<Doc01>
IArhente yaseMzantsi Afrika yoKhuselo lweNtlalo  
ITshatha yeNkathalelo yaBathengi
Wamkelekile kwiTshatha yethu yaBathengi
Sifuna wena, umthengi wethu, usijaje ngomgangatho wenkonzo esiyisekileyo kule tshathi.
Siya kukuphatha ngentlonipho futhi sikunike impatho entle ehambelana nemithetho-siseko ye-BATHO PELE.
Siyayibophelela njengenxenye yoxanduva lwethu ukunikezela inkonzo ekudidi lwehlabathi, sikunike iinkcukacha ezichanekileyo, iingcebiso noncedo kuzo zonke iinkonzo zethu.
INjongo yeTshatha
Le tshatha ikuxelela malunga nomgangatho wenkonzo ekufuneka uwulindele kwiArhente yaseMzantsi Afrika yoKhuselo lweNtlalo   (SASSA). 
I-SASSA sisongezo sengalo lonikezelo lweenkonzo zikarhulumente esilawula unikezelo lweminikelo kubemi boMzantsi Afrika.
Siyazibophelela
Ukunikezela iinkonzo ezisemgangathweni zokhuseleko lwentlalo, ngexabiso elifanelekileyo nangenkuthalo usebenzisa ezona ndlela ezifanelekileyo. 
Unokulindela kuthi
Ukunyuswa komgangatho nokhuseleko lwesidima soluntu, iMfihlo, iMfezeko, Ubulungisa, Ukungabinakhethe nokuLunga.
Kuyo yonke kwiArhente yaseMzantsi Afrika yoKhuselo lweNtlalo siya 
Kukunika ulwazi neengcebiso malunga nayo yonke iminikelo onokuthi ufake isicelo sayo. 
Kugqithisela kwamanye amaziko aya kujongana neemfuno zakho.
Kukuncedisa ekugcwaliseni/ekuzaliseni iifomu zethu nokufaka isicelo somnikelo.
Kugcina ulwazi osinika lona luyimfihlo. 
Hlala njalo uxhasa uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, imithetho elawula inkonzo karhulumente kunye nomgaqo wokuziphatha wenkonzo karhulumente 
Kunceda ngolwimi lwakho olukhethileyo.
Sebenzisana nabantu esibancedayo kunye namanye amaqela achaphazelekayo. 
Kuzama ukuphucula rhoqo unikezelo lweenkonzo ukuze sikwazi ukufikelela koko ukulindeleyo
Ukuqhagamshelana nathi
Nangaliphina ixesha uqhagamshelana nathi ubuso ngobuso, ngefowuni, ngeleta okanye nge-imeyile oku kulandelayo kuya kwenzeka: 
Igosa leenkonzo zabathengi elikuncedayo liya kuzazisa. 
Imibuzo ngefowuni kunye neyobuqu, siya kuyisombulula imibuzo yakho ngokukhawuleza. 
Ukuba asikwazi ukusombulula ngokukhawuleza siya kukunika izizathu futhi sazise umxhasi ukuba angayilindela nini impendulo. 
Siya kukunika inombolo yesalathisi ukwenza ukuba ukwazi ukulandela umbuzo wakho 
Siya kwamkela ukufumana nalo naluphina uqhagamshelwano osithumelele lona futhi siya kujongana nombuzo wakho kwiintsuku ezisi-7 zomsebenzi. 
Ukuba asikwazi ukukuphendula ngokugcweleyo kwiintsuku ezisi-7 zomsebenzi, siya kukuxelela unobangela woko nokuba ungayilindela nini na impendulo. 
Siya kuzama ukusombulula umbuzo wakho zingaphelanga iintsuku ezingama-21 zomsebenzi.
Ukuba uyasifowunela, sinenjongo yokuphendula ifowuni yakho ngokukhawuleza okukhulu ngolwimi olusemthethweni olukhethileyo. 
Siya kukuxelela nasiphina isigqibo malunga nomnikelo wakho ngokubhala phantsi 
Kwii-ofisi ze-SASSA
Xa ufika kwenye yee-ofisi zethu, abasebenzi bethu abakwidesika yoncedo baya kukunceda ngokukhawuleza.
Zonke ii-ofisi zethu zivuliwe ukususela ku-08h00 ukuya ku-16h30, ngoMvulo ukuya ngoLwesine nango-08H00 ukuya ku-16h00 ngoLwesihlanu.
Kwii-ofisi zethu nakwiindawo esihlawula kuzo uya kufikelela koku kulandelayo:
Ubuwedwa
Iindawo ezipholileyo zokulinda
Izibonelelo zezindlu zangasese
Uncedo lonyango ukuba saziswe kwangaphambili ngemfuno enjalo
Siya kuza kuwe ukuba ngenxa yezizathu zonyango, awukwazi ukufikelela kwii-ofisi zethu.
Ungasifowunela thina senze amalungiselelo otyelelo ekhaya.
Ukujongana nesicelo sakho somnikelo wentlalo
Siya kuqala ukujongana nesicelo sakho kwangalo suku.
Kufuneka siqinisekise ukuba unelungelo ngokwasemthethweni lokufumana umnikelo.
Sizibekela iithagethi zokujongana nebango lakho futhi sibhatale umnikelo wako zingaphelanga iintsuku ezingama-90.
Siya kukucebisa ngelungelo lakho lokufaka isibheno xa uthe awamkelwa, wasikwa futhi warhoxiswa.
Ukwenziwa kwesigqibo.
Ukuba senza isigqibo malunga nesicelo sakho somnikelo kwaye ucinga ukuba akufanelekanga, okanye ufuna ulwazi olongeziweyo malunga nesigqibo, ungenza oku kulandelayo:
Sicele ukuba sikucacisele ngesigqibo ngokubanzi thina siya kusebenzisana nesicelo sakho.
Ungafaka isibheno ngesigqibo sethu kuphela kwiintsuku ezingama-30 omhla weleta yesigqibo.
Ungafikelela kwifayili yakho kulo naluphina ulwazi onokuthi ulufune.
Uxanduva lwakho iyakuba 
Kusinikezela:
Idilesi yakho yeposi neyasekhaya echanekileyo.
Ukutshintsha kweemeko ezizezakho ezinjengomvuzo, idilesi, imeko yezempilo, njl.njl.
Ukuthembeka, inyaniso, ukuchaneka nolwazi olupheleleyo okanye ingcaciso ngawo onke amaxesha.
Impendulo ngexesha kuko lonke uqhagamshelwano lwethu ukuquka uhlelo ngokutsha okanye naluphina ulwazi olungolunye olucelwe kuwe.
Awonwabanga zinkonzo zethu?
Ukuba awonwabanga yinkonzo yethu ngenxa yokuba:
Sithathe ixesha elide kakhulu ukwenza umnikelo wakho kunye/okanye awuyifumananga intlawulo yakho ngexesha.
Indlela yokuziphatha yegosa lethu ibingafuneki.
Abasebenzi bethu benze impazamo kwisicelo sakho okanye bakunike iingcebiso ezingachanekanga.
Nayiphina impazamo yangabom/impazamo engenziwanga ngabom kwicala lethu
Sixelele malunga nayo kwaye siya kuyilungisa ngokukhawuleza nayiphina impazamo esiyenzileyo.
Ukuba ufuna ukufaka isikhalazo, nceda usibhalele okanye usifowunele uze ucele ukuba ugqithiselwe kwiyunithi yethu yenkathalelo yabathengi.
Siya kuxoxa ngeenkonzo zethu nawe
Sinomdla kwiimbono zakho malunga neenkonzo zethu.
Siya kulusebenzisa ulwazi osinike lona ekuphuculeni iinkonzo zethu.
Nceda usithumelele ingxelo ngayo nayiphina indlela kwezi zilandelayo ngezantsi:
Fowunela inombolo engahlawulelwayo yeziko lokufowuna engu-0800 601 011
Gcwalisa ikhadi lezimvo lomthengi elifumaneka kwii-ofisi zethu nakwiindawo zokuhlawulela. 
Tyelela iwebhusayithi yethu ku: www.sassa.gov.za
Tyelela nayiphina enye yeendawo zethu zoqhagamshelwano. 
(Isithili, ingingqi, inkonzo neendawo zokuhlawulela)
Gqithisa ingxelo ebhaliweyo kuyo nayiphina enye yee-ofisi zethu. 
Imibuzo okanye izimvo malunga nale tshatha 
Ukuba ufuna nayiphina ingcaciso engenye malunga nale tshatha, yiza kwenye yee-ofisi zethu.
Ungayifumana le tshatha ibhalwe nge-Braille, ngeteyiphu ne-CD, ukuba ucele njalo.
Le Tshatha iya kuqala ngomhla we-01/04/2007 kwaye uya kuhlaziywa rhoqo ngonyaka ukuze ukwazi ukujongana nezimvo zakho.
<Doc02>
INkonzo yoMzantsi Afrika yeNgqokelela yamanani - iiNdaba
Phakathi kwiNkonzo yoMzantsi Afrika yeNgqokelela yamanani: Imfuneko yengqokelela yamanani iza kukhula njengoko iya isiba nzulu nedemokhrasi. 
Eli nqaku lapapashwa kuqala yi-Business Report ngomhla wesi-05 ngo-Agasti 2004.
Kwiveki ephelileyo ndandikhona kwintlanganiso yebhodi yabacebisi kwiNgingqi, e-Tanzania kwiZiko lokuQeqeshela inzululwazi ngeNgqokelela yamanani kwiAfrika eseMpuma, kulapho ndaba nethuba lokuya kwitheko lothweso-zidangalweli ziko lonyaka wama-39, kulapho kwakuthatha inxaxheba abasebenzi abahlanu beNkonzo yoMzantsi Afrika yeNgqokelela yamanani.
Ukuqeqeshwa kwabasebenzi boMzantsi Afrika kwiNgqokelela yamanani lulangazelelo lombutho.
Kufutshane emva kokuba ndinyulwe njengomqokeleli-manani olawulayo ngabeNkonzo yoMzantsi Afrika yeNgqokelela yamanani ngokusebenzisana neKhansile yeNgqokelela yamanani, saba besindululo esingxamisekileyo sokuphanda ngamaziko anikezela ngengqeqesho efanelekileyo yeenkcukacha zaseburhulumenteni.  
Sachonga amaziko amabini: iziko loqeqesho elise-Dares Salaam yaseTanzania nelo liseUganda loQoqosho olunxulumene neeMeko zokwenene.
Iziko loqeqesho lasekwa ngo-1965 yeyeZizwe eziManyeneyo iKhomishoni yezoQoqosho lweAfrika, uMbutho weAfrika eseMpuma weeNkonzo eziQhelekileyo kunye neyeZizwe eziManyaneyo iNkqubo yoPhuhliso. 
Ngo-1977 urhulumente wase-Tanzania wathatha iintambo ekulawuleni eli ziko, walandisa inani lamazwe ase-Afrika awasebenzelayo lafika kwi-13. 
Iziko elise-Uganda lasekwa ngo-1969, ngokwesikhokelo-nkqubo esisemthethweni seYunivesithi iMakerere.
Injongo eyaxelwayo yaba yingqeqesho ekumgangatho ophezulu yeengcali kwingqokelela yamanani noqoqosho olunxulumene neemeko zokwenene.
Kule minyaka mithathu idlulileyo, abeNkonzo yoMzantsi Afrika yeNgqokelela yamanani bebesoloko bethumela abasebenzi kula maziko emfundo.
Kunyaka ophelileyo abokuqala abathunyelwayo bazuza izidanga.
Oko babuyileyo, sebebonakalise ukuphucuka komgangatho wabo kwintsebenzo, abanye kubo ngeli ixesha basezikhundleni njengabalawuli.
Nangona kunjalo, abeNkonzo yoMzantsi Afrika yeNgqokelela yamanani  bajongene nemingeni emitsha.
Imfuneko yolwazi ngengqokelela yamanani ukuze kuthathwe izigqibo, kuwo omathathu amacandelo karhulumente, seyinyuke ngokumangalisayo.
Ngokukodwa, abantu abaqeqeshelwe ukuqokelela ulwazi nokusebenzisa amanani, kumanqanaba oomasipala, oko sekufuna ukujongwa ngeliso elibanzi.
Ngeenjongo zokwanelisa le mfuno, kuza kufuneka siqeqeshe abantu , ubuncinane babo bube ngama-2 000 ngonyaka.
Iziko loqeqesho lase-Tanzania neZiko laseUganda leNgqokelela yamanani nezifundo zoQoqosho olunxulumene neeMeko zokwenene ehlabathini, omabini awanakumelana neemfuno zabaqeqeshwayo abaninzi kangako. 
Xa kwakuvulwa inkongolo yoMbutho weNgqokelela yamanani yoMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo, umphathiswa wezimali onguTrevor Manuel wacela umngeni kwiyunivesithi zoMzantsi Afrika ukuba mazihlangabezane nokunqongophala kwezakhono ezinokufumaneka ukuze kuncedwe urhulumente akwazi ukuthatha izigqibo ngengqiqo nangokusekelwe kulwazi oluchanekileyo lwengqokelela yamanani.,
AbeNkonzo yoMzantsi Afrika yeNgqokelela yamanani sebeziqalile iingxoxo neeyunivesithi ngeenjongo zokwazisa ngoqeqesho olunjalo.
Noxa kunjalo, ngalo eli xesha ayikho iyunivesithi yoMzantsi Afrika enikezela ngezifundo zengqokelela yamanani eburhulumenteni.
AbeNkonzo yoMzantsi Afrika yeNgqokelela yamanani  banesicwangciso sokuseka iziko loqeqesho kwingqokelela yamanani kwamsinyane kwixa elizayo, injongo kukunikezela ngoqeqesho  lwengqokelela yamanani eburhulumenteni, kusenzelwa abasebenzi bangaphakathi nabo bamanye amasebe.
Ukuthiwa thaca kwenkqubo yeyesizwe ingqokelela yamanani izakuba nesiphumo semfuno yokuseka iiyunithi zale ngqokelela kumasebe ahlukileyo karhulumente, kwakutsho kufuneke kakhulu ubuqili obungaphezulu bezakhono ezibalaseleyo kwingqokelela yamanani.
Nangona kunjalo, ukuphuhliswa kombandela wengqokelela yamanani sekudityaniswe ngaphezulu kweemfuno zikarhulumente zolwazi oluchanekileyo.
INgqokelela yamanani iya entliziyweni yedemokhrasi.
UHG Wells, kwasekuqaleni kwenkulungwane yama-20,  wacinga ukuba kwixa elizayo, ingqokelela yamanani iza kufuneka kubemi njengoko ibanika amandla okufunda nokubhala.
Ingqokelela yamanani aseburhulumenteni yimpumelelo yakutshanje kwiinkcubeko, nto leyo iphuhle ngokuvela kwedemokhrasi. 
Kwimeko yaseAfrika, apho idemokhrasi iyinkqubo yakutshanje, siza kubona ukunyuka okumandla kwemfuno yengqokelela yamanani eburhulumenteni njengoko iya isiba nzulu nedemokhrasi.
Iingcali kwinzululwazi ngengqokelela yamanani zingabagcini beyedemokhrasi imimiselo engenazimfihlelo kumlinganiselo nakwindlela yokufikelela , lilonke ziyalumela uxanduva olujongene nazo.
Loo nto yeyona isemngciphekweni xa kuphehlwa indlela yokuphuculwa kobuchule kwingqokelela yamanani, ukuphuhliswa kwala maziko emfundo afunekayo, kwenzelwa ukwanda okukhawulezayo  nokumandla ngokufundiswa  kweenkcukacha zaseburhulumenteni.
 UPali Lehohla yingcali-jikelele ngengqokelela yamanani, ungumphathi weNkonzo yoMzantsi Afrika yeNgqokelela yamanani.  
 Ukuze nifumane  olunye ulwazi ngeNkonzo yoMzantsi Afrika yeNgqokelela yamanani nangeemveliso zayo, tyelela u-www.statssa.gov.za okanye fowunela u-(012) 310-8600.
<Doc03>
IiNtsuku ezili-16 zokuba liTshantliziyo:  ubusazi na?
Ukususela ngowe-1994 uRhulumente uqulunqe uwiso-mthetho lokulungisa okungalunganga okuchaphazela abantu ababhinqileyo nabantwana.
UkuKhuthazwa kokuLingana nokuKhuselwa koMthetho ka-2000 kwaphumeleliswa kuqinisekiswa ukuba wonke umntu uyonwatyiswa ngamalungelo oMgaqo-siseko.
Lo Mthetho uyaqinisekisa ukuba abantu ababhinqileyo bonwatyiswa ngokulinganayo ngamalungelo nangeenkululeko, injongo kukuhlangabezana nokungalunganga kweminyaka eyadlulayo.
UMthetho ka-1998 wobuLungisa kwindawo yoMsebenzi uyaqinisekisa ukuba kuyapheliswaukucalulwa kwabantu emisebenzini, impangelo nentlawulo apho kusebenzisana abaqeshi nabaphangeli, konke okusisiphumo semithetho yoontamo-lukhuni kuyathintelwa.  
Ukhuthaza ukumelwa ngobulungisa kwabantu ababhinqileyo nabanye abantu ababehlelelekile ngokwembali kuwo onke amacandelo eenkampani zikarhulumente nawezabucala. 
UMthetho weSondlo ka-1998 uyaqinisekisa ngamalungelo omntwana angumgangatho wokuphilaokufanele uphuhliso lomzimba, lwengqondo, lomphefumlo  nolwentlalo. 
Lo Mthetho uyaqinisekisa ukuba isondlo umntwana uyasifumana kubazali bakhe okanye kwabanye abantu abanoxanduva lokumsindleka ngezimali.
UMthetho ka-1998 ojongene nobuNdlobongela obusetyenziswayo kwiiNtsapho, wawiswa ngokomthetho ukuze abo basindileyo emva kokuphathwa  gadalala bakhuselwe ngokumandlakwimpatho-gadalala abayifumanayo kumakhaya abo. 
Abantu ababhinqileyo, abangabona baluvayo ulwamvila lwempatho-gadalala bekumakhaya abo, ngoku banoncedo olusemthethweni oluza kuqinisekisa ngokhuseleko lwabo.
UMthetho ka-2005 ojongene naBantwana kunye noMthetho ka-2007 wesiLungiso ojongene naBantwana, owathi phakathi kweminye, wakhusela abantwana abangondlekanga, abangahoywanga, abaphathwa gadalala okanye abafakwa ehlazweni. 
URhulumente sele esebenzise waza waxhasa iindlela ezininzi zokulamla ezikhusela isidima sabantu abangabafazi kunye nabantwana.
UXwebhu lwamaLungelo aBantwana luyaphononongwa kwaye luyahlaziywa ukuze kuqukwe nemingeni evelayo efana nokusetyenziswa kwabantwana njengamaxhoba emifanekiso nemizobo yoburheletya.
URhulumente uwusabele umngeni wokunyanzelwa kwabantwana ukuba batshate nabantu abadala kunabo phantsi kwamampunge okusetyenziswa kwesithethe ekuthiwa  “kukuthwala”.
URhulumente uzimisele ekuqinisekiseni ukuba izithethe kunye neminye imimiselo yesizwe, zonke ziyahambelananoMgaqo-siseko kunye nowise-mthetho olusetyenziswayo.
Le nkqubo iqaliselwe ukuseka kwakhona amacandelo amapolisa akhethekileyo, aqwalasele amatyala obundlobongela obenziwayo kumakhaya nakwezesondo, nolunye ulwaphulo-mthetho olwenziwayo kubantu ababhinqileyo nasebantwaneni.
Ukusekwa kwamacandelo akhethekileyo kuza kuhlanganisa ubuqili obufunekayo bokuphucula ezolawulo notshutshiso olunempumelelo kulwaphulo-mthetho olwenziwa kubantu ababhinqileyo nasebantwaneni.   
Ngalo eli xesha kukho aweThuthuzela amaZiko oNonophelo ali-17 awasekwayo kwimimandla yeli lizwe, leyo inezehlo ezoyikisayo zobundlobongela kwezesondo. 
La maZiko abonelela ngeenkonzo zempilo nentlalontle, nangokuqalisa iinkqubo zokunika ingxelo ngendlela esebenzayo, nokutshutshiselwa amatyala kwimeko enesidima nenkathalo, oko kusenziwa ngabatshutshisi abaqeqeshelwe loo msebenzi.  
INkxasomali yokuFunyanwa kwakhona kwezinto zeXabiso eziqwalasela uLwaphulo-mthethoyasetyenziselwa ukunceda kwiiprojekhthi ezili-19  zokuxhobisa amaxhoba. 
Kwaqulunqwa uLuhlu lweeNkonzo zaMaxhoba obuNdlobongela noLwaphulo-mthetho, oluqulathe iinkonzo ezinikezelwayo yimibutho karhulumente engaphezulu kwe-1 500 nayimibutho yabahlali kuwo onke amaphondo.   
Olu luhlu luxhobisa abantu ukuze bafikelele kwiinkonzo ezifumanekayo kummandla wabo.
Iindawo zoncedo ezinobubele kumaxhoba sezasekwakwizikhululo zamapolisa ezinoqhagamshelwano olusebenzayo.
Kwaqulunqwa iiNkundla zabaZimiseleyoekulweni amatyala eMpatho-gadalalakwezeSondo. 
UMthetho ojongene nobuNdlobongela kumaKhaya ubonelele ngeendawo zokuhlala amaxhoba ezinokwakhiwa.
Ngeli ixesha kukho iindawo zokuhlala amaxhoba ezingama-96 eMzantsi Afrika, ngo-2001 zazingama-39.
Amalungelo  elamaXhoba uXwebhu lokukhuthaza ubulungisa, ngoku ayaguqulelwa ekubeni abe yinto yokwenene kumaxhoba olwaphulo-mthetho, lawo ahambisanayo neNkqubo yezobuLungisa obuchaseneyo noLwaphulo-mthetho. 
Eli Phepha lamaLungelo liquka iMiqathango eYiyona iPhantsi ngeeNkonzo zamaXhoba oLwaphulo-mthetho, lona elimisele isikhokelo-nkqubo esisemthethweni esijongene namaxhoba ukuze kucaciswe ngamalungelo awo kwiinkonzo ezilindelekileyo kwiNkqubo yezobuLungisa echaseneyo noLwaphulo-mthetho.
Ngokusetyenziswa koXwebhu lwamaLungelo amaXhoba, inani leentsuku ezathathwayo ekugqibeni umbandela woLwaphulo-mthethokwezeSondo eNkundleni yamatyala, iintsuku ezazingama-285 zehlela kwi-142.
UXwebhu lwamalungelo lukwayimfuno kuRhulumente woMzantsi Afrika ukuze kuhlangatyezwane nesibophelelo sawo samazwe ngamazwe ngokubhekiselele kwisiBhengezo seZizwe eziManyaneyo seMimiselo esisiSeko sobuLungisa esenzelwa amaXhoba oLwaphulo-mthetho nokuVuyelelwa kwawo ngabo baneGunya.
Ukusebenzisana namazwe ngamazwe ekuhlangabezeni imingeni yobundlobongela obenziwayo ebantwini ababhinqileyo nasebantwaneni
UMzantsi Afrika wayingenisa eyawo ingxelo ngenkqubela-phambili ekhoyo ngokusetyenziswa  kweNgqungquthela engokuShenxiswakwanokuCalucalulwa kwabantu ababhinqileyo  kwikomiti yeZizwe eziManyeneyo. 
UMzantsi Afrika wasingatha iNtlanganiso yaBaphathiswa beNgingqi yezoPhuhliso (SADC) lweAfrika eseMazantsi  (ngomhla wesi-9 ku-Okhtobha), injongo yayikukugqibezela isicwangciso seminyaka eli-10 sobuchule bokusebenza kwingingqi, eso sichase ukuthunyelwa  kwabantu kwamanye amazwe ngokungekho mthethweni, beza kusetyenziswa bengahlawulwa, okanye benyanzelelwa kwezesondo,  ingakumbi abantu ababhinqileyo nabantwana.  
Isibhalo sokuqala soMnqophiso wabeNgingqi yoPhuhliso lweAfrika eseMazantsi, malunga neSini kunye noPhuhliso sithi, aMazwe angaMalungu eNgingqi yoPhuhliso lweAfrika eseMazantsi, ngo-2015 ayakube ewise umthetho okuchasayo ukudlakazeliswa kumcimbi wezesondo.
UMzantsi Afrika wasingatha iNdibano yeenkokeli zeNgingqi ezijongene nobuLungisa kwiSini (ngomhla wesi-9 ukuya kowe-10 ngoNovemba 2009), kweziwa nabameli bamazwe aseAfrika ukuze kwabelwane ngamava nangezona ndlela ziphucukileyo zokusebenza ukuze kushenxiswe ubundlobongela kwezesondo obusekelwe kwisini.  
Musani ukujonga kude, thathani amanyathelo ngempatho-gadalala.
<Doc04>
Uxwebhu oluyiNgxelo eseMthethweni
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini lizimisele ekukhuseleni imicimbi yenu yabucala nasekuqulunqeni iteknoloji eninika awona anamandla amava kwanokhuseleko kwi-intanethi.
Olu xwebhu luyiNgxelo eseMthethweni lusebenza kwiWebhusayithi yeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini, lulawula indlela yokusetyenziswa nokuqokelelwa kweenkcukacha.  
Ngokusebenzisa iwebhusayithi yeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini, uyakwamkela okwenziwayo ngenkcukacha ezibhaliweyo nezichaziweyo kule ngxelo.
Ukuqokelelwa kweeNkcukacha ezimalunga Nawe
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini liyaziqokelela ngokwalo iinkcukacha ezinokuchongwa, ezifana neyakho idilesi ye-imeyili, igama, idilesi yekhaya lakho okanye eyomsebenzi okuwo, okanye inombolo yefowuni.
Kananjalo  iSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini liyaziqokelela iinkcukacha eliziphandele ngokwalo malunga nabaxumi, ezinye zinokungaqheleki kuwe mxumi, ezo zifana nekhowudi yeZIP, ubudala, isini, izinto onokuzikhetha,ezo unomdla kuzo kwanezona uzithandayo.
Kwakhona kukho iinkcukacha ngobugoxo bokwakha ikhompyutha yakho kwanenkqubo eziqulathe indlela yokuyisebenzisa, iSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini liyazifumanela zona ngokuzenzekelayo.
Ezi nkcukacha zingaquka: eyakho idilesi ye-IP, indlela yokufunda nje, amagama emihlaba ephantsi kolawulo, amaxesha okufikelela, iidilesi zeewebhusayithi odluliselwa kuzo.
Ezi nkcukacha zisetyenziswa liSebe lokuHlaliswa kwabantu ukuze le nkonzo isebenze, kulondolozwe umgangatho wale nkonzo, kubonelelwe ngolwazi olumalunga nokusetyenziswa kwewebhusayithi yeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini. 
Nceda ukhumbule ukuba xa wena ukhupha iinkcukacha ngokuthe ngqo ezinokuchongwa nemiyalezo okanye ulwazi olunobuzaza  kwiibhodi ezinemiyalezo zeSebe lokuHlaliswa, ezi nkcukacha zingaqokelelwa zize zisetyenziswe ngabanye abantu.
Qaphelani:  ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini alizifundi neziphi na iinkcukacha zenu zonxibelelwane ezikwi-intanethi.
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini liyanikhuthaza ukuba niwaphonononge amaxwebhu  aziingxelo ezisemthethweni eewebhusayithi enikhetha ukudityaniswa kuwo lilo iSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini ukuze nazi indlela ezo webhusayithi eziqokelela, ezisebenzisa nezabelana ngazo ngezo nkcukacha.
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini aliluthwali uxanduva lwamaxwebhu aziingxelo ezisemthethweni okanye ezinye iziqulatho ezikwiiwebhusayithi ezingekho kwiSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini  nolweewebhusayithi zeentsapho zeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini.
Ukusetyenziswa kweeNkcukacha ezimalunga Nawe
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini liyaziqokelela lize lizisebenzise iinkcukacha ezimalunga nawe nezinokusetyenziswa kwiwebhusayithi yeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini, iinkonzo ozicelileyo kulo liyazinikezela.
Kananjalo iSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini liyazisebenzisa iinkcukacha ezinokuchongwa ezizezakho ukuze likwazise ngezinye iimveliso okanye iinkonzo ezifumanekayo kwiSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini kunye neenkampani ezimanyene nalo.
Kwakhona iSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini linganxibelelana nawe ngovavanyo ukuze kubekho uphengululo ngoluvo onalo ngeenkonzo ezinikezelwayo okanye ngezikhoyo iinkonzo ezintsha ezisenokunikezelwa.
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini alithengisi, alihlawulisi ngokuhlala okanye aliqeshisi ngezindwe zabaxumi balo kwabanye abantu.
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini linganakho, kumaxesha ngamaxesha, ukunxibelelana nawe egameni labangaphandle abasebenzisana nalo kwezoshishino, malunga nento ethile abayinikezelayo, leyo wena unokuba nomdla kuyo. 
Kwiimeko ezinjalo, iinkcukacha zakho ezaziwayo (i-imeyili, igama, idilesi, inombolo yefowuni) azidluliselwa kwabanye abantu.
Ukongeza apho, iSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini, lingabelana ngeenkcukacha neenkampani elisebenzisana nazo, oko kungalinceda ngohlalutyo lolwazi olufumanekileyo, ungathunyelwa i-imeyili okanye idilesi ekuposelwa kuyo, ungabonelelwa ngenkxaso yabaxumi, okanye kungalungiselelwa ukuba mawuziselwe impahla. 
Zonke ezo nkampani zangaphandle ziyathintelwa ukuze zingazisebenzisi iinkcukacha zakho ngaphandle nje kokunikezelwa kweenkonzo kwiSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini, kulindeleke ukuba iinkampani zangaphandle ziyigcine imfihlelo emalunga neenkcukacha zomxumi.
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini aliziniki mntu  iinkcukacha ezinobuzaza ezimalunga nawe ezifana nohlanga lwakho, nengqobhoko okanye nemibutho yezopolitiko ozimanye nayo, oko alikwenzi  lingakhange lifumane mvume yakho. 
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini liyawulandela umkhondo weewebhusayithi kunye namaphepha ekutyhilwa kuwo ngabaxumi kweli Sebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini, injongo yeyokuhlola ukuba zeziphi na ezona nkonzo zithandwayo zeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini.
Ezi nkcukacha zisetyenziselwa ukuba zinikezelwe njengesiqulatho esilungisiweyo nekwazisiweyo ngaso kwabeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini abaxumi ababonakalisa ukuba nomdla kwimibandela othile.
Iiwebhusayithi zeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini lingazibhengeza iinkcukacha ezimalunga nawe lingakwazisanga, oko lingakwenza xa zifunwayo ngumthetho okanye xa libona ukuba siyimfuneko isenzo esinjalo:  (a) oko kuyahambelana nemimiselo yomthetho okanye kuyayithobela  inkqubo esemthethweni esetyenziswayo kweliSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini okanye newebhusayithi;(b) oko kuyawakhusela, kuyawaxhasa  amalungelookanye izindlu nemihlaba yeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini, kwaye, (c) kusetyenzwa phantsi kweemeko zentswelo nobunzima kukhuselwa abasebenzisi beSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini, okanye uluntu  jikelele.
Ukusetyenziswa kweekhukhi 
Iwebhusayithi yeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini isebenzisa  “amakhukhi” ekukuncedeni ukuze ubenawo amava okusebenzisa i-intanethi.
Ikhukhi yifayile yemibhalo efakwa kwidiskhi yakho yinkqubo yekhompyutha.
Iikhukhi azinakusetyenziselwa iinkqubo okanye azinakuzisa iivirusi kwikhompyutha yakho.
Amakhukhi alungiselelwa wena wedwa, zingafundwa kuphela yinkqubo yekhompyutha kwimihlaba ephantsi kolawule ethumele ezo fayile kuwe.
Enye yeenjongo eziphambili zezo fayile kukubonelela wena ngobume obunokuyenza ibe lula imisebenzi yesiqhelo nobulongayo  ixesha lakho.
Injongo yeekhukhi kukwazisa  inkqubo yekhompyutha ngokubuyela kwakho kwikhasi elikhethekileyo.
Umzekelo, ukuba amakhasi eSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini uwenze awakho, okanye ubhalisa kwiwebhusayithi yeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini okanye kwiinkonzo zalo, iikhukhi inceda iSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini ukuba malizikhumbule iinkcukacha zakho ezikhethekileyo xa kutyelelwayo apho emva koko.
Oku kuyenza lula inkqubo yokubhalwa kweenkcukacha ezizezakho, ezifana nedilesi ze-akhawunti, iidilesi zokuthumela ngeenqanawa, njalo-njalo. 
Xa ubuyela kwakulaa webhusayithi yeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini, zingafumaneka iinkcukacha obunikezele ngazo, lilonke ungazisebenzisa  iimpawu obuzilungiselele zona zeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini
Unesakhono sokuzamkela okanye sokungazamkeli iikhukhi.
Iinkqubo zokuzifundela nje kodwa kuyazenzekela ukuba zamkele amakhukhi, kodwa amalungiselelo akho okufunda nje kodwa ungawaguqula atsho akwazi ukungawamkeli amakhukhi xa ufuna ngolo hlobo.
Xa ukhetha ukungawamkeli amakhukhi,  usenokungakwazi ukuziqhelanisa nentsebenziswano kwiinkonzo zeSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini okanye neewebhusayithi otyhila kuzo.
UkuKhuseleka kweeNkcukacha ezimalunga Nawe
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini likhusela iinkcukacha ezimalunga nawe ukuba kungafikelelwa kuzo ngaphandle kogunyaziso, mazingasetyenziswa okanye mazingabhengezwa.
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini liyazikhusela iinkcukacha ezichongwayo onikezele ngazo kwikhompyutha ngokulawulekayo nangokukhuselekileyo, lifuna kungafikelelwa kuzo ngaphandle kogunyaziso, mazingasetyenziswa okanye mazingabhengezwa 
Xa iinkcukacha ezizezakho (ezifana nenombolo yekhredithi-khadi) zidluliselwa kwezinye iiwebhusayithi, ziyakhuselwa ngeekhowudi ezithile ezifana nedrafti yesivumelwano  njengeThekhnoloji ekuMgangatho woKhuseleko (SSL).
IiNguqulelo ezikuyo le Ngxelo
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini ngamanye amaxesha lakuluhlaziya olu xwebhu luyiNgxelo eseMthethweni ukuze kuqinisekiswe ngezigqibo eziphakathi komxumi nenkampani.  
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini liyanikhuthaza ukuba kumaxesha ngamaxesha niyiphonononge le Ngxelo ukuze niyazi indlela elizikhusela ngayo iinkcukacha zenu  iSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini.
Iinkcukacha zokunxibelelana
ISebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini liyawamkela amagqabantshintshi eniwenzayo malunga nolu xwebhu luyiNgxelo eseMthethweni.
Xa ukholelwa ukuba iSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini alinamathelanga kule Ngxelo, nceda uqhagamshelane neSebe lokuHlaliswa kwabantu ezindlwini ku-webmaster@kznhousing.gov.za.
Siza kusebenzisa iinzame ezibonisa ingqiqo kwezorhwebo ukuze ngoko nangoko sibe nezigqibo zokulungisa le  ngxaki.
<Doc05>
Intetho yeNkulumbuso u-Ebrahim Rasool kwiTheko lokuBhiyozela abafundi abaphumelele iMatriki
Namhlanje size apha sizokuvuyisana nabo bakwinqanaba eliphezulu ekuphumeleleni izifundo zematriki.
Kubo sithi:  Ngxatsho ke! Siyazingca ngani, eli Phondo neli Lizwe linebhongo ngani, abazali benu banebhongo ngani, okona kubalulekileyo kukuba nani yibani nebhongo ngeziqu zenu.
Isizathu sokuba sivuselele ukuzingca ngomzuzu ofana nalo, kukuliqaphela eli thuba lempumelelo livelayo emva kwexesha elide lobunzima nokuzijula ijacu, kungokuba le mihla sikuyo imele umzuzu wengcaciso emva kwemeko esinokuyichaza kakuhle ngokuba intsonkothile.
Imatriki ilinqanaba elintsonkothileyo
Eminyakeni elishumi egqithileyo kuye kwafuneka ukuba inkqubo yonke yezemfundo masiyishenxise kwiinqobo zokugweba ezibhekiselele embusweni wokucalucalulwa kwabantu. 
Ibe nkulu impumelelo yethu malunga nentlanganisela emandla, isilabhasi enye neemviwo, amanani amakhulu abo bayibhalayo nabaphumeleleyo kwimatriki, nengqiqo yokuba imfundo ikwajongene neemfuno ezingaphaya komntu – eyokuba uqoqosho lulonke luxhomekeke kwizakhono ezahlukeneyo ekubonelelwa ngazo yinkqubo yezemfundo.
Ngokwenene iMatriki intsonkothile.
Iinkokeli zethu ezidibene apha eLeeuwenhof, ngokungathandabuzekiyo zingabona bantu bafanelekileyo, abazuze impumelelo enkulu, kwanabo bamele ukwamkelwa njengeendwalutho zeli Phondo.
Ukanti iingcinga zethu ziyaya kubemi belizwe abangama-71%, benobudala obungaphezulu eminyakeni engama-20, abangazange bazigqibe izifundo zabo zasesekondari, abo basenokuba sisiqingatha sama-80 000, abangenela uGreyidi 1 kunye nani eminyakeni eli-12 eyadlulayo, abangazange bazibhale iimviwo ngo-2004 ngoba basuka basiyeka isikolo, kwanabaninzi ababhalayo kodwa ngenxa yokhetho lwezifundo zeeGreyidi, banezatifikethi zematriki ezingenakwamkelwa luqoqosho okanye ngabemfundo ephakamileyo.   
Imatriki intsonkothile nangaphezulu ngenxa yokuba nini abakumgangatho esiwuqwalaselayo xa sizikhangelela abasebenzi.
Isizwe sifikelela kwizigqibo ngekamva lethu ngokujongisisa indlela enisebenza ngayo.
Abaphetheyo basekela kuyo ithemba ngempumelelo yabo.
Basekele ithemba labo ngekamva elilutyalomali kwinkqubo yezemfundo, nto leyo ihlangabezanayo nalo mzuzu sikuwo wokubhiyoza.
Kwaye kunjalo, esona silayi sikhulu soqingqomali lwesizwe nolo lwamaphondo siya kwezemfundo.
Lo nyaka uwodwa, ukuze kulondolozwe abasebenzela ezemfundo abangama-2000, kuyekwa funeka imali singayithumeli kweminye imisebenzi yephondo, sisuke siyifake kwezemfundo. 
Utyalomali lwethu kufuneka silwenze ngokungaphezulu kwezona zikolo zihlelelekileyo ukuze xa anyukayo amanani, ukulingana komgangatho wemfundo makuviwe ngenxa yokukholelwa kakhulu kwikamva lesikolo ngasinye selokishi. 
Okona kubalulekileyo, uMphathiswa uDugmore neNtsumpa-Jikelele enguSwartz, inye into esimele ukuyenza ukuze sibe nobuChule kuMandla oLuntu, nto leyo iza kululungela lonke olu tyalomali.
Kufuneka sibe nabafundi abaphumeleleyo kwimatriki abaqinisekileyo ngentsingiselo yabo, abagqwesileyo kwiziphumo zabo, abalufaneleyo uqoqosho, abathembekileyo kwimimandla abakuyo nabaluncedo eluntwini.
Le yinto esizokuyibhiyozela apha namhlanje.
Nini abamele la mathemba njengoko sisakha iKhaya loMntu wonke.
Sibhiyozela impumelelo yenu kuba nincame konke nasebenza ngokuzimisela, abazali benu bancame konke banigcina ezikolweni, abahlali bemimandla enikuyo bancame konke, utyalomali balufaka kwikamva lenu. 
Abaninzi bayalithandabuza ixabiso lokubhiyozela impumelelo kwimatriki ngenxa yezintsompothi zayo, nangenxa yokuba ezo zifundo zingaveza intshiyekela yenkqubo yokucalucalulwa kwabantu.
Nini kuphela abanokuyongamela le nto ngokuzimisela nidlamkile, nikwanengqiqo yokuzinikezela ekwakheni iKhaya loMntu Wonke, elo lingacaluliyo nelinolingano.
Oku kufuneka kubonakale kwiinkalo zonke enizikhethileyo ukususela ngoku kuyiwe phambili.
Kude kube ngoku kuye kwafuneka nizikhethele indlela eniza kusebenza nzima ngayo.
Isatifikethi sakho sematriki siyakuvumela sikwakunyanzelela ekuthatheni izigqibo, nokuthi nizikhethele ukuba ingulowo ufuna ukuba ngumntu onjani na, nizikhethele nobomi enifuna ukubuphila.
Siyavuyisana nani, nibe namathamsanqa.
<Doc06>
Ubizo lwabaLawuli beProjekhthi yoNxibelelwano kuRhulumente ngo-2010  lolokuba:
Makubhexeshwe impumelelo yeenjongo zonxibelelwano olunobuqili obujoliswe kweyokuqala yama-Afrika iNdebe yeHlabathi kwiFIFA
eli thuba lilodwa lokuzityand’ igila, lokwakha umanyano nokuzingca kwaboMzantsi Afrika 
kuphenjelelwe ulutsha lwethu
silazise kwihlabathi lonke ilizwe lethu
sidale imeko yonxibelelwano esincedayo ekusebenziseni eli thuba, sikhawulezise kwicala lophuhliso nasekwandiseni amathuba  
sakhe imbumba yama-Afrika.
Oku singakuzuza ngezi ndlela:
ngokubonelela ngobunkokeli nangolungelelwaniso ukuze sinxibelelane eburhulumenteni  kusenzelwa eyango-2010  iNdebe yeHlabathi
kusakhiwa ubudlelwane kwisizwe sabanxibelelanayo bawo onke amaqela abucala nawaseburhulumenteni, ekubumbeni ngobunono imizamo yokusebenzisana nabo sinxibelelana nabo kwizwekazi eli nabakwamanye amazwe ehlabathi, ukuze sisonke, kweli lethu ilizwe nakwizwekazi, singalixhamla eli thuba lobomi  
lokuqalisa amaphulo angundoqo okunxibelelana eburhulumenteni kusenzelwa eka-2010 yeBhola eKhatywayo iNdebe yeHlabathi. 
<Doc07>
Ukulungiswa kweMiqathango kaZwelonke yokuhamba kweziThuthi eziNdleleni ngenjongo yokuphucula ukhuseleko ezindleleni.
POLOKWANE: Seyilungisiwe iMiqathango kaZwelonke yokuhamba kweziThuthi eziNdleleni.
Esi sibizwa njengesiLungiso seShumi elinesiXhenxe esibe sisinyanzeliso emva kokushicilelwa.
ISebe leeNdlela nezoThutho lazisa abaqhubi bezithuthi ngezilungiso ezizezi:
Izithuthi ezitsha ezibhaliswe emva komhla woku-01 ngo-Agasti 2010 mazibe neenkcenkce ezineenombolo eziqiniswe ngezinamathiseli okanye ngezikhonkwane ezifutshane ezinamaqoqo.
Xa ingenakufakwa kwisithuthi, mayinamathiselwe ngesixhasi esivumelanayo ne-SANS 973.
Esi silungiso siza kunciphisa amathuba olwaphulo-mthetho namatyala ajongene nokuqhutywa kwezithuthi ezindleleni, bakuba sengxakini abaqhubi abanobuqhetseba bokuzisusa lula iinkcenkce ezineenombolo ngenxa yokuba begquka umkhondo wabo. 
Akuzokuba lula ukuyikhupha le nkcenkce ineenombolo, ize iphinde ibuyiselwe emva kwesenzo solwaphulo-mthetho, isizathu sesokuba lo msebenzi uza kusoloko ufuna ezinye iindleko.  
Le nkcenkce ineenombolo yenziwe nge-aluminiyam eyenza kube nzima ukuba mayitshe inkcenkce ide ingabi nakwaziwa kuloo ndawo yengozi.
Ukususela ngomhla woku-1 ngoFebhuwari 2011, abantu abafumene amakhadi ayimvume yokuqhuba ngokhowudi C, C1, EC  okanye EC1 wokuqhuba izithuthi, abasayi kuvunyelwa ukuba baqhube isithuthi esifuna umntu abe nokhowudi B okanye ikhowudi EB, (ngentetho yakudala umntu onekhowudi 10, 11, 13 okanye 14 akanakusiqhuba isithuthi esifuna imvume yokuqhuba ngokhowudi 08).
Oku kwakusebenza kwabatsha  abasandula ukufumana amakhadi ayimvume yokuqhuba.
Abaninzi abafundela ukuzuza imvume yokuqhuba bafaka izicelo zemvume zezithuthi ezikhulu kunemvume yezithuthi ezincinane, babaleka uvavanyo nemiyalelo yokuzipaka  ngecala iimoto kwizithuba zokupaka, xa sisenza umzekelo. 
Inyaniso yeyokuba xa sebewafumene amakhadi okuqhuba izithuthi ezikhulu, baqhuba iimoto ezincinane bengaziqhelisanga ulawulo lwazo, ngoku bagqibela ngokubandakanyeka ezingozini. 
Kananjalo kulindeleke ukuba bonke abanamakhadi okuqhuba izithuthi ezinzima nezikhulu mababe neMvume yobuNgcaphephe bokuQhuba, kodwa  ingqokelela yamanani iveza okwahlukileyo.
Oku kudandalazisa ukuba abo bafaki bezicelo kwakufuneka benemvume yokuqhuba izithuthi ezincinane, ingengawo amakhadi okuqhuba izithuthi ezinzima nezikhulu.
IziXhobo zokuLawula uZinzo ekuQhubeni iibhasi ezincinci, nokuqhuba eziphakathi ngokobukhulu, kuyafundiswa ngezi ziXhobo kwinkqubo ekhupha izatifikethi, nto leyo iyinxalenye yovavanyo lokulungela ukuzilawula ezindleleni.
Luyasetyenziswa kwezi bhasi zincinci, nezingaphezulu kunezo; azisetyenziselwa ukuqhuba izithuthi eziyimveliso entsha kuphela.    
Umnini wesithuthi obhalisiweyo okanye osayina endaweni yalowo kufuneka angenise uxwebhu i-DSCD ekubhalwe kulo zonke iinkcukacha kumzi wovavanyo lwezithuthi nabaqhubi.
IsiXhobo sokuLawula uZinzo ekuQhubeni seso sinqanda ukuba ithayari malingasuki kwintsimbi yalo xa ligqabhuka ngeli xesha sihambayo isithuthi.
Isilungiso soMqathango 332 sashicilelwa kwaye sidwelisa iindlela enengcaciso yokuvavanya umoya ophefumlwayo onokusetyenziselwa ukuqokelela iisampulu ezicacileyo zomoya ophefumlweyo, kwaye isatifikethi esikhutshwayo yinkampani yeemveliso okanye exhobisayo singasetyenziswa njengobungqina ematyaleni ngenxa yemveliso leyo. 
Esi silungiso sijolise ekuhlangabezeni umbandela owaphakanyiswayo malunga  nokuba semthethweni kwezixhobo zokuthelekelela ubungakanani botywala egazini ngokubhekiselele kwicandelo 65(7) loMthetho kaZwelonke wango-1996 ojongene neziThuthi eziNdleleni, othobelaiSABS 1793, kwaye ungasetyenziselwa ukuqinisekisa ngobuninzi botywala kumoya ophefumlwayo.
Ezi zilandelayo zizixhobo ezimiselweyo:
“Oku kuyafuneka ngeli xesha leminyhadala enyakeni njengoko kuhlupheza imizamo yethu yokulwa nomkhwa wokuqhuba kwabantu ezindleleni zethu besele iindywala”, utsho uMphathiswa weeNdlela nezoThutho onguPinky Kekana. 
<Doc08>
IiNkozo zeMpilo zaPhambi kokuzala usana
Iintombi nabafazi zithunyelwa kwiinkonzo zokubelekisa okanye kumaCandelo eNzululwazi ngokuBelekisa (ama-MOU) kwimimandla yeedolophu, kwiikliniki ezakhiweyo okanye kwezixhomekeke kwezo  emaphandleni. 
Ama-MOU ajongene nokuzalwa kweentsana kwaye alawulwa ngabongikazi abaqeqeshelwe ukubelekisa abasezindaweni zabahlali, nabajongene nezigulana emazinonophelwe kwezempilo kwinqanaba lokuqala.
Kuyacetyiswa ukuba oomama abakhulelweyo mabazicelele ukubhaliselwa utyelelo lwabo lokuqala phambi kweeveki ezingama-20 okanye kwangoko nangoko emva kwezo veki. 
Umama unikwa uhlolo olupheleleyo lokuqala kunye neengcebiso xa olokuqala utyelelo oluphambi kokuba abeleke, olo utyelelo kuthiwa lolokubhalisa.  
Ukukhulelwa kuphononongwa rhoqo kutyelelo ngalunye aluzeleyo apho.
Kanti nempilo kamama iyaphononongwa ngokumandla.
Ubunzima bakhe buza kulinganiselwa, kuthathwe uxinzelelo lwegazi lakhe, kuze kuxilongwe umchamo wakhe.
Xa kungekho zimeko zixhomisa amehlo, kufuneka aphinde abuyele kutyelelo lwakhe olulandela olokuqala emva kweeveki ezimbini, iinjongo yeyokuba makafumane iziphumo zengxilongo ngexesha ebezokubhalisa.
Emva koku, makabuyele eklinikhi qho emva kweeveki ezintandathu kude kuphele iiveki ezingama-28, xa sezingama-34 iiveki, emva kokuba bemyalele abeeklinikhi/MOU (ukuquqa eziklinikhi kungohluka kummandla ngamnye).
Oomama abakhulelweyo bajongwa ngesikrini kuhlolisiswa umngcipheko abanokuba kuwo ngokwasempilo okanye usana lungakazalwa.
Iintombi eziselula namanenekazi akhulelweyo angaphezulu kweminyaka engama-35 yobudala, ezo ndidi zombini zithathwa njenge zozisenokuba semngciphekweni.
Oku kuthetha ukuba imeko yabo isenokuba yileyo ixhomisa amehlo ngeli xesha bakhulelweyo nangexesha lokubeleka kwabo iintsana. 
Amabhinqa akhulelweyo angathathwa njengabantu abasemngciphekweni ukuba luphezulu uxinzelelo lwegazi labo, banembali echaza ukungaphili kakuhle ngenxa yemfuza, xa bebekhulelwe kumaxesha angaphambili, naxa ngaphambili babekhe babelekiswa ngoqhaqho. 
Oomama abaxilongiweyo bafunyaniswa njengabo basemngciphekweni omkhulu baba seluhlwini oluthunyelwa kwiiklinikhi ezibahlola behlala emizini yabo, bakuhlolelwa kwizibhedlele abagqithiselwe kuzo ezineengcaphephe kwezonyango, apho baza kuhlolwa ngokumandla kubekho nengxilongo bejongisiswe ezikrinini ziingcaphephe.
Oomama abakhulelweyo bekwasemngciphekweni bayacetyiswa ngokuya kwiikliniki zeengcali zokubelekisa ezibahlola behlala emizini yabo kwaye kufuneka baye qho kwezo ndawo ukuze baxilongwe. 
Xa ungumntu oqalayo ukutyelela kwiziko lezempilo, uza kucelwa ukuba uzalise uxwebhu ngenkcukacha ezifunwayo uze uvulelwe uxwebhu olujongene nawe kuphela.
Phatha incwadana yakho enguMazisi, amayeza owasebenzisayo kunye nekhadi laseklinikhi okanye elasesibhedlele ukuba wawukhe wabhaliswa eklinikhi okanye esibhedlele.
Abakhulelweyo bengekho mngciphekweni mkhulu bayaxilongwa  kuma- MOUs (lawo anabongikazi abelekisayo benonophela izigulana kwinqanaba lokuqala lezempilo) kwimimandla yeedolophu nasezindaweni ezixhomekeke kwiikliniki ezakhiwe emaphandleni. 
Abakhulelweyo besemngciphekweni omkhulu bayanonophelwa kwiikliniki nangona behlala emizini yabo, bayancedwa kwizibhedlele zemimandla yeedolophu nezasemaphandleni, kanti bayancedwa nakwizibhedlele abadluliselwa kuzo kuba zineengcaphephe zoogqirha.
<Doc09>
INkqubo yeSondlo eHlanganisiweyo
INkqubo yeSondlo eHlanganisiweyo (INP) inenjongo yokuphucula umgangatho wokondleka kwabantu bonke bephondo iNtshona Koloni. 
Mininzi imibandela ejongene nale nkqubo. 
Kuyintoni ukungondleki?
Ukungondleki yingxaki exhomisa amehlo eMzantsi Afrika kwaye kuyenye yezona zinto zinkulu nezinegalelo kwingulo yeentsana kwanokufa kwazo.
Kuqikelelwa ukuba malunga ne-30% yabantwana boMzantsi Afrika ukukhula kwabo kuthintelwa kukunqongophala kwesondlo esaneleyo eminyakeni yokuqala yobomi babo.
Ukutya ngokunganelisekiyo, ukugula noxinzelelo/nomenzakalo wengqondo kwezentlalo ngabona nobangela bakufutshane nabacacileyo bokungondleki.   
Ubuhlwempu nokunqongophala kwezibonelelo zizinto ezisisiseko nezinegalelo kuko ukungondleki.
INkqubo yeSondlo eHlanganisiweyo iyazama ukuhlangabezana nale ndyikityha ibulalayo nethuleyo ngeendlela ezininzi.
Izongezo ezifanele abantwana
Kwinqanaba lokuqala lokunonophelwa kwezempilo abantwana abaxilongwayo baze bafunyaniswe bengondlekanga (oku kuquka abantwana nabantu abadala abanentsholongwane kaGawulayo kunye nesifo semiphunga) bakunikwa ukutya okusisongezo okuquka umgubo wombona owomelezayo nesiselo esibandayo esinika amandla.
Izongezo zinikwa abaxumi abachongiweyo ngokweenqobo ezilungileyo.
Abanonopheli kwezempilo bakwanceda nangeengcebiso, ngolwazi, ngeemfundiso ngezidlo ezinika impilo nangezona ndlela zinika impilo zokulungiswa kokutya. 
Iincutshe kwizondlo nazo zibonelela iindawo zabahlali ngeenkonzo ezikhethekileyo.
Ukuncancisa
Ukunceda ekulweni ukungondleki ngeminyaka yokuqala yokukhula kwabantwana, abanonopheli kwezempilo bakhuthaza abafazi ukuba nancancise iintsana zabo ngokukhethekileyo zide zibe ndalakanga ngeenyanga ezintandathu kwaye emva koko baqhubeke ngokuzincancisa kusongezwa ngokuziqhelisa ukutya okufanelekileyo okusisongezo, ade umntwana abe mdala kangangeminyaka emibini.  
Ezinye iindleko zokondla kuyaboniswana ngazo noomama abanentsholongwane kaGawulayo.
IZiko lokuBelekisa iVredendal nelo liyiGroote Schuur, omabini aziziBhedlele ezinoBuhlobo kwiiNtsana kweli phondo ngokubhekiselele kwisiQalelo seziBhedlele ezinoBuntu kwiiNtsana.
Ukuphononongwa  kokukhula
Buyalinganiselwa qho ubunzima babantwana bonke njengenxalenye yenkqubo yokuphononongwa kwendlela yokukhula, isalathiso esifuna iliso elibanzi ekubeni umntwana uyakhula na.
Umlinganiselo wobunzima uyabhalwa uvele kwiNdlela eya kwiKhadi lezeMpilo.
Izizathu ezingunobangela wokwehla kobunzima ziyaqwalaselwa ukuze zicace xa  izizifo ezisulelayo, kukunqongophala kokutya  ekhaya nokungahoywa komntwana.
Izifo ezisulelayo zidlala indima enkulu kuko ukungondleki kwaye le ngulo iyanyangwa kwinqanaba lokuqala lokunonophelwa kwempilo.  
Izifo ezibangela urhudo zayamene kakhulu nokungaphucuki kwezempilo kwindalo esingqongileyo (ugutyulo lwelindle nonikezelo lwamanzi) kunye nokungondleki ngokwaneleyo komntwana, nto leyo imbeka esichengeni sorhudo oluxhomisa amehlo nolungapheliyo. 
Ukususwa kobuhlwempu
Imizi yabantu abathwaxwa bubuhlwempu iyachongwa ukuze ithunyelwe kwenye yeenkqubo zikarhulumente zokususwa kobuhlwempu. 
Kuyaxoxwa kumacandelo ngokhuseleko lokutya kweentsapho  kwaye iintsapho ziyabonelelwa ngenkxaso nangolamlo olufanelekileyo.
Izongezo  eziziiVithamini
Ulawulo lokunqongophala kwezondlo ezisisiseko yeyona nto ifunekayo kule nkonzo. 
Izondlo ezisisiseko zizinto zendalo ezifabane evithamini kunye nezimbiwa, zifumaneka ngemiyinge emincinane ekutyeni kwaye zibaluleke kakhulu ekuyigcineni iphucukile impilo.
INkqubo yeSondlo eHlanganisiweyo ibonelela ngezondlo kweVithamini A kwabo bantwana zijoliswe kubo.
Abantwana abanoVithamini A onqongopheleyo bayalahlekelwa bubunzima babo, bayasilela ekukhuleni ngokufanelekieyo kwaye basemngciphekweni wosulelo olunokujika lubabulale. 
Ukunqongophala kweVithamini A kananjalo konakalisa amehlo kwaye kungomnye woonobangela abaphambili bokuba ziimfama kwabantwana.
Abantwana abazalwa benomlinganiselo wobunzima ophantsi banikwa ezikaVithamini A izingxobo ezinyibilikayo ezinamayeza, zomeleza isixokelelwano samandla zikwamnceda umntwana ukuze akhule. 
Iintsana eziqalela kwiinyanga ezi-6 ukuya kwezili-11 zinikwa ithamo leVithamini A (100 000 IU) ukuthintela ingulo enzima.
Abantwana abaqalela kwiinyanga ezili-12 ukuya eminyakeni emihlanu yobudala banikwa ithamo elinye le-200 000 IU xa beneenyanga ezili-12 baze banikwe ithamo le-200 000 IU qho emva kweenyanga ezintandathu bade babe badala kangangeminyaka emihlanu.
Amathamo ongeziweyo kaVithamini A anikwa abantwana abangondlekanga ngendlela eyoyikekayo, okanye abasoloko benezifo ezisulelayo ezifana norhudo, uqilikwana okanye usulelo lwentsholongwane  kaGawulayo.
Ukukhutshwa   kweentshulube
Ukwehla komlinganiselo wobunzima ebantwaneni kungabangelwa bubukho beentsholongwane kwaye oku kunganyangwa yiklinikhi ngamayeza okukhupha iintshulube. 
Iingcebiso ngesondlo kusenzelwa iimeko ezikhethekileyo
Izifundo ngesondlo, ngolwazi nangeengcebiso zinikezelwa kumkanqanaba onke okunonophela abantu ababekhe bashwabana, abanengxaki 
Eyesikolo samabanga abaqalayo inkqubo yesondlo 
EyesiKolo sabaQalayo iNkqubo yeSondlo iyafumaneka kwizikolo ezikhethekileyo nezichongelwe izikolo ezingaluhoyanga uqoqosho. 
La maphulo ayaqhutywa  kusetyenziswana neSebe lezeMfundo
Urhulumente wephondo unenjongo yokufikelela ebantwaneni abali-125, 000 ezikolweni zabaqalayo ezingama-847 kweli phondo ngo-2004 nenkqubo yokondla ezikolweni.  
Ukutya  okusemazikweni
INkqubo yeSondlo eHlanganisiweyo ikwanegalelo kunonophelo lwamaziko abaxumi ngezixokelelwano zenkonzo yokutya ukuze kubonelelwe ngesondlo enento yonke.
Imiyalelo:
Abaqalayo ukutyelela iklinikhi / isibhedlele ekudluliselwa kuso izigulana okanye isibhedlele esineengcaphephe kwiNzululwazi ngezifo baza kucelwa babhale iinkcukacha ezifunekayo kuxwebhu ukuze isigulana ngasinye sivulelwe eyaso ifayile.
Fika  nencwadi yakho enguMazisi 
Ileta yokudlulisela evela eklinikhi iza kufuneka xa utyelela esibhedlele.
Izibhedlele ziza kucela iphetshana elichaza umvuzo elilelona usandula ukulifumana / elokuhlolwa kwemivuzo elinaba nobumba (IRP5). 
Yiza nelakho ikhadi  lesibhedlele xa wawukhe wabhaliswa esibhedlele. 
<Doc10>
Intetho kaSekela Mphathiswa weMisebenzi kaRhulumente, uMnu. Ntopile Kganyago, iLungu lePalamente, kwitheko lokuqala lokwazisa uluntu ngeNkqubo yesiXeko iTshwane, kwiSakhiwo seyoMzantsi Afrika iBhanki yoLondolozo.
Amanye amagosa aphezulu karhulumente 
Amanenekazi namanene osasazo lweendaba
Iindwendwe ezibekekileyo
Isigqibo esathathwa yiKhabhinethi ngo-1997 sokukhuthaza amasebe karhulumente kuzwelonke ukuba enze umbindi wesixeko saseTshwane ikhaya labo lanaphakade, oko kube ngumqondiso wemibono ebalulekileyo; ngelo xesha nangoku.
Isiphumo silicebo elenziwe kakuhle lokudibanisa uhlaziyo lwezixeko zethu kubizo lukarhulumente lokuhlaziywa kwemimandla yeedolophu nezinye iziqalelo zophuhliso lwezinye izithuba, luyilelwe ukuphucula ulawulo lwemimandla yeedolophu kwimithetho yentlalo yabantu abathile newasabelayo amalungelo oluntu, iindawo zobubele, ezophuhliso loqoqosho nokunamathelana koluntu.
Namhlanje njengoko siqalisa ukuyiqaphela le mbono, kananjalo sibhiyozela uhambo esiluhambileyo kude kube namhlanje. 
Ukubonisana ngokumandla okusoloko kubalulwa ziingxoxo ezinzulu ngeemfuno nangamacebo avulekileyo kumasebe karhulumente, malunga nokubonakalayo okuwangqongileyo, oko akusikhuphanga sonke endleleni ejoliswe kwiimbono zamandulo,  ezo zikukuphuculwa  kwemo esinggongileyo ekusetyenzwa phantsi kwayo  ngamasebe karhulumente kuMbindi wesixeko iTshwane.
Kwangelo xesha linye kufuneka sibe negalelo elimiliselweyo siwenze mtsha umbindi wesixeko, sisihlaziye.
Ezinye iinjongo ezikwabalulekileyo ziquka intshiseko yokutsala utyalomali lweenkampanizabucala, lokuphuhlisa umfuziselo weTshwane njengesixeko esilikomkhulu elibalulekileyo eAfrika nokukhuthazwa kwendlela yokuxhobisa ngoqoqosho lwabamnyama.
Urhulumente ngoyena mnini ubalulekileyo wemihlaba nezakhiwo, kwaye kubatyalimali abaphambili ebomini bezoqoqosho lukarhulumente wemimandla ingakumbi  iJwanasbhege neTshwane  kwiGauteng. 
Amasebe afuna iindawo zokusebenzela neofisi ukuze kubekho iindibano zesinyanzelo sokunikezelwa kweenkonzo  kutsho kuzaliseke amagunya aseburhulumenteni.
Yinto eyaziwayo eyokuba inkoliso yezakhiwo zikarhulumente ikwimeko encomekayo nefanelekileyo xa ithelekiswa neyona iphucukileyo ngokwemeko ezikuyo. 
Ukwakhiwa ngokutsha, ukuphuculwa nokulungiswa kwakuxhokonxa inkcitho ezizixhobo zokuvelisa neziligalelo kwisigaba se-BEE kuMbindi wesiXeko iTshwane.
Qho ngonyaka urhulumente kazwelonke, ngeSebe leMisebenzi kaRhulumente wasebenzisa ngaphezu kwe (2 izigidigidi zeeRandi) zokuhlawulela ukuqeshisa kwanezinye iintlawulo ezinxulumene nolawulo lwemihlaba ezifana nerhafu kunye neenkonzo, kuzwelonke, kuwo omabini amacandelo, kubaxhamli bamashishini abucalanaba karhulumente wemimandla. 
Ngokungaguquguqukiyo ikwangaba bachaphazelekayo ekulindeleke ukuba baluphehle uhlaziyo lwenkqubo yombindi wesixeko iTshwane, mhlawumbi ngentatho-nxaxheba kaRhulumente wePhondo iGauteng, ngeeprojekhthi zakhe eziphambili zotyalomali ngokuxhaswa yi-Arhente yoPhuhliso loQoqosho  kwiGauteng (GEDA).  
Kwimeko yeNkqubo yoMbindi wesiXeko iTshwane, eyaziwa njenge-“ReKgabisa Tshwane"  nenesihlokwana esithi  “INdawo ePhucukileyo yokuSebenza”,  kugxilwe ikakhulu ebantwini (abasebenza kurhulumente nakuluntu jikelele), njengoko kunjalo kwizithuba ezikhoyo abazithintelayo xa benikezela naxa bezuza iinkonzo zikarhulumente ezifunekayo.
Xa kusaziswa ngekarhulumente iNkqubo yokuSebenza ka-2004, uMongameli uMnu. Thabo Mbeki wabongoza amasebe kazwelonke eMisebenzi kaRhulumente,abeNkonzo naboLawulo ukuba ngentsebenziswano mababhexeshe le projekhthi yokuphucula indawo yokusebenza ebangqongileyo yamasebe karhulumente kunye nabasebenzi bakarhulumente. 
I-infrastrakhtsha ephathekayo karhulumente iyinjini yokunikezelwa kweenkonzo, kwaye amagosa karhulumente ngawo azizibaso eziphehla injini ukuze igqume ngokukhawuleza, ngokufanelekileyo nangendlela esebenzayo.
Ngexesha leprojekhthi lokuhlolwa kweemfuno, abasebenzi abaninzi bakarhulumente ekuboniswene nabo bagxininisa ngokubaluleka kokubakho kwezithuba zokusebenzela, eziluncedo ngexesha lomsebenzi, kwaye oku kuquka okusingqongileyo okungaphakathi nokungaphandle, kungoko kufuneka intsebenziswano nesiXeko iTshwane, sona sinoxanduva lokulawula imibandela yeedolophu efana nezithuthi, ucoceko, ukhuseleko nokhuselo kunye nenzululwazi ngothando lobuhle.
Mandithathe eli thuba lokubulela kubalawuli beTshwane nakwiinkokeli ngembono yabo yangaphambili ekuyamkeleni le projekhthi ngoba sebeyilungelelanisile nezabo iziCwangciso zoPhuhliso lweNtlanganisela. 
Phofu okweNgqiqo okuBhaliweyo nokugcinelwe ixesha elizayo  (MOU) esiza kukungenisa msinyane kwanamhlanje phakathi kweSebe leMisebenzi kaRhulumente nesiXeko semimandla yeTshwane, kusisiqinisekiso sokufunyaniswa kombandela ekuza kusukwa kuwo kuyiwe phambili. 
Kukubhengezwa  kwenjongo yokusebenzisana kwiziqalelo nakwiiprojekthi eziluncedo ngokufanayo kula maqela mabini.
Umyalezo esininika wona namhlanje ngowokuba  “umsebenzi uqalile”  kwaye iminyaka ezayo eli-10 iza kubona isongezo esingaphezulu kwezigidigidi ezisibhozo (8 bhiliyoni) esingumsebenzi karhulumente kazwelonke nowecandelo labucala kusetyenziswa uqingqomali oluzizibonelelo zokusebenza, ukuphuculwa kwendlela yokuqeshisa kunye namaqela karhulumente ekunye nawabucala.
Malunga noLawulo lweNkqubo, kusekwe iKomiti yokuBhexesha phakathi kweSebe leNkonzo kaRhulumente kunye noLawulo, iSebe leMisebenzi kaRhulumente, iofisi kaNondyebo kuZwelonke kunye nesiXeko saseTshwane. 
Phakathi kwezinye, iKomiti le iza kutshotsha entla kule nkqubo, iza kuhlola ize iphonononge wonke umsebenzi, yenze izigqibo ngobuchule bokusebenza ize iqinisekise ngozalisekiso olulungelelanisiweyo.
ISebe linyule uMnu. Dumisani Dlamini njengeSekela loMlawuli-Jikelele othwele uxanduva lokuyilawula yonke le nkqubo.
Ndiyabulela kuni nonke.
<Doc11>
Inenekazi elinguSomlomo, eBekekileyo iNkulumbuso yePhondo, amaHlakani akwiKhabhinethi, amaLungu eNdlu yeNdibano, iindwendwe eziBekekileyo, amagosa esebe lezindlu, amalungu osasazo lweendaba kunye noluntu ngokubanzi, nonke ndiyanamkela ngobubele.
La mazwi manenekazi namanene amalunga nezopolitiko kuMzantsi Afrika, ingakumbi eNtshona Koloni.
Akukhathaliseki nokuba abantu beli lizwe bangasebenza nzima, ngokuzimisela nangokuthanda inkqubela, ubizo lwabanye abantu  lusoloko luwuthatha njengemfitshimfitshi lo msebenzi umangalisayo  wenziweyo ngulo rhulumente ukhathalayo nowenzeke ngelona xesha lifutshane ephethe urhulumente.
Manenekazi namanene, abantu abaninzi sebekhe baphikisana ngokuba zimalunga nantoni na iindawo zokuhlala, kodwa ndivumeleni ndinichazele ngenye indlela. 
Ngokokwam ukucinga, indawo yokuhlala ayipheleli kwikhusi elinophahla.
Imalunga nabantu abazithwalisa uxanduva lokuyenza ibe nozinzo indalo ebangqongileyo nangokulibumba ikamva labo.
Imalunga nokudalwa kweendawo zokuhlala eziphilisayo nangokusingqongileyo okunozinzo entlalweni.
Imalunga nokuchuma komanyano ngenxa yothelelwano phakathi kweenkampani zabucala, kwamacandelo karhulumente, kweMibutho engekho phantsi koRhulumente, kodwa okona kubalulekileyo, ngabahlali abanobudlelwane.
Ngokokwam ukucinga iindawo zokuhlala zingachazwa njengenkqubo, ebandakanya ucwangciso olwenziwa nabantu ngokuchaseneyo nocwangciso olwenzelwa abantu.
Iindawo zokuhlala ngokwemeko yoMzantsi Afrika aziyomveliso nje kodwa, ziyinkqubo esekelwe kwiimpawu zedemokhrasi abayilwela nzima abantu beli lizwe.
Yinkqubo ebamamelayo abantu, ebavumelayo abantu bayisebenzise ngokufanelekileyo intando yoninzi ukuze kukhethwe uhlobo lweendawo zokuhlala kunye nemimandla abafuna ukwakhelwa izindlu kuyo.
Lilonke ayikho into ethoba isidima sabantu nengeyiyo intando yoninzi engaphezu kokuvimba abantu ilungelo labo elisisiseko nelikukuzikhethela. 
Ngokungafaniyo nolawulo loontamolukhuni, njengamatshantliziyo kwintlalo, abantu basembindini wembono kunye nobuchule endibusebenzisayo bokunikezela ngeendawo zokuhlala.
Manenekazi namanene, ngale mvakwemini ndonwabile xa ndizathuzayo kuni ngodlwabevu lwam oluluqingqomali lwesibini njengoMphathiswa wePhondo ojongene neeNdawo zokuHlala 
Kananjalo ndinebhongo ngokuzathuza ngolu qingqomali ngengokuhlwa yese-10 isiKhumbuzo sedemokhrasi yethu.
Kukho ubungqina obuphathekayo bokuba urhulumente okhokelwa yi-ANC sele ezuze lukhulu ngexesha elingaphantsi eminyakeni elishumi ilawula  ngokwedemokhrasi nangaphezu kokuba lilawule neliphi na ilizwe ehlabathini lonke.
Sisebenzile – siphumelele.
Ngokwentetho evakalayo, kumathuba eendawo zokuhlala eziyi-1.4 yezigidi ezizindlu ezinikezelweyo ngurhulumente, ndiyazingca ngokwazisa ukuba sezikhona kweli lethu iphondo kule minyaka isithoba idlulileyo, kwanikezelwa ngeyunithi ezili-167 000, leyo yi-11% yezindlu zesizwe sonke.
Oku, kweyam imbono, kungumsebenzi obalaseleyo ngokwawo nowuphi na umgangatho.
Kwakhona ndingathanda ukuthi unyaka ophelileyo ubuzele yimingeni, ethe yakuchaphazela kakubi ukunikezelwa kwezindlu elizweni lonke, ingakumbi kweli lethu iphondo.
Le mingeni ibangelwe kukwaziswa ngemimiselo emitsha yemigaqo-nkqubo nangendlela yokusetyenziswa kwayo efana negalelo labaxhamli eliyi-R2 479 kunye nokwaziswa ngoLungiselelo lwesiQinisekiso seBhodi eBhalisayo yaBakhi beziNdlu kuZwelonke ngokubhekiselele kwizindlu ezinikezelwayo ngurhulumente.
Injongo yala malungiselelo ayikokulubambezela unikezelo kuyaqinisekiswa ukuba abantu bethu bafumana izindlu ezisemgangathweni nabanokuzigcina zifanelekile.
Le mfundiso siyizuzayo ngokusebenzisa le migaqo-nkqubo ilubambezele unikezelo noxa kunjalo.  
Okwenze izinto zonakala kakhulu kukuba elam isebe lasebenza lingenaye uMlawuli oyiNtloko kangangeenyanga ezisithoba.
Oku kwayibambezela kakhulu le nkqubo.
Ngenxa yoko ndinyule omnye, uMnu. Seth Maqethuka, owazalelelwayo waza wakhulela kweli Kapa, unamava kurhulumente wommandla nakurhulumente kazwelonke, ndingathanda ukuvuyisana naye ndikwamamkela nangona oko sendikwenze amaxesha amaninzi.
Kuyo yonke le mingeni noku kunyanzelwa, ndinebhongo ngokwazisa abantu bakowethu ukuba elam isebe likwazile ukusebenzisa izigidi ezingama-R348, leyo yi-92% eyabelwe izindlu eNtshona Koloni.  
Amanye amaphondo awakwazanga nokusebenzisa ama-52 % oqingqomali lwawo.
Oku kubangele ukuba kuvunyelwe malunga nama-25 000 kwinkxaso yezindlu.
Imfumba yeentsapho ezihluphekileyo iza kufumana ithuba lokonwatyiswa ziziqhamo zedemokhrasi yethu.
Oku manenekazi namanene, kuthetha ukongezeleleka kwama-3000 eeyunithi xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo.
Kule  meko, ndingathanda ukwazisa ngenxaxheba ebalulekileyo ethathwe ngoomasipala beli phondo lethu.
Xa bebengakhange bazimisele ngokusebenza benyanisekile, ngesingakhange sikwazi ukuba nenkcitho. 
Ngokufanayo, ndingathanda ukuvuyisana nesiXeko saseKapa ngokusebenzisa malunga nama-70% kuqingqomali lwethu.
Andiwalibelanga amagosa am ngokusebenza nzima nangegalelo lawo kwimbono yethu yokufaka abantu ezindlwini.
Manenekazi namanene, ndakuba andinyanisekanga kwizazela zam ezindithunukayo xa ndinokunichazela ngezinto ezintle kuphela kwinkqubo yokunikezelwa kweendawo zokuhlala.
Kusekho izikhewu ezingavalekanga kwinkqubo yethu yokunikezelwa kweendawo zokuhlala.
Kude kube ngoku, kusafuneka siphucule le mibandela isasitshisayo:
Izindlu zethu ezininzi azikaluthobeli ushenxiso olukhankanyiweyo kumgaqonkqubo oluthetha ukungaleqi ukwakha izindlu ezininzi, kusuke kugxilwe ekwakheni izindlu ezikowona mgangatho uphezulu nowamkelekileyo. 
Kusafuneka siyiguqule le nkqubo yokunikezela ngezindlu esuka ekunikezelweni kwesikhundla esinophahla,makugxilwe ekwakheni iindawo ezinozinzo ezikufaneleyo ukuhlala kwabantu.
Kusafuneka siyiguqule intathonxaxheba yabaxhamli ukuze bangabi ngababukeli nabamkeli nje kodwa,  mabasebenze ngokudlamkileyo.
Kusafuneka siyiguqule indlela yokucinga kwabantu bethuukuze bakwazi ukuqalisa bejonga ezi zindlu zinikezelwa ngurhulumente njengeendawo ezinexabiso, ingezizo iimveliso nje kodwa.
<Doc12>
UKUKHUSELWA  KOLUNTU NGOKWAHLULA  AMAPOLISA  NGOKWAMAQELA
Watsho waphumla umama nomntwana xa uJames Busakwe omdala ngeentsuku ezili-16 wabuyiselwa ebazalini bakhe bokwenene ngomhla wesi-7 ngo-Epreli  2006.
Ingxaki yaqala mhla unina wosana olunguJames wafika kwisiBhedlele saseKlerksdorp ngomhla wesi-6 ngo-Epreli etyelela usana lwakhe, abongikazi baqaphela ukuba usana lwanikezelwa komnye umama, yena wathi ungoyena nina wosana ngosuku olungaphambili kolo.
Kwangoko emva kokuba kubhaqiwe oko, abongikazi baxelela uMzi wamaPolisa iKanana ngoba inenekazi elalizenza umama kaJames laliyinike abongikazi idilesi yaseKanana.
Yafunwa le ndawo wayebaxelele ngayo  kodwa zange ifumaneke.
Igama lenenekazi nenkcazelo ngayo zazingaziwa mntu kule dilesi.
Ngengokuhlwa yomhla wesi-6 ngo-EpreliiGqiza elijongene noLwaphulo-mthetho laseKanana laba nentlanganiso.
Ibambela elingumkhomishinari wesitishi lachazela eli gqiza ngokugcinwa kolo sana kujongwe inzuzo laza lacela wonke umntu ukuba makavule amehlo neendlebe.
Malunga ne-23:00  kwangobo busuku, omnye kubahlali waxelela amapolisa ukuba umfazi ohlala kwindawo yabo, ebengaziwa njengomntu okhulelweyo kodwa ubonwa sele enosana oluyinkwenkwe. 
Amapolisa alandela lo mkhondo, ngokwenene alifumana elo nenekazi nolo sana.
Abesibhedlele kwayiwa kubo baza kwangoko balwazi olo sana, nomfazi lowo wayemthathe kweso sibhedlele bamnakana abasebenzi. 
Ubungqina obahlukeneyo, obuqukaibhantana yeplastikhi eyayifakwe esihlahleni sosana sisibhedlele, nayo yafunyanwa kwindlu yomrhanelwa lowo.
Lo mfazi wabanjwa, usana olwalungenzakaliswanga lwabuyiselwa esibhedlele, lwanikezelwa kunina walo wokwenene ngentsasa elandelayo.
Isenzo sabahlali sokubandakanyeka ekufunyanweni kosana, masiqhwatyelwe izandla, kungokuba siliqaqambisile ixabiso lokuSebenzisana kwabahlali namaPolisa kusiliwa ulwaphulo-mthetho. 
Ixabiso lokwaHlulwa kweGqiza lamaPolisa esitishi eliphunyezwe lalondolozwa ngokuchanekileyo, akufuneki lijongelwe phantsi.
Qhubekani ngalo msebenzi mhle, Gqiza elijongene noLwaphulo-mthetho eKanana!
Nkosikazi ebekekileyo
Ndiyaqonda kwaba lithamsanqa okanye inyhweba ukuba mandigqithe kumzi wamapolisa eMondeor, lilonke ndaqubisana neyeNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika iJenali.
Ndiyaqonda ishicilelwa kanye ngenyanga, kwandenza ndanomdla endakufundayo kuyo.
Mna nenkosikazi yam saqalisa ishishini saza sathanda ukumema wonke umntu, okanye nabani na kubasebenzi benu xa besendaweni yethu, sasifuna bangene bafumane ikomityi yekofu okanye eyeti, kunjalo sasiza kubanika ibhiskiti okanye ke zibe mbini ezinokufumaneka.
Njengoko ndiqinisekile nawe uza kuqonda, akululanga ukuqalisa ishishini elitsha kwaye kusetyenzwa nzima, ininzi imali efunekayo.
Nangona kunjalo, siyakholelwa ekubeni amapolisa namanye amasebe anyanzelisayo ngomthetho abalulekile kakhulu kubemi bonke boMzantsi Afrika.
Le yinto esithanda ukuninika yona sibulela ngokuzinikezela kwenu niqinisekisa ukuba thina, bemi belizwe, singaqhubeka nobomi bethu bemihla ngemihla. 
Sisalindele ukuva, okanye kungakuhle, ukubona abanye abasebenzi benxibe impahla yomsebenzi, bengena kwivenkile yethu ukuze sazane kakuhle nabo. 
Siyaphinda siyabulela, kubanyanzelisi bomthetho baseMzantsi Afrika, ngokusebenza nzima nangokuzimisela ekuwugcineni ukhuselekile uMzantsi Afrika.
Iileta ezimfutshane ezineengongoma ezibalulekileyo zingathunyelwa kuMhleli ngefeksi okanye nge-imeyili.
Sinelungelo lokuhlela okanye siyishwankathele imibhalo ekwezo leta.
<Doc13>
UBIZO LOKUSEBENZA
Ngomhla we-14 ngoJuni 2007, kwelinye lamanqaku eSAPS Journal Online (www.sapsjournalon-line.gov.za) kwachazwa ngokubanjwa kwamapolisa amabini eCandelo laseWelkom lokuChongwa kweziThuthi ngenxa yezenzo zenkohlakalo nobuqhetseba. 
Ngokwengxelo esi sibini, intsumpa kunye nomhloli, sathengisa izithuthi ezazibhaqwe ngamapolisa, isibini esi sasifuna inzuzo.
Aba barhanelwa bobabini bavela enkundleni yamatyala ngomhla we-12 kuJuni kwaye ityala larhoxiselwa umhla wama-21 ngo-Agasti 2007.
Sekudlule usuku, ngomhla we-15 ngoJuni 2007, isihloko seendaba ze-News24 sasisithi:  “Amapolisa amabini abanjelwe ukuphanga exhobile”.
Ngesi isihlandlo yayilipolisa elisaqeqeshwayo nelinye elingumhloli, ngokwengxelo baxhomisa abasebenzi kwivenkile ethengisa izinxibo eMarble Hall, kwabiwa  imali, iibhulukhwe kunye nehempe.
Amapolisa kufuneka ayiyeke inkohlakalo.
Nangona abanye bethu benyanisekile, bengabemi abasebenza nzima, ambalwa amagosa angamapolisa awabonisi kuzihlonipha, awazihloniphi izinxibo zawo zomsebenzi okanye awazihloniphi iziBhambathiso zokuziPhatha kwamaPolisa.
Lifikile ixesha lokuba i-SAPS siyahlukanise kube kanye, kususwe kwaphela lawo anezenzo ezingalunganga.
Kwaye ngoku unganceda ngokwahlukana namapolisa akhohlakeleyo, ngokuwabhenca kumnxeba onika ingxelo ngolwaphulo-mthetho.
Ungalikhankanyi igama lakho!
Xa urhanela ukuba omnye enisebenza naye uzimisele kwizenzo ezingalunganga, okanye xa ekhona ongomnye omaziyo, nokuba ngamapolisa, ngabantu bakokwenu, ngabo usebenza nabo, ngabamelwane okanye ngabantu ongabaqhelanga, abazibandakanyayo okanye abanezicwangciso zokuzibandakanya kulwaphulo-mthetho, kuphela thumela iSMS kwinombolo 32211.
Lowo ngumnxeba omtsha wesizwe, ojongene nolwaphulo-mthetho nosandula ukundululwa yiPrimedia eSandton.
Ungathumela i-SMS kwinombolo 32211 (ngentlawulo eyi-R1 inye) okanye yiya ku-www.crime-line.co.za
Abathathi beenkcukacha abaqeqeshiweyo balindele ukugqithisela ezo nkcukacha emapoliseni, wona aza kusebenze ngazo kwangoko!
Okona kulungileyo kukuba uya kuhlala ungaziwa ukuba ungubani na.
Ngoku unawo amandla okunceda ulwe nolwaphulo-mthetho ungakhange uzifake ezingozini.
Iphulo lePrimedia iyathembisa ukuba ayikho into enokukuchaphazela.
 UYusuf  Abramjee, ongumLungelelanisi weProjekhthi yePrimedia eChaseneyo noLwaphulomthetho uthe:  “Asilifuni igama lakho okanye idilesi ngaphandle kokuba nguwe othande ukusinika kwaye akukho mfuneko yeengxelo okanye yokuvela ezinkundleni zamatyala.
Kuphela sifuna iinkcukacha ngabaphulimthetho ukuze amapolisa asebenze ngeso senzo.”
Eli phulo litsha, lezigidigidi zeeRandi, lichase ulwaphulo-mthetho kuzwelonke, belindululwa yiPrimedia eSandton ngomhla wesi-7 ngoJuni 2007.
Lisekelwe kwinkqubo yaMazwe ehlabathi yabaThinteli boLwaphulo-mthetho. 
AbaThinteli boLwaphulo-mthetho baqala e-Albuquerque, eNew Mexico ngoSeptemba 1976.
Yintsebenziswano ephakathi kwabahlali, kwamajelo osasazo lweendaba nee-arhente ezinyanzelisayo ngomthetho kwaye layilelwa ukunqanda ulwaphulo-mthetho nokubagcina bekhuselekile abahlali.
Kule mihla sikuyo, zimalunga ne-1 200 iinkqubo zabaThinteli boLwaphulo-mthetho ehlabathini lonke ezisebenza emazweni angama-20 asebenzisa iinkcukacha azinikiweyo ngabahlali ekuncedeni ngezisombululo zolwaphulo-mthetho.
Ngokubhekiselele kwiGosa eliyiNtloko yePrimedia Ltd, uMnu. William Kirsh, ezi nkqubo sezincedile ekukhonkxeni abaphulimthetho abangama-600 000! 
Ekufuneka likwazile ipolisa ngalinye ngeli phulo litsha lichaseneyo nolwaphulomthetho kukuba, lixhaswe ngokupheleleyo nguMphathiswa woKhuselo noKhuseleko, uMnu. Charles Nqakula kunye noMkhomishinari weNkonzo yamaPolisa kuZwelonke onguJackie Selebi. 
UMkhomishinari onguSelebi wathembisa ukuba  “njengombutho, sakwenza ngako konke okusemandleni ukuze eli phulo lisebenze.”
Umbuzo ngowokuba nina nakwenza ntoni ngalo?  
Inkxaso epheleleyo yomntu wonke iyafuneka, ayijoliswanga ekuthatheni inxaxheba ngoko nangoko xa ufumene iinkcukacha kwiziko leminxeba echazayo ngolwaphulomthetho, kuyafuneka nokuba sinike iinkcukacha ngeli phulo nakweyiphi na indawo umntu anokuba kuyo.
Xelela abantu, amaGqiza okuThintela uLwaphulomthetho, izikolo, abantu bakowenu nabahlobo ngeli phulo.
Qinisekisa ukuba banengqiqo yokuba eli phulo liyathembisa ngokuba akukho loyiko lokuchaphazelwa ziziphumo, awasayi kukhankanywa amagama abo nokuba sekutheni na.
Kwaye khumbula ukuba lo asingomnxeba wexesha likaxakeka.
Abantu kufuneka basoloko benika ingxelo yokungxamisekileyo  kwa-10111  okanye baye kowona mzi wamapolisa ukufutshane kubo.
Ngenxa yeli phulo lichase ulwaphulo-mthetho, amajelo osasazo lweendaba sele ewancedisile amapolisa. 
Afuna ukusinceda ukuze uMzantsi Afrika siwenze eyona ndawo ikhuselekileyo kumntu wonke.
Kwisindululo sephulo lomnxeba ochazayo ngolwaphulo-mthetho, uJohn Robbie  ongumsingathi  we-Talk Radio 702 unikezele ngoomatshini abazizixhobo  zokuChonga abangama-65 kwi-SAPS. 
UMnu. Robbie kutshanje ubabongozile abaphulaphuli emoyeni ukuba mabathembise ngokuzinikezela kwaba matshini baziziXhobo zokuChonga
Abathengisa oomatshini, abeTeknoloji yoBuso, nabo bebesezingxoxweni, ixabiso loomatshini balithobile, nto leyo eyenze iinkampani ebezisele zithembise ngokuthenga umatshini omnye ngemali eninzi, zatsho zakwazi ukubathenga babe babini.
Abe-Primedia noJohn Robbie asikokuphela kwabo abawancedayo amapolisa ekulweni ulwaphulo-mthetho.
Khanifunde neliphi na kumabali empumelelo kwiJenaliekwi-intanethi yeSAPS Afrika kwaye nakuyibona indlela asombululwe ngayo amatyala ngoncedo lwabahlali. 
Ngeli phulo litsha likhoyo lichaseneyo nolwaphulomthetho , abaphulimthetho, kuqukwa nabo bambalwa banenkohlakalo kwiindawo abaphangela kuzo, ngokuqinisekileyo inye into abanokwazi ... imihla yabo ibaliwe.
<Doc14>
Ukunikwa igunya yi-ETQA njengomnikezeli weenkonzo 
IiNkonzo zikaRhulumente woMzantsi Afrika
Ukufaka isicelo kwi-ETQA sokugunyaziswa  njengomnikezeli wemfundo  noqeqesho
Inkcazelo
Imiqathango esebenzayo kwaboQinisekiso loMgangatho weMfundo noQeqesho (ETQA) phantsi  koLawulo lweZiqinisekiso zeMfundo lwaseMzantsi Afrika (SAQA)  ifuna ukuba abanikezeli bemfundo noqeqesho bafake isicelo sokunikwa elo wonga ngabe-ETQA.
Ukuze uzuze eli wonga, abanikezela ngemfundo noqeqesho kufuneka babe babhalisile ngokubhekiselele kuwisomthetho olusebenzayo.
Uwisomthetho ngokubhekiselele kwiMfundo ePhakamileyo neMfundo eyaNdisiweyo lufuna ukuba bonke abanikezela ngemfundo noqeqesho baveze ubungqina obungamaxwebhu anenkcazelo yezifundo abanazo  ukuze babhaliswe kwiSebe lezeMfundo. 
Onikezela ngemfundo noqeqesho kufuneka anikezele ngemigangatho yamanqanaba kunye/okanye ngezifundo zemimandla yengqwalasela yokuqala yesiQinisekiso soMgangatho weMfundo noQeqesho, (ETQA), ibhodi yeziFundo zamaCandelo nooGunyaziwe kwezoQeqesho  (SETA) okanye zeBhodi yezifundo zobuNgcali.
Okufunekayo nokufanele elo wonga:
* Okufunekayo kwewonga kuyafumaneka kuxwebhu olunesihloko esithi  IiNqobo zokugweba neziKhokelo zabaNikezeli kwaye luyafumaneka kwiwebhusayithi yeSAQA.
* Iinkqubo (kunye / okanye ukuhlola) eziqulunqwe ngumnikezeli wemfundo noqeqesho ziphelela kumanqanaba ezifundo kunye / okanye kwingxelo ngokufundisiweyo  nebhalisiweyo kuBume beziFundo zikaZwelonke (NQF). 
* Ikharityhulam (uyilo, isiqulatho nezibonelelo zokufundisa) ilungelelaniswe namanqanaba ezifundo kunye/okanye nengxelo ngezifundo ezithathwayo.
* Kukho abasebenzi abanamaxwebhu engxelo ngezifundo abanazo (ababhexeshi ababhalisiweyo kunye nabahloli bezifundo). 
* Abafundi bayafikelela kwiinkonzo zokubaxhasa ngokwaneleyo kwizifundo.
* Ulwazi-nkqubo ngokuhlola nangezixhobo ezinokusetyenziselwa ukulinganisela iimfuno zomgangatho wezifundo kunye/okanye nengxelo ngezifundo ezinikezelwayo zibonakala zifanelekile, zizezokwenene kwaye zithembekile, kananjalo zisetyenziselwa ukuwuxhoma umgangatho wezifundo.
Amanyathelo amawalandelwe
* Thumela ileta eneenjongo onazo zokugunyaziswa njengomnikezeli wemfundo noqeqesho kweyona ifanelekileyo ye-ETQA  iiofisi.
* Ngenisa olwakho uxwebhu lokuzivavanya nolunye uxwebhu lokufaka isicelo kweye-ETQA  iiofisi.  
* Ukuba akulinikwanga iwonga kwaye ngokubona kwakho  le nkqubo ibenalo ikhethe,  unelungelo lokubhena.
* Uluhlu lwee-ETQA  neenkcukacha zonxibelelwano  luyafumaneka kwiwebhusayithi  yeSAQA. 
Oko kungathatha iinyanga ezintandathu.
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Kukho amaxwebhu ekufuneka azaliswe ngenkcukacha.
Amaxwebhu okufaka isicelo sokuba ngumnikezeli ogunyazisiweyo namanye amaxwebhu anxulumene noko, angafumaneka  kwi-ETQA 
Iinkcukacha zonxibelelwano – Nceda ukhethe inkqubo enye:
