye yoxanduva lwethu, sikunike neenkcukacha ezichanileyo, iingcebiso kunye noncedo kuzo zonke iinkonzo esinikezela ngazo.
Iinjongo zoMqulu waMalungelo
Lo mqulu ukuchazela malunga nomgangatho weenkonzo omawulindele ukuzifumana kwi-Arhente yoKhuseleko loLuntu yaseMzantsi Afrika  (iSASSA).
I-SASSA licandelo elisisongezo  kunikezelo lweenkonzo zikarhulumente nelijongene nokunikezela kweenkonzo nezibonelelo zoluntu kubemi baseMzantsi Afrika. 
Sizinikele 
Ekunikezeleni ngeenkonzo zezibonelelo zoluntu ezisemgangathweni, ngaphandle kweendleko nangokusebenzisa ezona ndlela ziphambili nezisebenzayo.
Yintoni onokuyilindela kuthi
Uphuhliso nokhuseleko lwesidima somntu buqu, Ukuba semfihlakalweni, Ubulunga, Ukwenziwa kwezinto ekuhleni kwanenoBulungisa.
Kwi-Arhente yoKhuseleko loLuntu yaseMzantsi Afrika iphela - 
Sizakukunika iinkcukacha kunye neengcebiso malunga nazo zonke izibonelelo onokufaka izicelo zazo.
Siza kukuthumela kwamanye amaziko anokuthi akwazi ukujongana nezidingo zakho.
Sizakukuncedisa ugcwalise iifomu kwanokufaka isicelo sesibonelelo.
Sizakugcina iinkcukacha osinike zona zisemfihlakalweni.
Sizakusoloko sizinikela ekufezekiseni uMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, imithetho elawula ukunikezelwa kweenkonzo zoluntu kuye neenqobo zokuziphatha zabasebenzi baseburhulumenteni.
Ukukunceda ngolwimi olukhethileyo.
Sisebenzisane nabantu esinikezela ngeenkonzo kubo kwanabanye abangeneleli.
Sizame ngako konke esinako ekuphuculeni ukunikezelwa kweenkonzo zoluntu ukuze sikwazi ukufezekisa oko ukulindeleyo.
Ukuqhagamshelana nathi
Qho uqhagamshelana nathi buqu, ngefowuni, ngeleta okanye nge-imeyile, oku kulandelayo kuzakwenzeka:
Igosa leenkonzo zoluntu ozakube usebenzisana nalo lizakuzichaza kuwe ukuba lingubani.
Ngokuphathelele kwingxaki yakho oyifakileyo ngefowuni nangokobuqu, siza kuyisombulula ngoko nangoko.
Ukuba asikwazi ukuyisombulula ngoko nangoko, sizakukunika izizathu sizesikwazise ukuba impendulo uyilindele nini na.
Sizakukunika inombolo ekhethekileyo ezakukunceda ekuthini ukwazi ukulandelela ingxaki yakho.
Sizakukunika isiqinisekiso sokuba siyifumene imbalelwano yakho nokuba sizakuyisombulula ingxaki yakho zingaphelanga iintsuku ezi-7.
Ukuba asikwazi ukukunika impendulo ngokupheleleyo zingaphelanga iintsuku ezi-7, sizakukuchazela ukuba kungani nokuba impendulo kumele uyilindele nini na.
Siza kuzama ukuyisombulula ingxaki yakho zingaphelanga iintsuku ezingama-21.
Ukuba uyasifowunela, sizimisele ukuyiphendula ifowuni ngokukhawuleza ngolwimi olukhethileyo.
Sizakuthetha nawe ngembalelwano malunga nesigqibo ngasinye esimalunga nesibonelelo sakho.
Kwii-ofisi zeSASSA
Xa ufika kwenye yee-ofisi zethu , abasebenzi abakwidesika yoncedo bazakukunceda ngoko nangoko.
Zonke iiofisi zethu zivula ngo-08h00 zivale ngo-16h30, ngoMculo ukuya ngoLwesine zize zivule ngo-08h00 zivale ngo-16h00 ngoLwesihlanu.
Kwii-ofisi zethu nakumaziko okuhlawulisa uza kukwazi ukufumana oku kulandelayo:
Ukuba semfihlakalweni
Iindawo zokulinda ezisemgangathweni
Izindlu zangasese
Uncedo lwezonyango ukuba ubazisile abasebenzi xa unesidingo
Siza kuza kuwe ukuba awukwazi ukuza kwii-ofisi zethu ngenxa yempilo.
Usenokusifowunela ukuze sikwazi ukulungiselela ukuba uzelwe ekhayeni lakho.
Ukuhlangabezana nesicelo sakho sesibonelelo
Sizakuqalisa ukujongana nesicelo sakho kwangolo suku esingene ngaso.
Kufuneka siqinisekise ukuba uselungelweni ngokusemthethweni lokusifumana isibonelelo eso. 
Sizisikela ixesha lokusabela kwibango lakho sikuhlawule isibonelelo sakho zingaphelanga iintsuku ezingama-90. 
Sizakukucebisa ngelungelo lakho lokufaka isibheno xa isicelo sakho sithe sakhatywa, isibonelelo sakho sanqunyanyiswa saze sacinywa.
Ukuthatha izigqibo
Ukuba sithatha izigqibo malunga nesicelo sakho sesibonelelo kwaye ucinga ukuba siphosakele, okanye ungathanda ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe malunga nesi sigqibo, usenokwenza oku kulandelayo:
Sicele ukuba sikucacisele ngesigqibo ngokucacileyo kwaye sizakuphathisana nawe ngesicelo sakho.
Usenokufaka isibheno ngesigqibo esisithathileyo zingaphelanga iintsuku ezingama-30 ukususela kumhla ekhutshwe nawo ileta yesigqibo.
Ungakwazi ukuyifumana ifayile yakho ukuze ufumane naziphi na iinkcukacha ozidingayo.
Uxanduva lwakho luzakuba
Kukusinika:
Idilesi yakho echanekileyo yeposi neyokuhlala.
Iinkcukacha ngotshintsho malunga nemeko-bume yakho njengomvuzo, idilesi, imeko yempilo, njl-njl.
Iinkcukacha okanye ingcaciso enyanisekileyo, ethembekayo, echanekileyo kwanepheleleyo ngawo onke amaxesha.
Impendulo ekhawulezileyo kulo lonke unxibelelwano nathi kuquka uhlaziyo okanye aziphi na iinkcukacha esiye sazicela kuwe.
Awonelisekanga ngeenkonzo zethu?
Ukuba awonelisekanga ngeenkonzo zethu ngenxa:
Yokuba sithathe ixesha elide ngokujongana nesibonelelo sakho kunye/okanye awufumenanga ntlawulo kuthi.
Yesiphatho segosa lethu besingesihlanga.
Yokuba abasebenzi bethu benze impazamo malunga nesicelo sakho okanye bakunike ingcebiso engachanekanga.
Yempazamo esiyenzileyo yangabom/engeyiyo yangabom
Sazise ngayo kwaye sizakuyilungisa ngokukhawuleza nayo nayiphi na impazamo esiyenzileyo.
Ukuba ufuna ukufaka isikhalazo, nceda usibhalele okanye usifowunele uze ucele ukugqithiselwa kwicandelo lethu lonakekelo lwabaxumi.
Siza kuxoxa nawe malunga neenkonzo zethu
Singakuvuyela ukufumana iimbono zakho malunga neenkonzo zethu.
Sizakusebenzisa iinkcukacha osinika zona ukuze siphucule iinkonzo zethu.
Nceda usithumelele iimbono ngamava akho ngathi ngenye yezi ndlela zilandelayo:
Fowunela kwiziko lethu leminxeba kwinombolo yasimahla ethi-0800 601 011
Gcwalisa ikhadi lamagqabantshintshi abaxumi elifumaneka kwii-ofisi zethu nakumaziko okuhlawulisa.
Ngena kwiwebhusayithi yethu ethi www.sassa.gov.za
Yiya kulo naliphi na lamaziko ethu okuhlawulisa.
(Kumaziko okunikela ngeenkonzo nawokuhlawulisa weSithili kwanawengingqi)
Ngenisa isiphakamiso esibhaliweyo kuyo nayiphi na kwiiofisi zethu.
Imibuzo okanye amagqabantshintshi malunga nomqulu
Ukuba udinga iinkcukacha ezithe vetshe malunga nalo mqulu, fowunela kwenye yeeofisi zethu.
Usenokuwufumana lo mqulu ngoMbhalo wabangaboniyo, ngentetho erekhodiweyo kunye ne-CD, ukuba usifakile isicelo soko.
Lo Mqulu uzakuqalisa ngomhla woku-01/04/2007 kwaye uzakuhlaziywa  qho ngonyaka ukuze ukhawulela namagqabantshintshi owenzileyo.
<Doc02>
lziko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika –Iindaba
Ngaphakathi kwiiNkcukacha-manani: Isidingo seenkcukacha-manani sizakwanda ngokuye kusendela idemokhrasi
Eli nqaku lashicilelwa okukuqala kwi-Business Report yomhla we-05 kuAgasti 2004.
Kwiveki ephelileyo ndiye kwintlanganiso yebhunga lezeengcabiso lesithili yamacebiso kwiZiko loQeqesho kwezeNgqokelelo-manani kwiAfrika eMpuma yeTanzaniya, apho ndathi ndafumana ithuba lokuba yinxalenye yomsitho wothweso-zithaba lonyaka wama-39, nalapho amalungu amahlanu laseMzantsi Afrika leNgqokelelo-manani ayethatha inxaxheba khona.
Uqeqesho lwabasebenzi be-Stats SA luyinto ephambili yalo mbutho.
Emva nje kokonyulelwa ukuba ngumcwangcisi-manani jikelele, i-Stats SA ngokubambisana neQumrhu leeNkcukacha-manani laye lagunyazisa uphando olungxamisekileyo lwamaziko anikezela ngoqeqesho olufanelekileyo malunga neenkcukacha ezisemthethweni.
Saye sachonga amaziko amabini: iziko loqeqesho elise-Dar es Salaam, eTanzaniya kunye neZiko leNgqokelelo-manani nezoQoqosho zaMacandelo eUganda.
Iziko loqeqesho lasekwa ngo-1965 yiKomishoni yezoQoqosho yeZizwe eZimanyeneyo yaseAfrika ye-UN, uMbutho weeNkonzo eZifanayo amazwe aseMpuma Afrika kunye neNkqubo yoPhuhliso lweZizwe eZimanyeneyo ye-UN.
Ngo-1977, urhulumente waseTanzaniya waluthathela kuye ulawulo lweli ziko, wongeza namazwe aseAfrika anikezela iinkonzo kuwo abali-13.
Iziko eliseUganda lwasekwa ngo-1969, phantsi kwegunyabantu lweYunivesiti yaseMakerere.
Injongo eyayisekayo yaba luqeqesho olukwizinga eliphezulu kakhulu lweengcali zeenkcukacha-manani kwanemiba engezoqoqosho.
Kule minyaka mithathu idlulileyo, i-Stats SA ibimane ithumela abasebenzi bayo kula maziko.
Kunyaka ophelileyo, iqela lokuqala liye lathweswa izithsaba.
Ekubuyeni kwabo, baye babonisa ukukhula okumangalisayo emsebenizni wabo, kwaye abanye babo bakwizikhundla zolawulo.
Nangani kunjalo, i-Stats SA ijongene nemingeni emitsha.
Isidingo seenkcukacha zocwangciso-manani ekuthathweni kwezigqibo, kuzo zontathu izigaba zoburhulumente, siyesakhula ngokumangalisayo. 
Ngokukodwa, abantu abaqeqeshiweyo ekuqokeleleni nasekusebenziseni ulwazi lweenkcukacha-manani kwisigaba sikamasipala baya bedingeka nangakumbi. 
Ukuze kufezekiseke esi sidingo, kuzakufuneka siqeqeshe abantu ubuncinane abangama-2 000 ngonyaka.
Iziko loqeqesho eliseTanzaniya kunye neZiko leeNkcukacha-manani neMiba yezoQoqosho elise-Uganda alingekwazi ukumelana nale mfuno ingakanana.
Xa kwakuvulwa inkomfa yoMbutho wezeNgqokelelo-manani waseMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo, umphathiswa wezemali uTrevor Manuel wacela umngeni kwiyunivesithi zasemZantsi Afrika ukuba zihlangabezane noshokoxeko lwezakhono zeenkcukcha-manani ezikhoyo ukuze kuncediswe urhulumente akwazi ukuthatha izigqibo ngokuphathelele kwiinkcukacha ezichanileyo zeenkcukacha-manani.
I-Stats SA iqalise iingxoxo neeyunivesithi ngenjongo yokuqalisa uqeqesho olukumila kunjalo.
Nangani kunjalo, ngokwangokunje akukho yunivesithi yaseMzantsi Afrika enikezela ngesifundo esingeenkcukacha-manani zaseburhulumenteni.
I-Stats SA iceba ukusungula kungekudala iziko loqeqesho ngeenkcukacha-manani, nelizakunikezela ngoqeqesho lweenkcukacha-manani zaseburhulumenteni kubasebenzi besebe nakumagosa wamanye amasebe.
Ukuqaliswa kwenkqubo yeenkcukacha-manani zesizwe kuzakukhokelela kwisidingo sokusungulwa kweeyunithi zeenkcukacha-manani kumasebe karhulumente awohlukileyo, nto leyo ezakwenza kubekho isidingo esiphezulu sabasebenzi abanobuchule beenkcukacha-manani. 
Nangani kunjalo, ukuphuhliswa kweengcali zeenkcukacha-manani kungaphaya kwesidingo sikarhulumente sokufumana iinkcukacha ezibhanileyo.
Iinkcukacha-manani ziyingxenye engundoqo wedemokhrasi.
I-HG Wells, ekuqaleni kwenkulungwane yama-20, yaphakamisa ukuba iinkcukacha-manani zizakubaluleka ebantwini ngokufananyo nesakhono zokufunda nokubhala.
Iinkcukacha-manani zoluntu ziyimpumelelo yakamvanje yenkcubeko neyeyaphucuka nokufika kwedemokhrasi.
Apha eAfrika nalapho into yedemokhrasi yinto entsha khona, siza kubona ukwanda okuphawulekayo kwesidingo seenkcukacha-manani zoluntu ngokuye ikhula idemokhrasi.
Abacwangcisi beenkcukacha-manani ngabagcini beenqobo zedemokhrasi zokuba selubala ngokomlinganiselo nangokufikeleleka, kwanangokunika iimpendulo.
Oko kokona kusemngciphekweni xa kujongenwe nokukhuliswa kweengcali zeenkcukacha-manani, kwanokuphuhlisa amaziko adingekayo kulwandiso olumandla nolukhawulezileyo malunga kokufundisa ngeenkcukacha zaseburhulumenteni. 
UPali Lehohla ngumcwangcisi-manani jikelele kwanengqonyela ye-Stats SA.
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe malunga ne-Stats SA kunye noko ekwenzayo, ngena ku- www.statssa.gov.za okanye ufowunele ku-(012) 310-8600
<Doc03>
IiNtsuku ezili-16 zoKuthatha amanyathelo: Ubusazi na?
Ukususela ngo-1994, uRhulumente waseka umthetho wokuhlangabezana nezinto ezigwenxa ezichaphazela amabhinqa nabantwana.
Umthetho wokuKhuthazwa kweMpatho eLinganayo noThintelo loCalucalulo oluneKhethe, ka-2000 wapasiselwa ukuqinisekisa ukuba eonke ubani uyawanandipha amalungelo angokomGaqo-siseko.
Lo Mthetho uqinisekisa ukuba amabhinqa awanandipha ngokulinganayo amalungelo  kwanenkululeko, ekulungiseni ubugwenza obenziwayo kwixa elidlulileyo.
UMthetho wobuLungisa kwiNdawo yeNgqesho, ka-1998 uqinisekisa ukuba kupheliswa ukucalulwa ngokwengqesho, ngokwemisebenzi nangokwemivuzo emisebenzini nokuziziphumo zemithetho yorhulumente wocalulo.
Ukwakhuthaza ukubandakanywa ngokulinganayo kwamabhinqa kwanabo babesaya kucalulwa kuwo onke amanqanaba oluntu nawamaqumrhu abucala.
UMthetho weSondlo, ka-1998 uqinisekisa ngamalungelo omntwana okufumana izinga elifanelekileyo lokuphila ngokuphathelele ngokwasemzimbeni, ngokwasengqondweni, ngokwasemoyeni nangokwentlalo.
Lo mthetho uqinisekisa ukuba ukunakekelwa komntwana kuyafumaneka kubazali okanye kwabanye abantu ukuze bafezekise iimfanelo zokunakekela umntwana ngokwasezimalini.
UMthetho wobuNdlobongela baseKhaya, ka-1998 yasungulelwa ukunikezela kumaxhoba okuhlukunyezwa ngolona khuseleko malunga lokuhlukunyezwa ekhaya.  
Amabhinqa, ahlukunyezwayo ekhaya, ngoku anomthetho oqinisekisa ngokhuseleko lwabo.
UMthetho wokuvikelwa kwabaNtwana ka-2005 kunye noMthetho oLungisiweyo wabaNtwana, ka-2007 phakathi kwezinye zezinto eyasungulelwa zona kukukhusela abantwana ekuphathweni gadalala, ekubeni bangahoywa, ekuhlukunyezweni okanye ekucekelweni phantsi.
Urhulumente useke waze wanika inkxaso amanyathelo aliqela okungenelela nakhusela isidima somntu olibhinqa nabantwana.
UMqulu waMalungelo Abantwana uahlaziywa ukuze uquke eminye imingeni evelayo efana nokusetyenziswa kwabantwana  kwimibukiso yokwabelana ngesondo kwanokubukeliswa kwabantwana imiboniso yabantu ababelana ngesondo.
Urhulumente uye wasabela kumngeni wokwendiswa ngenkani kwabantwana besendiselwa ebantwini abadala kusetyenziswa isiko “Ukuthwala”.
Urhulumente uzinikezele ekuqinisekiseni ukuba amasiko kunye nezinye izithethe ziyahambelana noMgaqo-siseko kwanokuba ayangqinelana nemithetho esekiweyo.
Inkqubo sele iqalisiwe yokuvuselela iiyunithi ezikhethekileyo zamapolisa ajongene namatyala asekhaya nawezesondo kwanamanye amatyala ajoliswe kumabhinqa nasebantwaneni. 
Ukusekwa kwezi yunithi zikhethekileyo kuzakuyondelelanisa ubuchule nobugcisa obudingekayo ekuphuhliseni ulawulo kwanasekutshutshisweni ngokuyimpumelelo kwamatyala abo bahlukumeza amabhinqa nabantwana.
Ngoku kukho amaziko ali-17 abizwa ngokuthi ngamaZiko Anakekelayo e-Thuthuzeleka nakhoyo kwilizwe ngokubanzi kwiindawo ezineziganeko ezininzi zokuxhatshazwa ngokwesondo.
La amaziko abonelela ngeenkonzo zempilo nezeemeko-bume zize ziqhube neenkqubo zokufakwa kwamatyala nokuchotshelwa kwawo ngokuyimpumelelo nangendlela endilisekileyo phantsi kwemo efanelekileyo ngabantu abakuqeqeshelweyo oko. 
Ingxowa-mali yoKufunyanwa kweerekhodi zaMatyala yasetyenziselwa ukuxhasa iiprojekti zophuhliso lwamaxhoba ezili-19. 
Kwasekwa uvimba weeNkonzo zaMaxhoba oXhatshazo noBundlobongela noqulethe iinkonzo ezinikezelwa yimibutho karhulumente neyoluntu engaphezu kwe-1 500 kuwo onke amaphondo.
Lo vimba uxhobisa abantu ukuba bakwazi ukufikelela kwiinkonzo ezifumanekayo kwindawo ohlala kuyo.
Kwaye kwasekwa amaziko alungiselelwe ukuhlangabezana namaxhoba kwizikhululo zamapolisa kwiindawo ezinobundlobongela obuphezulu kakhulu.
Kwaye kwasekwa iiNkundla zoKujongana naMatyala angokokuXhatshazwa ngokweSondo. 
Umqulu Wokuhlukunyezwa Ezindlini ubonelela ngokusekwa kwamaziko okhuseleko.
Ngoku kukho amaziko okhuseleko angama-96 eMzantsi Afrika ukususela kwangama-39 ngo-2001.
Amalungelo akuMqulu waMaxhoba ayafezekiswa ukulungiselela amaxhoba obundlobongela akwazi ukunxibelelana neNkqubo yezoBulungisa kuBundlobongela.
Lo Mqulu waMalungelo uquka iiNqobo eZingephi zeeNkonzo zaMaxhoba oBundlobongela, neziseke inkqubo-sikhokelo yamaxhoba ukuze akwazi ukuphakamela amalungelo awo ngokuphathelele kwiinkonzo ezilindelekileyo kwiNkqubo yoBulungisa kuBundlobongela.
Ngokufezekiswa koMqulu waMaxhoba, inani leentsuku ezithathwayo ukuqukumbela amatyala asiwe kwiNKundla yaMatyala angokweSondo kwehlile ukusela kwangama-285 ukuya kwali-142.
Lo Mqulu ukwayimfuneko ukuze urhulumente woMzantsi Afrika akwazi ukuhlangabezana nembophelelo anayo ngokweSibhambathiso seZizwe eZimanyeneyo (UN) seeNqobo ezinguNdoqo zoBulungisa ngakuMaxhoba oBundlobongela noKuxhatshazwa kwaMandla.
Ubambiswano lwamazwe ngamazwe ekuhlangabezaneni nemingeni yobundlobongela kumabhinqa nasebantwaneni.
UMzantsi Afrika ufake ingxelo kwinkqubela eyenziweyo ekufezekisweni kweSibhambathiso sokuBhangiswa kwanokucalulwa kwamabhinqa kwikomiti ye-UN ye-CEDAW.
UMzantsi Afrika usingathe iNtlanganiso yaBaphathiswa baMazwe aseMazantsi e-Afrika (SADC) (Okthobha 09) ukuze iqukumbele isicwangciso sobugcisa besithili malunga nomkhwa wokuthutyeleziswa kwabantu, ingakumbi abangamabhinqa kwanabantwana.
Isigqibo se-SADC malunga noBuni kwanoPhuhliso sithi Amazwe aphantsi kwe-SADC ngo-2015 azakube sele ewuqulunqile umthetho ozakulwa nokuxhatshazwa ngokwesondo. 
UMzantsi Afrika ubambe iNKomfa ekhethekileyo yeNgingqi engoBulunga ngokweSini (ngomhla we9-10 kuNovemba 2009), udibanisa ndawonye abameli abasuka kumazwe aseAfrika ukuze abelane namava awo kwaneendlela eziwasebenzisayo ekupheliseni ukuxhatshazwa ngokwesondo kwanobundlobongela obungokwesini. 
Musa ukubethisa ngoyaba, thatha amanyathelo okulwa nokuhlukumeza
<Doc04>
Ingxelo yokubasekhusini
ISebe lezeZindlu lizinikele ekukhuseleni ukubasekhuseni kwakho kwanasekusekeni ubugcisa obukwenza ubenokusebenzisa i-inthaneti ngeyona ndlela inobunganga kwanekhuselekileyo.
Le Ngxelo yoKubasekhusini yeyewebhusayithi yeSebe lezeZindlu kwaye ilawula ukuqokelewa kweenkcukacha  kwanokusetyenziswa kwazo.
Ngokusebenzisa iwebhusayithi yeSebe lezeZindlu, uyavumelana neendlele ezibekiweyo zeekcukacha ezikule ngxelo.
Ukuqokelelwa kweeNkcukacha zakho zokoBuqu
ISebe lezeZindlu liqokelela iinkcukacha ezikuchazayo buqu, njengedilesi yakho ye-imeyile, igama, idilesi yasekhaya okanye eyasemsebenzini okanye inombolo yefowuni.
ISebe lezeZindlu likwaqokelela iinkcukacha zoluntu ezingabaluliyo, nezingakhethekanga kuwe, njengekhowudi yendawo, ubungakanani ngeminyaka, ubuni, izinto ezikhethwayo, izinto abanomdla kuzo kwanezo bakholwayo zizo.
Zikwakhona neenkcukacha ezingekhompyutha yakho neenkqubo zayo eziqokelwa ngokuzenzekela liSebe lezeZindlu.
Ezi nkcukacha zisenokuquka: idilesi yakho ye-IP, uhlobo lwebhrawuza, amagama edomeyini, amaxesha okungena kwi-inthaneti kunye neewebhusayithi ekungenwa kuzo.
ISebe lezeZindlu lizakuzisebenzisa ezi nkcukacha kwimisebenzi yezi nkonzo ukuze kugcinwe iinkonzo zisemgangathweni kwanokubonelela ngeenkcukacha-manani ngokuphathelele ekusetyenzisweni kwewebhusayithi yeSebe lezeZindlu.
Nceda uhlale ukhumbula ukuba ukuba unikezela ngeenkcukacha ezinokukuchaza ukuba ungubani okanye iinkcukacha zakho zobuqu eziyimfihlo usebenzisa iibhodi zemiyalezo kawonkewonke zeSebe lezeZindlu, ezi nkcukacha zisenokuqokelelwa zize zisetyenziswe ngabanye.
Qaphela: ISebe lezeZnindlu alizifundi iimbalelwano zakho zonxibelelwano lwabucala olwenza kwi-inthaneti.
ISebe lezeZindlu liyakukhuthaza ukuba uzihlaziye iingxelo zabucala zewebhusayithi okhetha ukuzizibandakanya nazo kwiSebe lezeZindlu ukwenzel’ ukuba uqonde ukuba ezo webhusayithi ziziqokelela, zizisebenzise kwaye zabelane njani na ngeenkcukacha zakho. 
ISebe lezeZindlu alinaxanduva leengxelo zabucala okanye ezinye izinto ezikwiiwebhusayithi ezingenanto yakwenza neSebe lezeZindlu kwanezinye iiwebhusayithi ezilusapho lweSebe lezeZindlu.
Ukusetyenziswa kweeNkcukacha zakho zokoBuqu
ISebe lezeZindlu liqokelela lize lizisebenzise iinkcukacha zakho zobuqu ukuze lisebenze ngewebhusayiti yeSebe lezeZindlu lize linikezele ngeenkonzo ozicelileyo.
ISebe lezeZindlu likwasebenzisa iinkcukacha zakho zokobuqu ezikuchazayo ukuze likwazise malunga nezinye iimveliso ezifumaneka kwiSebe lezeZindlu kwamahlakani alo.
ISebe lezeZindlu lisenokuqhagamshelana nawe ngokusebenzisa amaxwebhu ophando anemibuzo ebuzisa ngamava akho ngeenkonzo ezikhoyo ngoku okanye ngeenkonzo ezintsha ezisenokubakho.
ISebe lezeZindlu alithengisi, aliqeshisi okanye alibolekisi kubangeneleli ngoluhlu olunamagama abaxumi.
ISebe lezeZindlu lisenokuqhagamshelana nawe, amaxesha ngamaxesha, egameni lwamahlakani oshishino malunga nengenelo onokuba nomdla kuzo.
Kwezo meko, iinkcukacha zakho zobuqu ezikuchazayo (i-imeyile, igama, idilesi, inombolo yefowuni) azigqithiselwa kwabanye abangeneleli
Ukongeza, iSebe lezeZindlu lisenokwabelana ngeenkcukacha namahlakani athembakalayo ngelisinceda kuhlalutyo lweenkcukacha-manani, likuthumelele ne-imeyile okanye ngeposi, libonelele ngenkxaso kubaxumi, okanye lilungiselele ukuthunyelwa .
Abangeneleli abanjalo bayathintelwa ekusebenziseni iinkcukacha zokobuqu ngaphandle nje kokubonelela ngeenkonzo kwiSebe lezeZindlu, kwaye kudingeka ukuba bazigcine iinkcukacha zakho zisekhusini.
ISebe lezeZindlu alizisebenzisi okanye lizithi pahaha iinkcukacha zakho zokobuqu eziyimfihlelo, ezinjengohlanga, inkolo, okanye ubulungu kwezopolitiko, lingafumana mvume icacileyo kuwe.
ISebe lezeZindlu liyayigcina ingxelo yeewebhusayithi kwanamacwecwe andwendwelwa ngabaxumi bethu apha kwiSebe lezeZindlu, ukuze libone ukuba zeziphi iinkonzo zeSebe lezeZindlu ezizezona zithandwayo. 
Ezi nkcukacha zisetyenziselwa ukunikezela ngezinto kwanezibhengezo ezikhethekileyo kwiSebe lezeZindlu kubaxumi abanesimo ezibonisa ukuba banomdla kumba othile.
Iiwebhusayithi zeSebe lezeZindlu zizakuzibeka elubala iinkcukacha zakho zokobuqu, ungaziswanga, kuphela ukuba oko kuyekwafuneka ngokusemthethweni okanye xa kukholeleka ukuba inyathelo elinjalo liyimfuneko ukuze: (a) kuhambisane nemimiselo yomthetho okanye ivumelane neenkqubo ezisemthethweni ezikwiSebe lezeZindlu okanye kwisiza; (b) kukhusela amalungelo okanye impahla yeSebe lezeZindlu; and, (c) lisebenze phantsi kweemeko zongxamiseko ukuze kukhuselwe ukhuseleko lokobuqu lwabo basebenzisa iSebe lezeZindlu, okanye uluntu ngokubanzi.
Ukusetyenziswa kwamaKhuki
Iwebhusayithi yeSebe lezeZindlu lisebenzisa ”iikhuki” ukukunceda ekusebenziseni kwakho kweenkonzo zeinthaneti kube kokwakho ngokobuqu.
iiKhuki yifayile eyiteksi ebekwe kwidiskhi efumaneka kwiseva kwicwecwe lewebhusayithi
IKhuki ayinakusetyenziselwa iiprogramu okanye ukuthumela iivayirasi ekhumpyutheni yakho.
iiKhuki zithunyelwa kuwe ngokukodwa, kwaye zingafundwa kuphela yiseva yewebhu kwidomeyini ekuthumelele iiKhuki.
Enye yezona njongo ziphambili zeekhuki kukubonelela ngophawu oluluncedo oluzakukongela ixesha.
Injongo yeekhuki kukuchazela iseva yewebhu ukuba ubuyele kwicwecwe elithile.
Umzekelo, ukuba uwenze awobuqu amacwecwe eSebe lezeZindlu, okanye ubhalise kwisayithi okanye kwiinkonzo zeSebe lezeZindlu, ikhukhi inceda iSebe lezeZindlu ukuba akhumbule iinkcukacha ezikhethekileyo kundwendwelo olulandelayo.
Oku kwenza inkqubo yokurekhoda iinkcukacha zakho ibelula, njengedilesi yebhili, iidilesi zeposi, njalo njalo.
Xa ubuyela kwakule webhusayithi yeSebe lezeZindlu, iinkcukacha onikezele ngazo ngaphambili zisenokufumaneka ukuze ukwazi ukusebenzisa lula iimpawu zeSebe lezeZindlu ozikhethele zona wena.
Unaso isakhono sokuzamkela okanye sozikukhaba iikhuki.
Iibrawuza ezininzi zewebhusayithi ziyazamkela nje iikhuki, kodwa usenokuzihlaziya iindlela ozikhethileyo zokusebenzisa ibrawuza ukuze zizikhabe iikhuki ukuba ufuna ngolo hlobo.
Ukuba ukhetha ukuzikhaba iikhukhi, usenokungakwazi ukuzisebenzisa iimpawu zokufumana iinkonzo zeSebe lezeZindlu okanye iiwebhusayithi ongenayo kuzo.
Ukhuselo lweeNkcukacha zakho zokoBuqu
ISebe lezeZindlu likhusela iinkcukacha zakho zokoBuqu zingafunyanwa, zisetyenziswa okanye zibhengezwe ngokungekho mthethweni.
ISebe lezeZindlu likhusela iinkcukacha ezinokukuchaza wena buqu onikezele ngazo kwiiseva zekhompyutha ngendlela elawulwayo, kwindawo ekhuselekileyo, ekhuselweyo kwabangenalungelo lakungena, lakuzisebenzisa okanye elokubhengeza.
Xa iinkcukacha zobuqu (ezinjengeenombolo zekhadi lebhanka letyala) zigqithiselwa kwezinye iiwebhusayithi, ziyakhuselwa ngokusebenzisa i-enkhrypshini efana neprothokholi yoMaleko oKhuselekileyo weSokhethi (SSL).
Utshintsho kwiNgxelo
ISebe lezeZindlu liza kumane liyihlaziya le Ngxelo yaBucala ukuze ibonise ngeengcaciso kwaneempendulo zenkampani nezabaxumi.
ISebe lezeZindlu liyakukhuthaza ukuba umane uyihlola le Ngxelo ukuze uhlale usazi ngendlela iSebe lezeZindlu elizikhusela ngayo iinkcukacha zakho.
Iinkcukacha zoqhagamshelwano
ISebe lezeZindlu liyazamkela izimvo zakho ngokuphathelele  kule Ngxelo yokuBasekhusini
Ukuba ukholelwa kwelokuba iSebe lezeZindlu alibambelelanga kule Ngxelo, nceda uqhagamshelane neSebe lezeZindlu ku- webmaster@kznhousing.gov.za
Sizakusebenzisa iinzame ezifikelelekayo ukuze sifumanise size silungise ingxaki leyo.
<Doc05>
Intetha kaNkulumbuso uEbrahim Rasool kuMsitho woKuvuyisana nabaphumelele iBanga leMatriki
Sihlangene apha namhlanje ukuzakuvuyisana  nabo baphumelele emagqabini kwibanga leshumi. 
Sithi kubo: Huntshu! Siyazingca ngani, iPhondo neLizwe ngokubanzi liyazingca ngani, abazali benu nabo bayazingca ngani, kwaye ke nani kufanele nibe nebhongo neqhayiya ngani.
Isizathu esibangela ukuba sikhuthaze ukuba abantu bazingce kwiimeko ezikumila kunje, ukunikel’ ingqalelo kumba wokuba ixesha lempumelelo alizi lula nje kuloko luza emva kwexesha elide lokusebenza nzima nokuzinikela, nokuba xa kunamhlanje sidandalazisa imeko enokuntsokotha.  
Imatriki intsonkothile.
Kule minyaka ilishumi idlulileyo kuye kwafuneka senze utshintsho lwayo yonke kwinkqubo yezemfundo ingabisaba yiyo leya yexesha localulo. 
Kangangokuba sikwazile ukunqoba ngokuphathelele yobandakanyo ngokumandla, ekubeni nesilabhasi kwanoviwo olufanayo, nenani elivisayo labo bachophela iimviwo nabayiphumelelayo imatriki, kwanokufundisa ngomba wokuba imfundo ihlangabezana neemfuno ezingaphaya kwezo ezizomntu buqu – nokuba uqoqosho xa lulonke luxhomekeke kwizakhono ethi inkqubo yezemfundo ibonelele ngazo. 
Eneneni ematriki intsonkothile.
Iinkokheli zethu ezithe nqwadalala apha eLeewenhof zeziphume izandla ngokungathandabuzekiyo, nezagqwesayo kwanezo zifanelwe kukufumana onke amawonga esinokuwafumana siliPhondo. 
Nangona kunjalo, iingcinga zethu zijolise nakuma-71% esizwe athe kule minyaka ingama-20 akwazi ukuzigqiba izifundo zawo zamabanga aphezulu, phantse nama-80 000 wabo babhalisela ibanga 1 kwiminyaka eli-12 awakwazanga ukuchophela iimviwo ngo-2004 ngenxa yokuyeka phakathi esikolweni, kwaye nesininzi sababhalileyo banezatifikethi zematriki ezingakwaziyo ukubavulela amathuba ezoqoqosho okanye ukubafaka kumaziko emfundo ephakamileyo.
Imatriki intsonkothile ingakumbi ngenxa yokuba niyisiloko nibekwe emehlweni.
Isizwe sisebenzisa indlela eniqhuba ngayo xa sihlola ikamva lethu.
Ithemba labo balisekelezela kwimpilontle yenu.
Ithemba labo balisekelezela kwikamva ngokwegalelo lethu esilenzayo kwinkqubo yezemfundo neli lisenze ukuba sibe sidibene apha ngalo mzuzu woku kubhiyoza.
Ewe, isixa esivisayo lwesabelo-mali selizwe nesephondo siya kwezemfundo. 
Kulo nyaka nje uwodwa, ngelizama ukukhusela abafundisi-ntsapho abangama-2000 siye sazama ukufaka imali kwezemfundo siyithatha kwamanye amasebe.
Kufuneka sisivule isandla ekutyaleni kwizikolo zabahlelelekileyo ukwenzela ukuba sithi xa siphucula amanani ube nomgangatho wezemfundo ubenokubonakala kwinkolelo emandla yokuba likho ikamva kwisikolo ngasinye sasezilokishini.  
Okona kubalulekileyo, Mphathiswa uDugmore nawe Ngqonyela Swartz, sifanele sibe naBasebenzi abanobuchule obukhethekileyo ukuze sikwazi ukufezekisa eli phulo lotyalo.
Sidinga ukuvelisa baphumelele imatriki abamiliseleyo kwiinqobo zabo, abagqwesileyo kwiziphumo zabo, nabasenokuba nenxaxheba kwezoqoqosho, nabathembakeleyo eluntwini, kwanabo basenokuba yingenelo eluntwini.
Le yilento sizekuyibhiyozela apha namhlanje.
Nina nimele la mathemba nanjengoko sizakhela iKhaya lethu Sisonke.
Siyayibhiyozela impumelelo yenu ngenxa yokuba nizinikele nasebenza nzima, nabazali benu bayebazinikela benigcine nisesikolweni, kwanoluntu ngokubanzi luyelwazinikela lafaka isandla kwikamva lenu. 
Abaninzi bayalithandabuza ixabiso lokubhiyozelwa kokuphumelela imatriki ingakumbi xa kujonwa ukuntsonkotha kwayo kwanomba wokuba oku kunenalo ifuthe lenkqubo yorhulumente wocalulo. 
Nini kuphela abanokwazi ukukunqoba oku ngokuthi nizinikele ngako konke eninako ekwakhiweni kweKhaya lethu Sisonke, ikhaya elingacaluli ngokobuhlanga kwanelo linokulingana.
Oku kufanele kubonakale kuzo zonke izigqibo enizithathayo ukususela ngalo mzuzu ukuya phambili.
Ukuza kuthi ga ngoku benikade nijongene nokusebenza nzima kuphela.
Izatifikethi zenu zematriki zininceda kwaye zininyanzela ukuba nikwazi ukuthatha izigqibo  ezimalunga nohlobo lomntu enifuna ukuba nguye kwanokuba hlobo luni lwempilo ezifuna ukuba nayo.
Huntshu kwaye sininqwenelela impumelelo.
<Doc06>
Umgomo woLawulo lweeprojekthi yezoNxibelelwano kaRhulumente ka-2010 ngowo-:
kuququzelela impumelelo yenjongo ozonxibelelwano olunobuchule lweNdebe yeHlabathi yeFIFA yokuqala kwizwekazi leAfrika
kulisebenzisa kangangoko eli thuba elikhethekileyo lokudandalazisa kwanokwakha ubumbano kwanokuzingca kwabemi boMzantsi Afrika
kuvuselela ulutsha lwethu
kuthengisa ilizwe kwihlabathi jikelele
kudala ukuba kubekho imo yonxibelelwano enceda ukuba kusetyenziswe elithuba lokukhawulezisa uphuhliso kongezwe namanye amathuba
kwakha ubumbano kwizwekazi laseAfrika.
Oku kusenokuphunyezwa ngokuthi:
Kubonelelwe ngokhokelo kwanoyondelelaniso lonxibelelwano lwaseburhulumenteni lwale Ndebe yeHlabathi ka-2010
kwakhiwe ubambiswano lukazwelonke loosomlomo besizwe kwanabo babucala kumacandelo onke, ndawonye nokwakhiwo kwamafelandawonye nabanye oosomlomo bamazwe ezwekazi liphela nabazinze kumazwekazi angaphandle, ukwenzel’ ukuba ilizwe ngokubanzi nezwekazi ngokunjalo lulisebenzise eli thuba lonxibelelwano nolungazange lwabakho ngaphambili
Kusekwe iiprojekthi ezingundoqo zonxibelelwano lwaseburhulumenteni zeNdebe yeBhola eKhetywayo yeHlabathi ka-2010.
<Doc07>
Uhlengahlengiso lweMithetho yezeNdlela yeSizwe ukuze kuphuculwe ukhuseleko ezindleleni
EPOLOKWANE: Sele ihlengahlengisiwe iMithetho yezeNdlela yeSizwe.
Ibizwa ngokuba luHlengahlengiso lweShumi elinesixhenxe yaze yagunyanziswa ngokupapashwa kwayo.
ISebe lezeeNdlela nezoThutho lwazisa abaqhubi beemoto ngolu hlengahlengiso olulolu:
Iimoto ezintsha ezibhaliswe emva komhla woku-01 kuAgasti 2010 kufuneka zibe neepleyiti zeenombolo zemoto ezincanyathiselweyo okanye ezibotshelelwe ngezikrufu.
Ukuba azikwazi kuncanyathiselwa emotweni kufunekwa zincanyathiselwe ngezinto ezihambisanayo ne-SANS 973.
Olu hlengahlengiso luzakunciphisa ubundlobongela kunye namatyala ezendlela enziwa ngabaqhubi beemoto nabavele bazisuse iipleyiti zeenombolo zemoto ukwenzela ukuba zibenokulandelelwa.
Akuzikuba lula ukususa ipleyiti yenombolo yemoto ize ibuyiselwe kwakhona emva kokucinywa kwetyala nanjengoko oko kuzakongeza kwiindleko.
Ipleyiti yeenombolo yemoto izakwenziwa ngesinyithi esizakwenza kubenzima ukuba sitshe ngokupheleleyo xa kuthe kwakho ingozi.
Ukususela ngomhla woku-1 kuFebruwari ka-2011 abantu abafumana iilayisenisi zokuqhuba zekhowudi uC, C1, EC okanye uEC1 abasayi kuvumeleka ukuba baqhube iimoto ezifuna ubenelayisenisi kakhowudi B okanye ikhowudi EB (ngokwakudala, umntu onelayisenisi kakhowudi 10, 11, 13, 14 akanakuyiqhuba imoto efunisa ukuba ubenelayisenisi kakhowudi 08). 
Oku kuzakusebenza kwaba basandul’ ukufumana iilayisenisi.
Inani elivisayo labasafundela ukufumana ilayisenisi yokuqhuba bafaka izicelo zeelayisenisi zokuqhuba izigadla ukwenzela ukuba umzekelo bakuphephe ukwenziwa uvavanyo lokupaka kwiindawo zeemoto ezincinci.
Inyaniso yeyokuba bazifumene iilayisenisi zabo zokuqhuba izigadla, kodwa baqhuba iimoto ezincinci abangenalayisenisi zazo nabangazaziyo ukuba zilawulwa njani na baze baphele bedala iingozi.
Kwakhona kukwalindeleke ukuba abaqhubi abafumene iilayisenisi zokuqhuba iingadla kufuneka bafumane le nto kuthiwa ziiMvume zoKuqhuba ngokuSesikweni kodwa iinkcukacha-manani zibonisa into eyahlukileyo kuleyo.
Oku kubonisa ukuba abafaki-zicelo bebefuna iilayisenisi zokuqhuba iimoto ezincinci kungekona ezezigadla.
Izixhobo soLawulo loZinziso loKhokelo zeeteksi nezeebhasi ziziswa ngokusebenzisa inkqubo yokukhutshwa ngezatifikethi neziyinxalenye yovavanyo lokulungela ukuba sendleleni.
Oku kusebenza kwiiteksi nakwiibhasi kungekona nje kwizithutho ezisandul’ ukuveliswa.
Umnini-sithuthi okanye lowo unikwe igunya lokuqhuba eso sithuthi kufuneka afake kwisitishi sokuvavanya ifomu ye-DSCD egcwalisiweyo.
Isixhobo esiLawula uKuzinza kweCla sisixhobo esikhusela ivili lingaphumi kwirim xa ligqabhuka ngeli lixa imoto ihambayo.
Njengoko uhlengahlengiso loMthetho 332 lwapapashwa ludandalazisa iindlela zokuhlola ukwaphulwa kwemithetho okubonakalayo nezizakusetyenziselwa ukuqokelela ubungqina bokwaphulwa wemithetho kwaye nesatifikethi esikhutshiweyo ngumvelisi okanye umniki-nkonzo sisenokusetyenziswa njengobungqina kwiimeko, ngokuveliswa nje kukodwa.
Olu hlengahlengiso lufuna ukuhlangabezana nomba owathi waphakanyiselwa ukujongana nokuba semthethweni kokusetyenziswa kwezivuthelisi ngokuphathelele kwicandelo 65(7) loMthetho weSizwe ngokuSetyenziswa kweeNdlela, ka-1996 kwaye iyahambisana neSABS 1793 kwaye lusenokusetyenziselwa ukuba ingaba utywala buyafumaneka kusini na xa ubani ephefumla.
Ezi zilandelayo zizixhobo ezisekiweyo:
“Oku kubaluleke nangakumbi ngeli xesha leziyunguma zokuphela konyaka nanjengoko kuzakuncedisa kwiinzame zethu zokulwa nabaqhubi abaphantsi kweempembelelo zotywala kwiindlela zethu”, utshilo uMphathiswa wezeeNdlela nezoThutho, uPinky Kekana.
<Doc08>
IiNkonzo zeMpilo zaBakhulelweyo (zangaPhambi kokuBeleka)
Amantombazana namabhinqa akhulelweyo athunyelwa kwiiYunithi ezinikezela ngeenkonzo zabakhulelweyo okanye ezaBabelekisi (ii-MOUs) ezikwiindawo ezisezidolophini, kwiikliniki zethutyana nezizezesigxina kwiindawo ezisemaphandleni.
IiMOU ziiyunithi zokubelekisa ezilawulwa ngababelekisi basekuhlaleni ukunceda izigulane kumaziko ezempilo ekuqalwa kuwo.
Oomama abakhulelweyo bacetyiswa ukuba bafake amadinga abo okuqala ekliniki naphambi kweeveki ezingama-20 okanye ngokukhawuleza nje emva kwelo xesha.
Umama unikwa uhlolo olupheleleyo kwaneengcebiso xa esiya okokuqala kwiziko lezempilo kundwendwelo lwangaphambi kokubeleka, nolwaziwa ngokuba lundwendwelo lokwenza idinga.
Ukukhulelwa lulawulwa ngokuthi kuziwe kundwendwelo lolandelelo olwenziwa rhoqo.
Kwanempilo kamama nayo izakubekwa esweni.
Kuzakuthathwa ubunzima bakhe bomzimba, noxinzelelo lwegazi kuze kwenziwe novavanyo lomchamo.
Ukuba akukho meko zixhalabisayo, uzakubuyela kwiziko kundwendwelo lolandelelo emva kweeveki ezimbini ukuze afumane iziphumo zovavanyo obelwenziwe xa ebezekundwendwelo lokwenza idinga. 
Emva koku, kuzakufuneka ukuba abuyele ekliniki qho emva kweeveki ezintandathu ukuya kutsho kwiiveki ezingama-28 ekhulelwe, nakwiiveki ezingama-34 zokukhulelwa kuze emva koko eze ngokomyalelo wekliniki abasebenzi be-MOU (ukuqupha kondwendwelo kusenokwahluka ngokwengingqi nganye).
Oomama abakhulelweyo bayahlolisisa ukuze kujongwe ukuba akukho meko zingumngcipheko empilweni yabo nakuleyo yabantwana ababathweleyo.
Amantombazana aselula namabhinqa angaphezu kweminyaka engama-35 bathathwa njengabona basemngciphekweni kakhulu.
Oku kuthetha ukuba basenokuba semngciphekweni ngoku basakhulelweyo naxa babelekayo.
Amabhinqa akhulelweyo basenokuba semngciphekweni kakhulu ukuba baneengxaki zokonyukelwa luxinzeleko lwegazi, kukho iingxaki zofuzo ezingaqhelekanga, bekhulelwe amawele kwanokuba bebekhe benziwa uqhaqho olufana nolokubeka ngomthungo.
Oomama ekufunyaniswe ukuba basemngciphekweni kakhulu bayebathunyelwe kwiikliniki yesibhedlele ekuye yabakhulelweyo abanyangwa bengalaliswa kwezo zibhedlele nalapho kuzakuthi kuphandwe nzulu kuze kwenziwe nolunye uvavanyo.
Oomama abakhulelweyo babebesemngciphekweni kakhulu bayebacetyiswe ukuba baye kangangoko banakho kwezi klinikhi zezibhedlele apho banyangwa bengalaliswanga.
Ukuba uyaqala ukuya kwiziko lezempilo, uza kucelwa ukuba ugcwalise ifomu uze uvulelwe ifayile.
Yiza neSazisi sakho, kunye nazonawaphi na amayeza owasebenzisayo kunye nekhadi leklinikhi okanye lesibhedlele, ukuba wawukhe wabhalisa kwelo ziko.
Abakhulelweyo kodwa babebengekho mngciphekweni bajongwa kwii-MOU (iiyunithi zokubelekela ezilawulwa ngababelekisi basekuhlaleni abalungiselelwe izigulane ezikumaziko empilo angawokuqala ekuyiwa kuwo) ezikwiindawo ezisezidolophini, kunye neeklinikhi zethutyana nezizezesigxina kwiindawo ezisemaphandleni
Abakhulelweyo nabasemngciphekweni kakhulu bajongwa kwiikliniki zezibhedlele ezinyanga zingabalalisanga kwiindawo ezisezidolophini kunye nakwizibhedlele zengingqi nezezithili.
<Doc09>
INkqubo eYondelelanisiweyo yOkudla okunesondlo
INkqubo eYondelelanisiweyo yoKondleka koMzimba (INP) ijolise ekuphuculeni izinga lokudla okunesondlo labo bonke abanti abahlala kwiphondo leNtshona Koloni.
Iliqela imiba ephathelene nale nkqubo.
Kukuthini ukungondleki?
Ukungondleki yingxaki embi kakhulu eMzantsi Afrika kwaye yenye yamagalelo aphambili lezigulo nokufa kwabantwana abancinci.
Kuqikelelwa kwelokuba ama-30% wabantwana basemZantsi Afrika bathityazwa kukunqongophala kokudla okunesondlo kwiminyaka yabo yokuqala yobomi babo.
Ukungafumani ukudlala ngokwanelelyo, izigulo kwanokubikho kozinzo/ukuphatheka kakubi ngokwasengqondweni zezona zizathu ziphambili ezibangela ukungondleki.
Intlupheko nokunqongophala kweziseko zoncedo zezona mbangi zokuqala ezinegalelo kumba wokungondleki.
i-INP izama ukuhlangabezana ngeendlela ngeendlela nale nalo bhubhane ungakhawulezi uqapheleke.
Iisaplimenti zabantwana
Kwizinga lonakekelo lwempilo lokuqala abantwana bahlolwa baze bathathwe njengabangondlekanga (oku kuquka abantwana nabantu abadala abanentsholongwane kaGawulayo kwanabanesifo sephepha) bazakunikwa iisaplimenti zokudla kuquka umgubo wombona onezakhamzimba kunye neziselo ezinika amandla.
Iisaplimenti zinikwa abaxumi ababaluliweyo ngokwemigaqo.
Abezempilo bakwabonelela ngengcebiso, iinkcukacha kunye nokufundiswa ngokutya okusempilweni kwaneendlela ezisempilweni zokupheka nokulungisa ukutya.
Iingcali zokutya okusempilweni babonelela ngeenkonzo ezikhethekileyo eluntwini.
Ukuncancisa 
Ngelizama ukunceda ekulweni nokungondleki ebuntwaneni, abazempilo bakhuthaza amabhinqa ukuba bancancise abantwana babo de kuphele iinyanga ezintandathu ubudala nokuba baqhubeke bencancisa naxa sele abantwana beqaliswa ngokunye ukudla de umntwana abeneminyaka emibini.
Ezinye iindlela zokudla kuxoxwa ngazo noomama abanentsholongwane kaGawulayo.
Isibhedlele saseVredendal kunye neZiko lezoBelekiso laseGroote Schuur ziZibhedlele eZilungiselwe Abantwana apha ephondweni ngokuhambisana nePhulo leziBhedlele lokwenza Imeko iLungele Abantwana.
Ukubekwa esweni kokukhula
Buthathwa rhoqo ubunzima bomzimba babo bonke abantwana njengenxalenye yenkqubo yokubekwa esweni kokukhula, olulolona phawulungundoqo olubonisa ukuba ingaba umntwana uyakhula kusini na.
Ubunzima bomzimba bufakwa kwiKhadi leNdlela eya Empilweni.
Oonobangela bokwehla kobunzima bomzimba bayaqwalaselwa njengezifo ezosulelayo, ukunqongophala kokudla ekhaya kunye nokungakhathalelwa kwabantwana.
Izifo ezosulelayo zidlala indima ephambili kwimiba yokungondleki kwaye nezi zigulo zinyangwa kumaziko onyango ekungawokuqala ekuyiwa kuwo.
Isifo sorhudo sayamene kakhulu nokungabikho mgangathweni kwezococeko (ukufumaneka kweenkonzo zogutyulo namanzi) kunye nokudla kweentsana okungenasondlo okanye okungenasondlo ncam, nto leyo elwenza usana lubesesichengeni sokurhuda ngamandla kwaye sirhude ixesha elide.
Ukupheliswa kwentlupheko
Amakhaya athwaxwa yindlala abonakala  kwaye athunyelwa kwenye yeenkqubo zikarhulumente zokupheliswa kwentlupheko.
Ukuhlala kufumaneka kokutya emakhayeni kujongwa kwiinkalo ngeenkalo kuze kubonelelwe ngamanyathelo nenkxaso efanelekileyo.
Iisaplimenti zeevithamini
Ukulwa nezimo zokushokoxeka kwezakhamzimba kuyinxenye ebalulekileyo yezi nkonzo.
Izakhamzimba zizinto ezifumaneka kwindalo njengeevithamini neeminerali, ezifumaneka kwintwana nje yokudla kwaye zibaluleke kakhulu ekugcineni impilo isemgangathweni.
I-INP ibonelela ngeesaplimenti zikaVithamini A kwabo bantwana kujoliswe kubo.
Abantwana abanqongophalelwe nguVithamini babacekeceke, bangakwazi ukukhula kakuhle kwaye kuxhaphakile ukuba babenokusuleleka baze basweleke ngenxa yolo suleleko.
Ukunqongophala kukaVithamini A konakalisa amehlo kwaye kusesinye sezizathu eziphambili zokumfameka ebantwaneni.
Abantwana abazelwe becekeceke emzimbenibanikwa iipilisi zikaVithamini A, evuselela amajoni omzimba zincedise ekukhuleni komntwana. 
Iintsana ezineenyanga ezi 6-11 banikwa ithamo elinye likaVithamin A (100 000 IU) ngelikhusela izigulo ezimandundu.
Abantwana abaneenyanga ezili-12 ukuya kwiminyaka emihlanu ubudala banikwa ithamo elinye le-200 000 IU kwiinyanga ezili-12 kunye nethamo le-200 000 IU qho emva kweenyanga ezintandathu de babe neminyaka emihlanu ubudala.
Amanye amathamo kaVithamini A anikwa abantwana abangondlekanga kakhulu, okanye abahlutshwa zizifo ezosulelayo ezingapheliyo njengorhudo, imasisi okanye usuleleko lwentsholongwane kaGawulayo.
Ukukhutshwa kweentshulube
Ukulahlekelwa ngumzimba kusenokubangelwa ziintshulube kwaye oku kusenokunyangwa ekliniki ngamayeza okukhupha iintshulube.
Iingcebiso ngokudla okunesondlo kwiimeko ezithile
Ukufundiswa ngokudla okunesondlo, iinkcukacha kunye neengcebiso kuyanikezelwa ngazo kuwo onke amanqanaba onakekelo lwempilo ebantwini abayebabanesifo sokufa icala, abanoxinzelelo oluphezulo lwentliziyo, abanehayi-hayi, abanesifo seswekile, abane-HIV/AIDS nabanesifo sephepha.
Inkqubo yokondliwa kwabantwana ezikolweni zamabanga aphantsi
INkqubo yoKondliwa kwabantwana eZikolweni zamaBanga asezantsi ikhona kwizikolo ezibalulwe njengezichaphazelekayo ngokwezoqoqosho.
Ezi nkqubo ngokunje ziqhutywa ngobambiswano neSebe lezeMfundo.
Urhulumente wephondo uzimisele ukunceda abantwana abali-125, 000 kwizikolo zamabanga asezantsi ezingama-847 ephondweni liphela ngo-2004 esebenzisa le nkqubo yakhe yokondliwa kwabantwana ezikolweni.
Ukufumaneka kokudla kumaziko
I-INP ikwafaka isandla kunakekelo lwabaxumi olwenziwa kumaziko kusetyenziswa inkqubo yeenkonzo zokufumaneka ukudla ukuze kubonelelwe ngokudla okunesondlo.
Imiyalelo:
Abantu abeza okokuqala ekliniki/kwisibhedlele sengingqi okanye kwesephondlo bazakucelwa ukuba kugcwaliswe ifomu size isigulane sivulelwe ifayile.
Yiza nencwadi yakho yeSazisi.
Kuzakufuneka ileta yokuthunyelwa esibhedlele esuka ekliniki xa usiya esibhedlele.
Izibhedlele zizakucela ukuba uzinike incwadi eyingxelo yomvuzo/uhlolo lomvuzo wakho (IRP5).
Yiza nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba wawukhe waya kweso sibhedlele.
<Doc10>
Intetha kaSekela Mphathiswa wezeMisebenzi kaRhulumente, uMnu Ntopile Kganyago, MP, kumsitho wophehlelelo lokuqala eluntwini kwiiNkqubo yesiZikithi sesiXeko saseTshwane, Isakhiwo seBhanki enguVimba oMzantsi Afrika, eTshwane 
Amanye amagosa aphezulu aseburhulumenteni
Manene namanenekazi ezonxibelelwano
Zindwendwe ezibalulekileyo
Isigqibo esithathwe yiKhabhinethi ngo-1997 sokukhuthaza amasebe esizwe karhulumente ukuba enze umbindi-sixeko saseTshwane ubelikhaya labo elisisigxina kubeluphawu lwembono entle; ngoko kwanangoku.
Esi siphumo sibe licebo lobuchule lokudibanisa ukuvuselelwa lwezixeko zethu nekhwelo likarhulumente lokuvuselelwa kweedolophu kwanamanye amaphulo okuphuhlisa alungiselelwe ukukhuthaza umoya wokuvuselelwa kweendawo ezisedolophini nto leyo ehambisanayo namalungelo oluntu, iindawo ezilungele ukuhlalwa ngabantu, uphuhliso lwezoqoqosho kunye nokwakha umanyano ngobambiswano loluntu.
Namhlanje njengokuba zibeka ilitye lokuqala kwesi sivivane sokufezekiswa kwale mbono, sikwabhiyozela umgama esisele siwuhambile ukuza kuthi ga ngoku.
Uthethathethwano olumandla ludla ngokubandakanya ziingxoxo-mpikisano ezimalunga nezidingo kwanemimandla amasebe karhulumente anokunyathela phezu kwawo ngokuphathelele kwiindawo ezisingqongileyo akusiphambukisanga sonke ekufezekiseni iinjongo eziphambili, ezikukuphucula iindawo zamasebe karhulumente ekusetyenzelwa kuzo ezikumbindi-sixeko waseTshwane.
Kwangaxeshanye kufuneka sibenegalelo ekuvuselelweni nasekuphuculweni kombindi-sixeko.
Ezinye iinjongo nazo ezibalulekileyo, ziquka ikhwelo lokutsal’ umdla wabatyali becandelo loshishino lwabucala, ukuphucula indlela ejongeka ngayo iTshwane njengesixeko esingundlunkulu kwanesibalulekileyo eAfrika nesikhuthaza uphuhliso lwabantsundu kwezoqoqosho.
Urhulumente ngoyena unezakhiwo ezininzi kwanoyena utyalomali uphambilinkwicandelo lezoqoqosho kurhulumente wasekhaya ingakumbi kwiZixeko ezimbaxa zaseRhawutini naseTshwane kwiphondo laseGauteng.
Amasebe adinga iindawo ezihlangabezanayo nezidingo nezizakuba zii-ofisi ukuze zikwazi ukuhlangabezana nembopheleleko zokunikezela ngeenkonzo eluntwini nokuze afezekise oko kulindelekileyo.
Kuqhelekile ukuba izakhiwo ezininzi zikarhulumente zikwizinga elincomekayo neliphakathi endaweni yokuba zigqwese ngokwenkangeleko.
Uphuculo, ukuhlaziywa kunye nokulungiswa kuzakubasisiqalo sokunyusa iingxowa-mali kwanokufak’ isandla kwicandelo leBEE leProjekthi loMbindi-Sixeko saseTshwane. 
Qho ngonyaka urhulumente kazwelonke esebenzisa iSebe leMisebenzi kaRhulumente lichitha ngaphezu kwezigidi-gidi ezimbini zeerandi (R2 bhiliyoni) ukuze lihlawule iindleko zokuqesha kwanezinye iindleko ezinokwenza nolawulo lwezakhiwo njengeerhafu neenkonzo ezihlawulelwayo kuzwelonke jikelele, apho ingamacandelo abucala kunye noorhulumente beengingqi njengabaxhamali.
Ngendlela efanayo ikwangabo bantu bachaphazelekayo abalindeleke ukuqhuba inkqubo yohlaziyo lwesizikithi sesixeko saseTshwane, masithi mhlawumbi nenxaxheba kaRhulumente wePhondo laseGauteng kwiiprojekthi zabo ezinkulu lotyalomali njengoko zixhaswa yi-Arhente yaseGauteng yoPhuhliso loQoqosho (i-GEDA).
Xa kusiziwa kumba weNkqubo yoMbindi-Sixeko weTshwane, ezakwaziwa ukusuka ngoku ukuya phambili, ngokuba yi-“Re Kgabisa Tshwane” nebhalwe ngokuba “Indawo Yokusebenzela eNgcono kakhulu”, kuzakugxilwa ebantwini kakhulu (abasebenzi noluntu ngokubanzi), nanjengoko iziindawo abazisebenzisayo ekuhambiseni nasekwamkeleni iinkonzo zoluntu ezingundoqo. 
Xa wayesenza isaziso ngeNkqubo yaManyathelo karhulumente yango-2004, uMongameli uThabo Mbeki wamema onke amasebe kazwelonke ezeMisebenzi kaRhulumente ndawonye nelaBasebenzi Baseburhulumenteni noLawulo ukuba abambisane ekuqhubeni le projekthi ukuze kuphuculwe iindawo zamasebe karhulumente ekusetyenzelwa kuzo kwanabasebenzi baseburhulumenteni.
Iindawo zaseburhulumenteni ziyinjini yokunikezelwa kweenkonzo kwaye namagosa akwarhulumente angamafutha abhexesha le njini nayenza ukuba iphakamise iinyawo ngokusebenzayo nangokuyimpumelelo. 
Ngexesha lokuhlolwa kwezidingo lale projekthi, abasebenzi abaninzi baseburhulumenteni bagxininise ekubalulekeni kokubakho kweendawo zokusebenzela ezisemgangathweni, nezihambisanayo noko kulindeleke kubo kwaye ezi ziquka iindawo ezingaphakathi nezingaphandle nto leyo eyenze ukuba kubekho ubambiswano ne-Metro yaseTshwane, nekuyeyona enoxanduva lokulawula iinkalo eziliqela zasedolophini ezifana nezeendlela, ucoceko, ukhuseleko, ukhuselo kunye nokubukeka.
Mandithathe eli thuba ndibulele abaphathi neenkokeli zaseTshwane ngegalelo labo ekuyamkeleni ngazo zozibini le projekthi ngokuthi bayibandakanye kwiZicwangciso zabo zoPhuliso oluYondelelanisiweyo.
Eneneni iSivumelwano soKuqondana (MOU) ekuzakungenwa kuso kungekudala nje namhlanje esiphakathi kweSebe lezeMisebenzi kaRhulumente kunye ne-Metro yeSixeko saseTshwane, sisisiqinisekiso sokuba mxhelomnye nekuzakunyathelelwa phezu kwawo.
Sisivumelwano senjongo yokubambisana ngamaphulo neeprojekthi aza kutsho axhamle omabini amaqela kuzo.
Umyaleza wethu namhlanje  uthi “umsebenzi  sele uqalisile” kwaye le minyaka ili-10 izayo izakubanokungenisa ngaphezu kwezigidi-gidi ezisibhozo zeerandi (R8 bhiliyoni) oko kusenziwa ngurhulumente kazwelonke kunye namacandelo oshishino lwabucala kusetyenziswa iingxowa zolwabiwo-mali, ukuphuculwa kwempahla ekubanjiswe ngayo kwimboleko-mali kunye nobambiswano lwaseburhulumenteni noshishino lwabucala.
Ngokuphathelele kuLawulo lweprojekthi, kuyekwasekwa iKomiti yaBabhexeshi equka iSebe lezaBasebenzi baseBurhulumenteni noLawulo, iSebe lezeMisebenzi kaRhulumente, uNondyebo weSizwe kunye neSixeko saseTshwane.
Le Komiti, phakathi kweminye yemisebenzi yayo izakuququzelela le Nkqubo, yongamele ize ijongane nokuphunyezwa, ukuqukunjelwa kwendlela yokonyusa iingxowa-mali ize iqinisekise ukuba ukuphunyezwa kokuyondelelanisiweyo.
iSebe liyelonyula uMnu Dumisani Dlamini njengoSekela Mlawuli-Jikelele ozakujongana nolawulo lwayo yonke le nkqubo.
Ndiyabulela.
<Doc11>
Mama uSomlomo, Obekekileyo iNkulumbuso, Baphathiswa, Malungu ale Ndlu, ziiNdwendwe eziBekekileyo, magosa esebe lezezindlu, malungu ezosasazo kwanoluntu ngokubanzi, siyanamkela.
Manene namanenekazi, la mazwi anyathela kwezopolitiko zoMzantsi Afrika, ingakumbi eNtshona Koloni.
Akukhathaliseki ukuba bazinikele kangakanani kwanokuba basebenza kangakanani na abantu beli lizwe abathanda inkqubela, injongo yabanye abantu iyakusoloko ikukuwusengela phantsi umsebenzi omhle osele wenziwe ngulo rhulumente ukhathalayo ngexeshana nje elingephi eselulawuleni.
Manene namanenekazi, abantu abaninzi bathethile malunga nokuba kuthetha ukuthini na ukuba nezindlu, kodwa ke ndivumeleni ukuba ndinichubele.
Ngokunokwam, ukubanendlu ayikokuba nendawo nje yokufihla intloko.
Kumalunga nabantu abathathela ezandleni zabo ukunakekela iindawo zabo kwanokuzakhela ikamva.
Kumalunga nokuseka iindawo zokuhlala ezifanelekileyo kwaneendawo zokuhlala ezinokugcinala nezinokuphuhla.
Kumalunga nophuhliso ngobambiswano phakathi koshishino lwabucala, urhulumente, Imibutho engekho phantsi kukaRhulumente, kodwa okona kubalulekileyo, noluntu ngokubanzi.
Ukuba nezindlu kum kungachazwa njengenkqubela, equka ukwenza izicwangciso kunye nabantu endaweni yokwenzela abantu izicwangciso. 
NgokwasemZantsi Afrika, ukuba nezindlu akuyonto nje kuloko kukwayinkqubo esekelwe kwiinqobo zedemokhrasi neyalwelwa nzima ngabantu beli lizwe.
Yinkqubo ebaphulaphulayo abantu, evumela abantu ukuba balixhamle ilungelo labo kwedemokhrasi lokuba bazikhethele uhlobo lwezindlu kunye neendawo abafuna zakhiwe khona izindlu zabo.
Ngoko ke akukho nto isisinyeliso nekwanxamnye nedemokhrasi njengokuphuca abantu ilungelo labo elingundoqo elikukuzikhethela.
Ngokungafaniyo ke nenkqubo karhulumente wocalulo, nanjengetshantliziyo, abantu bayintsusa-mabandla yembono kwanecebo lam lokunikezela ngezindlu.
Manene namanenekazi, ndinovuyo ngale mvakwemini, njengoMphathiswa wezeZindlu, lokunandlalela ngolwabiwo-mali lwam lwesibini.
Ndiyazingca kananjalo ngokunikezela ngolu lwabiwomali ngosuku oluphambi kweSikhumbuzo seminyaka eli-10 yedemokhrasi yethu.
Kukho ubungqina obubambekayo bokuba kuninzi okuphunyezwe ngurhulumente we-ANC kwisithuba nje esingaphantsi kweminyaka elishumi yolawulo lwayo lwedemokhrasi ngaphezu kwalo naliphi na ilizwe kwihlabathi jikelele.
Sisebenzile – Siphumelele.
Ngokuphandle, kumathuba okufumana izindlu azizigidi ezi-1.4 anikezele ngawo urhulumente, ndiziva ndinelunda lokuchaza ukuba iphondo lethu linikezele ngezindlu ezili-167 000 kule minyaka ilithoba idlulileyo, nto leyo engu-11% kuzwelonke.
Oku, ngokunokwam, ngowona msebenzi ubalaseleyo.
Ndingathanda kwakhona ukubeka elubala into yokuba lo nyaka uphelileyo ubenemingeni kakhulu nto leyo ebenefuthe elibi ekunikezelweni kwezindlu kuzwelonke jikelele, ngokungakumbi apha ephondweni.
Le mingeni ibiziziphumo yemigaqo kwaneendlela ezitsha ezibekiweyo ezinjengegalelo lomxhamli elungama-R2 479 kunye nokwaziswa kweNkqubo yeSiqinisekiso yeQumrhu loKubhalisa kwizindlu ezifumana inkxaso kurhulumente.
La manyathelo awajoliswanga ekucothiseni ukunikezela ngezindlu kuloko ekuqinisekiseni ukuba abantu bethu bafumana izindlu ezisemgangathweni nezifikelelekayo.
Ukukhawulelana nokuphunyezwa kwale migaqo-nkqubo kuye kwalucotisa unikezelo ngezindlu.
Okona kwenze iimeko zibe mbi nangakumbi ibengumba wokuba isebe belingenaye uMlawuli oyiNtloko ixesha eligangeenyanga ezilithoba.
Oku kuyiqhwalelisile inkqubela ngeyona ndlela emangalisayo.
Sele ndimqeshile omnye, uMnu Seth Maqethuka, oyinzalelwane yalapha eKapa nonamava okusebenza kuzwelonke nasephondweni, bendithanda ukuhalalisela nokumamkela, nangona sekuzizikhandlo ngezihlandlo ndikwenza oko.
Nangani ibikhona le mingeni nemiqobo, ndiziva ndinelunda lokwazisa uluntu lwethu ukuba isebe lam likwazile ukuchitha izigidi ezingama 348 zeerandi, nto leyo engama-92% esabelo sezindlu eNtshona Koloni.
Amanye amaphondo awachitha nama-52% la wesabelo-mali sawo.
Oku kukhokelele ekupasisweni kwama-25 000 esabelo-mali yokuncedisa kwizindlu.
Amakhaya amaninzi ahluphekileyo azakufumana ithuba lokonwabela iziqhamo zedemokhrasi.
Oku manene namanenekazi, kumele isongezo esibonakalayo sezindlu ezingama-3000 xa kuthelekiswa nakunyaka ophelileyo.
Ngokuphathelele koku, ndikwabulela nendima ebalulekileyo edlalwe ngomasipala kweli phondo.
Ngaphandle kokuzinikela kwabo nangomsebenzi oncomekayo abawenzileyo, besingeke sikwazi ukuyisebenzisa le mali.
Kwangamxhelomnye, ndikwahalalisela iSixeko saseKapa ngokuchitha malunga nama-70% wesabelo sakhe.
Ndingawalibalanga amagosa ngokuzinikela kwabo kwanangegalelo labo kumbono wethu wokunikezela ngezindlu kwisizwe.
Manene namanenekazi, ndakube ndenze intsomi emini ukuba ndingenza ngokungathi inkqubo yokunikezela ngezindlu ibimthebelele.
Kusekho imisantsa ekhoyo kwinkqubo yethu yokunikezela ngezindlu.
Ukuza kuthi ga ngoku, kusafuneka siphucule kule miba ilandelayo netshisa ibunzi:
Uninzi lwezindlu zethu azikahambisani nokutshintsha komgaqonkqubo ukusukela kwizindlu ezininzi ukuya kwezisemgangathweni
Kusafuneka sitshintshe inkqubo yokunikezelwa kwezindlu ukususela kuleyo yokwenza nje iindawo zokufihla intloko ukuya ekusekweni kweendawo zokuhlala ezinokuhlala ixesha elide.
Kufuneka sitshintshe uthatho-nxaxheba lwabaxhamli bangabi ngabamkeli nje kuloko babandakanyeke nabo.
Kufuneka sitshintshe iingqondo zabantu bethu ukwenzela ukuba baqalise ukucinga ngezindlu ezifumana inkxaso esisabelo sikarhulumente njengempahla yexabiso endaweni yezindlu nje. 
<Doc12>
ICANDELO LOPOLISO NOLUNTU LIYASEBENZA
Umama nomntwana wakhe bafumene isiqabu akudityaniswa nomama wakhe omzalayo uJames Busakwe oneminyaka eli-16 ngomhla we-7 kuApreli 2006.
Eli shwangusha laqala mhla umama wosana olungu-James wathi wagaleleka kwisibhedlele saseKlerksdorp ngomhla we-6 kuApreli ezoubona unyana wakhe, aze amanesi aqaphela ukuba umntwana wanikezelwa komnye umama, owathi ungunina wosana olo ngosuku olungaphambi kolo.
Ngoko nangoko emva kokufumanisa ngale nto, amanesi akubika oku kwiSikhululo saMapolisa saseKanana, nanjengoko umfazi owathi ungunina kaJames wayebanike idilesi yaseKanana.
Yakhangelwa le dilesi kodwa zange ifumaneke.
Akukho namnye onelo gama okanye onezo mpawu zalo mfazi owayesaziwa kule dilesi.
Ngobusuku bange-6 kuApreli iCFP yaseKanana yabamba intlanganiso.
Ibambela mkomishinala yesikhululo yabikela abantu ababesentlanganisweni malunga nokuxhwilwa kosana laze lacela wonke ubani ukuba bahlale bevule amehlo neendlebe.
Malunga nesithuba sika-23:00 kwangobo busuku, elinye ilungu lasekuhlaleni lachazela amapolisa ngomfazi ohlala kwakuloo ndawo nongazange wabonwa ekhulelwe, kodwa owayenosana oluyinkwenkwe.
Amapolisa alanda ekhondweni ngokweenkcukacha aze eneneni amfumana umfazi nomntwana.
Abasebenzi basesibhedlele babizwa baze bamazi umntwana kwanomfazi lowo owaxhwila umntana lowo esibhedlele.
Bubebuninzi ubungqina, kuquka nebhadi lepastiki lasesibhedlele lokuzazisa, lafunyanwa kwindlu yomrhanelwa.
Wabanjwa lo mfazi waze umntwana wabuyiselwa esibhedlele engenzakaliswangwa, nalapho wathi wadityaniswa nonina wakhe wokwenene kwakhona ngentseni elandelayo.
Kufanele ziqhwatyelwe izandla iintshukumo zabantu basekuhlaleni ababandakanyekayo ekufunyanweni kwalo mntwana, nanjengoko zaphakamisa phezulu ukuxabiseka kooGijima.
Akufanelanga lijongelwe phantsi ixabiso looGijima xa liphunyezwe laze lagcinakala ngokufanelekileyo.
Phambili Kanana CFP!
Nkosikazi Obekekileyo
Ndicinga ukuba ibe lithamsanqa into yokuba ndigqithe kwisikhululo senu samapolisa aseMondeor, ndaze ndabona ijenali yenu ye-SAPS.
Ndiyathemba ukuba niyayishicilela kanye ngenyanga, kwaye ndiyifumanise inik’ umdla kakhulu.
Mna nenkosikazi yam sisandul’ ukuqala ishishini elitsha kwaye singathanda ukunimema nonke, okanye nawaphi na amagosa enu xa elapha ekuhlaleni, ukuba agqithe athobe unxano ngekomiti yekofu okanye eyiti mahala kwaye ndiyathemba ukuba banokufumana amaqebengwana nokuba mabini.
Ndiyathemba ukuba uyayiqonda into yokuba ukuqala ishishini elitsha asiyondwan’ iyanetha kwaye ngumsebenzi ofunisa imali eninzi yokuliqala.
Nangani kunjalo, sisakholelwa kwelokuba amapolisa kunye nawo onke amasebe ogcino-cwangco nemithetho abaluleke kakhulu kubo bonke abemi basemZantsi Afrika.
Le yinto engephi esifuna ukunenzela yona ngelibulela ukuzinikela kwenu ekuqinisekiseni ukuba thina, bemi beli, siyaqhubeka nobomi bethu bemihla ngemihla.
Singakuvuyela ukuva kuni, ingakumbi ukubona abanye bamagosa enu egaxele iyunifom egaleleka evenkileni yethu ukuze sibanzi ngcono.
Siyakubulela kwakhona kuni, basebenzi bezogcino-cwangco nomthetho eMzantsi Afrika, ngomsebenzi wenu ophume izandla nokuzinikela ekugcineni uMzantsi Afrika ukhuselekile.
Ngokufutshane, iileta ezineenkcukacha zingafekselwe okanye zithunyelwe kuMhleli nge-imeyile.
Ilungelo lokuhlela okanye lokuzishunqulela ezi leta zinkonyiwe.
<Doc13>
ISIMEMO 
Ngomhla we-14 kuJuni ka-2007, elinye lamanqaku iJenali ye-SAPS etholakala kukhompyutha (www.sapsjournalonline.gov.za) lichaze ngendlela amapolisa amabini eCandelo loKubhaliswa kweZithuthi laseWelkom athe abanjwa ngayo ngenxa yorhwaphilizo nobuqhetseba.
Kuthiwa esi sibini, intsumpa kunye nomhloli, sithengise izithuthi eziyezathinjwa ngamapolisa ukuze kungenelwe sona.
Bobabini abarhanelwa bavela enkundleni ngomhla we-12 kuJuni laze netyala lahlehliselwa umhla wama-21 kuAgasti 2007.
Ngosuku nje emva koko, ngomhla we-15 kuJuni 2007, inqaku eliphambili leNews24: “Amapolisa amabini abanjelwe ubusela”.
Ngeli ityeli ibeligosa ukonstabile kunye nomhloli abatyholwa ngokuxhomisa ivenkile yeempahla eMarble Hall, beba nemali, iibhulukhwe kunye neehempe.
Lubhangisiwe urhwaphilizo kwezamapolisa.
Nangona uninzi lwethu lunyanisekile, lusebenza nzima, likhona igcuntswana lamapolisa elibonisa ukungazihloniphi bona, iyunifom elinxibayo okanye iiNqobo zokuziphatha zaMapolisa.
Lilixa lokuba silikhucule isebe le-SAPS kube kanye qwaba zingabisabakho le mikhwa mibi.
Kwaye ngoku nawe ungancedisa siwasuse endleleni la mapolisa ngokuwantama kwinombolo yefowuni ejongene nolwaphulo-mthetho.
Akukho bani waziyo!
Ukuba ukrokrela ukuba omnye wabo usebenza nabo banomkhuba abaphezu kwawo, okanye ukuba ukhona omnye omaziyo, nokuba lipolisa, amalungu osapho, osebenza nabo, abamelwane okanye abantu ongabaziyo, ababandakanyekayo okanye abaceba ukuzibandakanya kwizenzo zolwaphulo-mthetho, oko ufanele ukwenze kukuthumela i-SMS tu-3211.
Leyo yinombolo entsha kazwelonke yokuntama ulwaphulo-mthetho nebisandula ukubhengezwa ngabakwa-Primedia e-Sandton.
Usenokuthumela i-SMS ku-32211 (ebiza iR1 inye) okanye uye ku-www.crime-line.co.za
Abafaki-zinkcukacha abaqeqeshiweyo bahleli belindele ukuzigqithisela emapoliseni ezo nkcukacha, mapolisa lawo  aza kuthatha amanyathelo ngoko nangoko!
Eyona nto ibalulekileyo yeyokuba akukho bani uyakukwazi ukuba ungubani.
Ngoku unawo amandla okuncedisa ekulweni nolwaphulo-mthetho ube ungazibekanga esichengeni.
Iphulo labakwa-Primedia lithembisa ukuba akusayi kubakho mivuka.
UYusuf Abramjee, uMququzeleli weProjekthi  yakwa-Primedia yoKulwa noLwaphulo-mthetho, uthe: “Asifuni gama okanye dilesi yakho ngaphandle kokuba wena usinika ngokuzithandela kwaye akukho mfuneko yakwenza ngxelo okanye uvele enkundleni.  
Esikufunayo nje ziinkcukacha malunga nemigewu ukwenzela ukuba amapolisa asebenze ngayo”.
Eli phulo litsha likazwelonke lokulwa nolwahulo-mtheto, nelibiza izigidi ngezigidi zeerandi, laphehlelelwa ngabakwa-Primedia eSandton ngomhla we-7 kuJuni ka-2007.
Lisekelwe kwinkqubo yeHlabathi-jikelele yaBaphelisi boLwaphulo-mthetho.
Abaphelisi boLwaphulo-mthetho baqala e-Albuquerque, eNew Mexico, ngoSeptemba ngo-1976.
Lubambiswano oluphakathi koluntu, abezeendaba kunye nee-arhente zonyanzeliso-mthetho nolusekelwe ukulwa nolwaphulo-mthetho kwanokugcina abahlali bekhuselekile.
Namhlanje, kuneenkqubo zaBalwa noLwaphulo-mthetho ezimalunga ne-1 200 kwihlabathi jikelele nezisbenzela kumazwe angama-20 asebenzisa iinkcukacha ezigqithisiweyo luluntu ukuze zincede ekusonjululweni kwezenze zolwaphulo-mthetho.
Ngokwe-CEO yakwa-Primedia Ltd, uMnu William Kirsh, ezi nkqubo zincedisile ekubanjweni kwemigewu engama-600 000! 
Okumele kwaziwe lipolisa ngalinye malunga neli phulo litsha lokulwa ulwaphulo-mthetho, yinto yokuba lixhaswa ngokupheleleyo nguMphathiswa wezoKhuseleko noKhuselo, uMnu Charles Nqakula kunye noMkomishinala kaZwelonke we-SAPS, uMkomishinala uJackie Selebi.
UMkomishinala uSelebi wathembisa ukuba “njengombutho, siza kwenza konke okusemandleni ethu ukwenza le projekthi isebenze.”
Umbuzo uthi wena uzakwenza ntoni ngaloo nto?
Iyadingeka inkxaso epheleleyo yabo bonke abantu, kungekhona nje ukulungiselela ukuthatha amanyathelo ngoko nangoko wakube ufumene iinkcukacha kwiziko lefowuni lokuntama ulwaphulo-mthetho, kodwa kwanokuthetha ngeli phulo qho ithuba livela.
Chazela abantu, ii-CPF, izikolo, usapho lwakho nabahlobo ngeli phulo.
Qinisekisa ukuba uyayiqonda into yokuba eli phulo liyathembisa ukuba akusayi kubakho mivuka, nokuba bayakuhlala bengaziwa ukuba bangoobani nokuba sekutheni na.
Kwakhona khumbula ukuba le fowuni asiyo yeemeko zongxamiseko.
Abantu kufuneka iimeko zongxamiseko bazichaze ku-10111 okanye kwizikhululo zamapolisa ezikufuphi nabo.
Abezeendaba nabo basolulile isandla emapoliseni besebenzisa eli phulo lolwaphulo-mthetho.
Bafuna ukusincedisa ekwenzeni uMzantsi Afrika ubeyindawo ekhuselekileyo yabo bonke.
Xa kwakuphehlelelwa eli phulo lefowuni yokuntama ulwaphulo-mthetho, uJohn Robbie, umsasazi weshowu yakusasa kwi-Talk Radio 702, wanikezela kwi-SAPS ngoomatshini abangama-65 beZixhobo ze-ID.
UMnu Robbie ubesandula ukwenza isicelo emoyeni kubaphulaphuli sokuba bazinikele ngokufak’ isandla kwaba matshini beZixhobo ze-ID.
Abathengisi beematshini, i-Face Technology, nabo bazibandakanya ngokuthi bohlise amaxabiso ezi matshini zibe zezifikelelekayo, nto leyo eyenze ukuba iinkampani ezazizinikela ekufakeni isandla ngemali eyanele ukuthenga umatshini omnye zathenga yamibini.   
Abakwa-Primedia noJohn Robie ayingabo bodwa ayingabo bodwa abancedisa amapolisa ekulweni nolwaphulo-mthetho.
Funda nawaphi na amabali empumelelo kwiiJenali ye-SAPS  nakwiiJenali ye-SAPS etholakala kukhompyutha kwaye uyakufumanisa ngendlela asonjululwa ngayo amatyala ngoncedo lwabantu basekuhlaleni.
Ngokubakho kweli phulo litsha lokulwa nolwaphulo-mthetho, imigewu, kuquka nabo bambalwa barhwaphilizayo emsebenzini, bangaqiniseka ngenyo nje ibenye … iintsuku zabo zibaliwe.
<Doc14>
Ukuqinisekiswa komniki-nkonzo we-ETQA
IiNkonzo zikaRhulumente waseMzantsi Afrika
Isicelo esiya kwi-ETQA sokuqinisekiswa njengomniki-nkonzo wezemfundo noqeqesho
Ingcaciso
Imithetho emisiweyo kumaqumrhu oQinisekiso Olufezekileyo lwezeMfundo noQeqesho (ETQA) phantsi koLawulo lweZiqinisekiso zeMfundo lwaseMzantsi Afrika (SAQA) ifuna ukuba abaniki-nkonzo bezemfundo noqeqesho bafake izicelo zokuqinisekiswa kwi-ETQA.
Ukuze babenokuqinisekiswa, abaniki-nkonzo bezemfundo noqeqesho kufuneka babhalise ngokomthetho obekiweyo.
Umthetho ophathelene neMfundo ePhezulu kwaneMfundo ePhakamileyo ufuna ukuba bonke abaniki-nkonzo bezemfundo noqeqesho ababikezela ngeziqinisekiso ezipheleleyo babhalise kwiSebe lezeMfundo.
Umniki-nkonzo wezemfundo noqeqesho kufuneka abonelele ngezifundo kunye/okanye ngeziqinisekiso ezihambelanayo neenkalo ezingundoqo ekugxininiswa kuzo zequmrhu loQinisekiso Olufezekileyo lwezeMfundo noQeqesho (ETQA) noLawulo lweZiqinisekiso zeMfundo lwaseMzantsi Afrika (SETA) okanye iQumrhu loBungcali.
Izinto ezidingekayo ukuze kwenziwe uqiniseko:
*Izinto ezidingekayo ukuze kwenziwe uqinisekiso ziqulethwe kolu xwebhu olubizwa ngokuba ziiNdlela neZikhokelo zaBaniki-nkonzo kwaye luyafumaneka kwiwebhusayiti kaSAQA.
*Iinkqubo (kunye/okanye uvavanyo) olukezelwa ngabaniki-nkonzo bezemfundo noqeqesho luphelela kwizifundo kunye/okanye kwiziqinisekiso ezibhaliswe kwiNkqubo-sikhokelo yeZiqinisekiso zikaZwelonke (NQF). 
*Ikharityhulamu (isiseko, umxholo kunye nezixhobo zokufunda) zoyanyaniswa nezifundo kunye/okanye iziqinisekiso.
*Kukho abasebenzi abaqeqeshiweyo  nabafanelekileyo (abaququzeleli kwanabahloli ababhalisiweyo).
*Abafundi bayazifumana iinkonzo ezaneleyo zenkxaso yokufunda.
*Iindlela zokuvavanya kwanezixhobo ezisetyenziswayo ekwenzeni imilinganiselo yoko kulindelekileyo kwizifundo kunye/okanye kwiziqinisekiso ziyancomeka, zisesikweni kwaye ziyathembakala, kwaye zisetyenziselwa ukuphucula ukufunda.
Amanyathelo amawalandelwe
*Thumela ileta yenjongo zakho zokuqinisekiswa njengomniki-nkonzo wezemfundo noqeqeshokwi-ETQA efanelekileyo.
*Faka ifomu yokuzihlola neyesicelo kwi-ETQA.
*Ukuba awusinikwanga isiqinisekiso ube uvakalela kwelokuba inkqubo ayinabulunga, unalo ilungelo lokufaka isibheno.
*Uluhlu lwee-ETQA kunye neenkcukacha zoqhagamshelwano ziyafumaneka kwiwebhusayithi ye-SAQA.
Kusenokuthatha iinyanga ezi-6.
Olu ncedo lolwasimahla.
Iifomu emazigcwaliswe
Iifomu zesicelo sokuqinisekiswa komniki-nkonzo kunye namaxwebhu aphathelene noku asenokufunyanwa kwii-ETQA ezifanelekileyo.
Iinkcukacha zoqhagamshelwano – nceda ukhethe ibe nye:
